2 Kumkani 9:1-37

9  UElisha umprofeti wabiza omnye woonyana+ babaprofeti waza wathi kuye: “Bhinqa isinqe+ sakho uze uthabathe eli selwa+ leoli ngesandla sakho uye eRamoti-giliyadi.+  Ekufikeni kwakho apho, ubone uYehu+ unyana kaYehoshafati unyana kaNimshi; uze ungene umphakamise phakathi kwabazalwana bakhe, umzise kwelona gumbi lingaphakathi.+  Uze uthabathe iselwa leoli umgalele entloko+ yaye uthi, ‘Utsho uYehova ukuthi: “Ndiyakuthambisa+ ukuba ube ngukumkani+ kwaSirayeli.”’ Uze uvule ucango usabe ungalindi.”  Yaye umlindi, umlindi womprofeti, wangena endleleni eya eRamoti-giliyadi.  Ekungeneni kwakhe, khangela, nazo iintloko zomkhosi wamajoni zihleli. Waza wathi: “Ndinelizwi kuwe,+ ntloko yomkhosi.” Yena ke uYehu wathi: “Kuwuphi na apha kuthi sonke?” Wandula ke wathi: “Kuwe, ntloko yomkhosi.”  Ngoko wasukuma wangena endlwini; waza wagalela ioli entlokweni yakhe, wathi kuye: “Utsho uYehova uTHIXO kaSirayeli ukuthi, ‘Ndiyakuthambisa ukuba ube ngukumkani+ wabantu bakaYehova,+ oko kukuthi, kaSirayeli.  Uze uyixabele indlu ka-Ahabhi inkosi yakho, ndize ndiliphindezele+ igazi labakhonzi bam abaprofeti negazi labo bonke abakhonzi bakaYehova esandleni sikaIzebhele.+  Yaye yonke indlu ka-Ahabhi imele itshabalale; ndize ndinqumle kwa-Ahabhi+ nabani na ochamela eludongeni+ naye nabani na ongeloncedo nongento yanto+ kwaSirayeli.  Ndiyimise indlu ka-Ahabhi njengendlu kaYerobhoham+ unyana kaNebhati nanjengendlu kaBhahasha+ unyana ka-Ahiya. 10  UIzebhele uya kudliwa+ zizinja kwisiqwenga somhlaba esiseYizereli, yaye akuyi kubakho bani umngcwabayo.’” Emva koko wavula umnyango waza wasaba.+ 11  Ke yena uYehu, waphuma waya kubakhonzi benkosi yakhe, bathi kuye: “Ngaba yonke into ihamba kakuhle?+ Ibizele ntoni na le ndoda iphambeneyo+ kuwe?” Kodwa wathi kubo: “Niyayazi nani le ndoda nendlela ethetha ngayo.” 12  Kodwa bathi: “Bubuxoki obo! Khawusixelele.” Wandula ke wathi: “Ithe yathi ukuthetha nam, isithi, ‘Utsho uYehova ukuthi: “Ndiyakuthambisa ukuba ube ngukumkani kwaSirayeli.”’”+ 13  Ngokukhawuleza ngamnye wathabatha isambatho+ sakhe waza wasibeka phantsi kwakhe kwizinyuko ezingenanto, yaye bavuthela isigodlo+ baza bathi: “UYehu ngukumkani!”+ 14  Yaye uYehu+ unyana kaYehoshafati unyana kaNimshi+ wenzela uYehoram iyelenqe.+ UYehoram ubeyilinda iRamoti-giliyadi,+ yena naye wonke uSirayeli, ngenxa kaHazayeli+ ukumkani waseSiriya. 15  Kamva uYehoram+ ukumkani wabuyela eYizereli+ ukuze kuphile amanxeba akhe awaba nawo ekubethweni kwakhe ngamaSiriya ngoxa wayesilwa noHazayeli ukumkani waseSiriya.+ Ke kaloku uYehu wathi: “Ukuba umphefumlo wenu uyavuma,+ makungaphumi nabani na esixekweni aye kunikela ingxelo eYizereli.” 16  UYehu wakhwela waya eYizereli; kuba uYehoram wayelala apho, noAhaziya+ ukumkani wakwaYuda wayehlile waya kubona uYehoram. 17  Umlindi+ wayemi kwinqaba+ yaseYizereli,+ yaye wayibona indimbane yamadoda kaYehu njengoko wayesiza, kwaoko wathi: “Ndibona indimbane yamadoda.” UYehoram wathi: “Thabatha ijoni elikhwela ihashe uze ulithumele liye kuwahlangabeza, lize lithi, ‘Luxolo na?’”+ 18  Ngako oko umkhweli wehashe wahamba waya kumhlangabeza waza wathi: “Utsho ukumkani ukuthi, ‘Luxolo na?’” Kodwa uYehu wathi: “Yintoni na enawe ‘noxolo’?+ Jikela emva kwam!” Yaye umlindi+ wahamba waya kuxela, esithi: “Umthunywa uye waya kufika kubo, kodwa akakabuyi.” 