Hezekile 29:1-21
29 Ngonyaka weshumi, ngenyanga yeshumi, ngomhla weshumi elinesibini enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:
2 “Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho kuFaro ukumkani waseYiputa+ uze uprofete ngaye nangeYiputa yonke iphela.+
3 Thetha, uthi, ‘Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Yabona, ndinxamnye nawe, Faro, kumkani waseYiputa,+ silo esikhulu saselwandle+ esibuthume phakathi kwemijelo yomNayile waso,+ esithe, ‘UMlambo wam umNayile ngowam, yaye mna—ndizenzele wona.’+
4 Ndiza kufaka amagwegwe emihlathini yakho+ ndize ndizinamathelise emaxolweni akho iintlanzi zemijelo yomNayile wakho. Ndiza kukunyusa uphume phakathi kwemijelo yomNayile wakho nazo zonke iintlanzi zemijelo yomNayile wakho ezinamathela kumaxolo akho.
5 Ndiza kukushiya ke entlango, wena neentlanzi zemijelo yomNayile+ wakho. Uya kuwela phezu komhlaba.+ Akuyi kuhlanganiswa ungayi kuqokeleleka ndawonye. Ndiza kukunikela ube kukutya kwamarhamncwa omhlaba nokwezidalwa eziphaphazelayo zamazulu.+
6 Bonke abemi baseYiputa baya kwazi ukuba ndinguYehova,+ ngenxa yokuba bona babe yingcongolo yokuxhasa indlu kaSirayeli.+
7 Xa bakubamba ngesandla, wasuka watyumka,+ waza wakrazula igxalaba labo liphela. Bakuzixhasa ngawe, usuke waphuka,+ wabangela zagexa zonke izinqe zabo.”+
8 “‘Ngoko ke itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Yabona, ndikuzisela ikrele,+ yaye ndiza kunqumla kuwe umntu wasemhlabeni nesilwanyana sasekhaya.+
9 Kwaye ilizwe laseYiputa liya kuba yinkangala ephanzileyo nendawo echithakeleyo;+ bazi ukuba ndinguYehova, ngenxa yokuba yena uthe, ‘UMlambo umNayile ngowam, ndiwenze ngokwam.’+
10 Ngoko ke yabona, ndinxamnye nawe nemijelo yomNayile wakho,+ yaye ndiza kulenza ilizwe laseYiputa libe ziindawo ezichithakeleyo,+ ezomileyo, inkangala ephanzileyo, ukususela eMigdoli+ ukusa eSiyene+ nakumda wamaTiyopiya.
11 Akuyi kudlula lunyawo lomntu wasemhlabeni kuyo,+ nonyawo lwesilwanyana sasekhaya aluyi kudlula kuyo,+ yaye ayiyi kuba nabemi kangangeminyaka engamashumi amane.+
12 Kwaye ilizwe laseYiputa ndiza kulenza inkangala ephanzileyo phakathi kwamazwe achithakeleyo;+ nezixeko zayo ziya kuba yinkangala ephanzileyo phakathi kwezixeko ezichithakeleyo kangangeminyaka engamashumi amane;+ yaye ndiza kuwachithachitha amaYiputa phakathi kweentlanga, ndiwasasaze emazweni.”+
13 “‘Kuba itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Ekupheleni kweminyaka engamashumi amane+ ndiya kuwaqokelela ndawonye amaYiputa kwizizwana aya kube echithachitheke phakathi kwazo,+
14 ndibuyisele iqela labathinjwa bamaYiputa; ndibabuyisele kwilizwe lasePatrosi,+ kwilizwe lemvelaphi yabo, yaye bamele babe bubukumkani obuthotyiweyo.
15 Buya kuthotywa bube ngaphantsi kwezinye izikumkani, abuyi kuphinda ke buziphakamise phezu kwezinye iintlanga,+ ndiza kubenza babe mbalwa ngokokuze bangabi nabukhosi kwezinye iintlanga.+
16 Yaye abuyi kuphinda bube yintembelo yendlu kaSirayeli,+ bezikhumbuza isiphoso ngokujika balandele bona.+ Baya kwazi ukuba ndiyiNkosi enguMongami uYehova.”’”
17 Ke kaloku kwathi ngonyaka wamashumi amabini anesixhenxe, ngeyokuqala inyanga, ngowokuqala umhla enyangeni leyo, ilizwi likaYehova lafika kum, lisithi:
18 “Nyana womntu, uNebhukaderetsare,+ ukumkani waseBhabhiloni, wenze umkhosi wamajoni akhe wafeza inkonzo enkulu nxamnye neTire.+ Zonke iintloko zichetywe iinkqayi, namagxalaba onke atyabukile.+ Kodwa umvuzo wona,+ akabanga nawo yena nomkhosi wakhe wamajoni eTire ngenxa yenkonzo leyo ayifezileyo nxamnye nayo.
19 “Ngoko ke itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, ‘Yabona, ndilinikela kuNebhukaderetsare ukumkani waseBhabhiloni ilizwe laseYiputa,+ yaye umele ayithabathe emke nayo indyebo yalo aze athabathe into eninzi yamaxhoba kulo,+ aliphange kakhulu; libe ngumvuzo womkhosi wamajoni akhe.’
20 “‘Ndimnike ilizwe laseYiputa ukuba libe yimbuyekezo yenkonzo ayenzileyo nxamnye nalo, ngenxa yokuba bebesebenzela mna,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.
21 “Ngaloo mini ndiya kuyihlumisela uphondo indlu kaSirayeli,+ yaye wena ndiya kukunika ithuba lokuvula umlomo phakathi kwabo;+ bazi ukuba ndinguYehova.”