Eksodus 31:1-18

31  Waqhubeka uYehova ethetha kuMoses, esithi:  “Uyabona, ndibize ngegama uBhetsaleli+ unyana kaUri, unyana kaHure wesizwe sakwaYuda.+  Ndomzalisa ngomoya kaThixo, ngobulumko nangokuqonda nangolwazi nangalo lonke uhlobo lobungcibi,+  ukuze ayile amacebo, asebenze ngegolide nangesilivere nangobhedu,+  axonxe amatye, awaqingqe,+ axonxe nemithi ukuze enze imveliso yalo lonke uhlobo.+  Yabona! mna ndityumbe kunye naye uOholiyabhi unyana ka-Ahisamaki wesizwe sakwaDan,+ nasentliziyweni yakhe wonk’ ubani olumkileyo entliziyweni ndibeke ubulumko, ukuze bazenze ngokwenene zonke izinto endikuyalele ngazo:+  intente yokuhlangana+ neTyeya+ yesingqino nesigubungelo esiphezu kwayo,+ nempahla yonke yentente,  netafile nempahla yayo,+ nesiphatho sezibane segolide esulungekileyo nempahla yaso yonke,+ nesibingelelo sokuqhumisela,+  nesibingelelo somnikelo otshiswayo nempahla yaso yonke,+ nesitya nesiphatho saso,+ 10  nezambatho ezinithiweyo nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli nezambatho zoonyana bakhe abakhonza njengababingeleli;+ 11  neoli yokuthambisa nesiqhumiso sobulawu sengcwele.+ Baya kwenza njengako konke endikuyalele ngako.” 12  Wathi uYehova ngokubhekele phaya kuMoses: 13  “Thetha ke wena koonyana bakaSirayeli, uthi, ‘Gcinani ngokukodwa iisabatha zam,+ kuba ingumqondiso phakathi kwam nani kwizizukulwana zenu ukuze nazi ukuba ndinguYehova oningcwalisayo.+ 14  Yaye nimele niyigcine isabatha, kuba ingcwele kuni.+ Lowo uyihlambelayo wobulawa afe.+ Ukuba kukho nabani na owenza umsebenzi ngayo, loo mphefumlo mawunqunyulwe ebantwini bakowawo.+ 15  Nosebenza imihla emithandathu, kodwa ngomhla wesixhenxe yisabatha yokuphumla ngokupheleleyo.+ Ingcwele kuYehova. Nabani na owenza umsebenzi ngomhla wesabatha wobulawa afe. 16  Oonyana bakaSirayeli mabayigcine ke isabatha, bayenze isabatha kwizizukulwana zabo. Ingumnqophiso wexesha elingenammiselo.+ 17  Phakathi kwam noonyana bakaSirayeli ingumqondiso wexesha elingenammiselo,+ kuba ngemihla emithandathu uYehova wenza amazulu nomhlaba, waphumla ngomhla wesixhenxe, wazihlaziya.’”+ 18  Akugqiba ukuthetha naye eNtabeni yeSinayi wamnika uMoses amacwecwe amabini eSingqino,+ amacwecwe amatye ebhalwe ngomnwe kaThixo.+

Umbhalo osemazantsi