19  Ngoko wathumela umkhweli wesibini wehashe, yena ekufikeni kwakhe kubo wathi: “Utsho ukumkani ukuthi, ‘Luxolo na?’” Kodwa uYehu wathi: “Yintoni na enawe ‘noxolo’?+ Jikela emva kwam!” 20  Umlindi wahamba waya kuxela, esithi: “Uye waya kufika kubo, kodwa akakabuyi; yaye ukuqhuba kunjengokuqhuba kukaYehu+ umzukulwana kaNimshi,+ kuba uqhuba ngobudlongodlongo.”+ 21  UYehoram wathi: “Bopha!”+ Ngoko inqwelo yakhe yokulwa yabotshwa yaye waphuma uYehoram ukumkani wakwaSirayeli noAhaziya+ ukumkani wakwaYuda, ngamnye ekwinqwelo yakhe yokulwa. Njengoko babeqhubeka besiya kuhlangabeza uYehu, bamfumana kwisiqwenga somhlaba kaNabhoti+ umYizereli. 22  Kwathi kamsinya nje uYehoram akumbona uYehu, ngoko nangoko wathi: “Luxolo na, Yehu?” Kodwa yena wathi: “Lungakho njani uxolo+ lo gama kusekho uhenyuzo lukaIzebhele+ unyoko nokukhafula kwakhe okuninzi?”+ 23  Kwaoko uYehoram wajika, ukuze asabe, waza wathi kuAhaziya: “Kukho inkohliso,+ Ahaziya!” 24  Yaye uYehu waqubula isaphetha+ sakhe waza watola kuYehoram phakathi kweengalo, kangangokuba utolo lwaphumela entliziyweni yakhe, wathi folokohlo kwinqwelo yakhe yokulwa.+ 25  Ke kaloku wathi kuBhidekare umphathi-mkhosi wakhe:+ “Mphakamise; umphose kwisiqwenga somhlaba kaNabhoti umYizereli;+ kuba khumbula: Mna nawe sasikhwele sobabini emva koAhabhi uyise, waza uYehova wabhengeza+ oku nxamnye naye: 26  ‘“Ngokuqinisekileyo igazi+ likaNabhoti negazi loonyana bakhe+ ndilibonile izolo,” utsho uYehova, “yaye ngokuqinisekileyo ndiya kukubuyekeza+ kwesi siqwenga somhlaba,” utsho uYehova.’ Ngoko, mphakamise; mphose kwisiqwenga somhlaba ngokwelizwi likaYehova.”+ 27  UAhaziya+ ukumkani wakwaYuda wakubona oko waza wasaba ngendlela yomyezo.+ (Kamva uYehu wamsukela waza wathi: “Naye! Mxabeleni!” [Ngoko bamxabela] ngoxa wayesenqwelweni kwindlela enyukayo eya eGure, engaseIbleyam.+ Waqhubeka nokusaba kwakhe waya eMegido+ waza wafela apho.+ 28  Ngoko abakhonzi bakhe bamthwala ngenqwelo bamsa eYerusalem, yaye bamngcwaba engcwabeni lakhe nookhokho bakhe kwisiXeko sikaDavide.+ 29  Yaye kwakungonyaka weshumi elinanye kaYehoram+ unyana ka-Ahabhi awathi uAhaziya+ waba ngukumkani kwaYuda.) 30  Ekuhambeni kwethuba uYehu wafika eYizereli,+ yaye uIzebhele+ wakuva oko. Kwaye wawaqaba+ amehlo akhe ngesithambiso esimnyama walungisa nentloko yakhe kakuhle+ waza wakhangela phantsi ngefestile.+ 31  UYehu wangena esangweni. Ngoko yena wathi: “Ngaba kumhambele kakuhle na uZimri+ umbulali wenkosi yakhe?” 32  Ngoko wabuphakamisela ngasefestileni ubuso bakhe waza wathi: “Ngubani na ongakum? Ngubani na?”+ Ngoko nangoko amagosa enkundla amabini okanye amathathu+ akhangela kuye phantsi. 33  Ngoko wathi: “Mphoseni phantsi!”+ Ngoko bamphosa phantsi, yaye inxalenye yegazi lakhe yatshiza udonga namahashe; waza wamnyathelisa+ ngawo. 34  Emva koko wangena, wadla, wasela waza wathi: “Khanincede, ninyamekele lo uqalekisiweyo+ nize nimngcwabe, kuba yintombi yokumkani.”+ 35  Xa bahambayo besiya kumgcwaba, abazange bafumane nantoni na yakhe ngaphandle kokakayi neenyawo neentende zezandla zakhe.+ 36  Ekubuyeni kwabo ukuza kumxelela, yena wahlabela mgama wathi: “Lilizwi likaYehova awalithetha+ ngomkhonzi wakhe uEliya umTishbhi, esithi, ‘Izinja ziya kuyidla inyama kaIzebhele kwisiqwenga somhlaba waseYizereli.+ 37  Yaye isidumbu sikaIzebhele ngokuqinisekileyo siya kuba ngumgquba+ emhlabeni kwisiqwenga somhlaba waseYizereli, ukuze bangathi: “Lo nguIzebhele.”’”+

Umbhalo osemazantsi