Hezekile 31:1-18

31  Kwathi ngonyaka weshumi elinanye, ngeyesithathu inyanga, ngowokuqala umhla enyangeni leyo, lafikakwakhona ilizwi likaYehova kum, lisithi:  “Nyana womntu, yithi kuFaro ukumkani waseYiputa nakwisihlwele sakhe,+ “Ufana nabani na ngobukhulu bakho?  Khangela! UmAsiriya, umsedare waseLebhanon,+ omasebe mahle,+ intshinyela yemithi enomthunzi, ophakamileyo ngobude,+ ngokokuze incopho yomthi wakhe ibe phakathi kwamafu.+  Amanzi awukhulisa;+ amanzi anzongonzongo awubangela wakhula wamde. Ngenxa yemisinga yawo wawusiya macala onke kwindawo otyalwe kuwo; nemijelo yawo yayithumela kuyo yonke imithi yasendle.  Kungenxa yoko le nto wakhula waba mde ngokuphakama kunayo yonke eminye imithi yasendle.+ “‘Amasebe awo anda, aba made ngenxa yamanzi amaninzi emifuleni yawo.+  Emasebeni awo zonke izidalwa eziphaphazelayo zamazulu zenza iindlwane zazo,+ nawo onke amarhamncwa asendle azalela phantsi kwamasebe awo,+ nasemthunzini wawo kwakuhlala zonke iintlanga ezinkulu.  Waba mhle ngobukhulu bawo,+ ngobude bamahlamvu awo, kuba iingcambu zawo zazisemanzini amaninzi.  Eminye imisedare yayingalingani nawo emyezweni kaThixo.+ Ke yona imithi yejunipha, yayingafani nawo ngokuphathelele amasebe awo. Nemithi yompleyini yayingafani nayo ngamasebe. Awukho omnye umthi owawufana nawo ngobuhle bawo emyezweni kaThixo.+  Ndawenza waba mhle ngentabalala yamahlamvu awo,+ kwaye yonke eminye imithi yase-Eden eyayisemyezweni kaTHIXO oyinyaniso yawumonela.’+ 10  “Ngoko ke itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, ‘Ngenxa yokuba waphakamayo ngobude, ngokokuze incopho yawo ibe phakathi kwamafu+ nentliziyo yawo yaziphakamisa ngenxa yokuphakama kwawo,+ 11  nawo ndiya kuwunikela esandleni sengqwayingqwayi yeentlanga.+ Nakanjani na iya kwenza okuthile nxamnye nawo. Ndiza kuwugxotha ngokobungendawo bawo.+ 12  Yaye abasemzini, oozwilakhe beentlanga, baya kuwugawula, nabantu baya kuwushiya ezintabeni; ngokuqinisekileyo amahlamvu awo aya kuwela ezintlanjeni, namasebe awo aya kwaphuka phakathi kwemisinga yonke yomhlaba.+ Kwaye zonke izizwana zomhlaba ziya kuhla zishiya umthunzi wazo.+ 13  Zonke izidalwa eziphaphazelayo zamazulu ziya kuhlala phezu kwesiqu sawo esiwileyo, naphezu kwamasebe awo ngokuqinisekileyo kuya kubakho onke amarhamncwa asendle;+ 14  ukuze kungabikho namnye kwimithi yasemanzini ophakamayo ngobude, okanye onencopho ede ibe phakathi kwamafu, namnye osela amanzi onokuziphakamisa nxamnye nayo ngobude, kuba ngokuqinisekileyo yonke iya kunikelwa ekufeni,+ kwilizwe langaphantsi,+ phakathi koonyana boluntu, kwabo behla baye emhadini.’ 15  “Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, ‘Ngemini yokuhla kwawo uye eShiyol ngokuqinisekileyo ndiya kuwubangela uzile.+ Ngenxa yawo ndiza kuwagubungela amanzi anzongonzongo, ukuze ndithintele imisinga yawo nokuze anqandwe amanzi amaninzi; yaye ngenxa yawo ndiya kuyenza mnyama iLebhanon, nangenxa yawo yonke imithi yasendle iya kubuna. 16  Ngesandi sokuwa kwawo ngokuqinisekileyo ndiya kuzibangela zinyikime iintlanga ukuwuhlisa kwam ndiwuse eShiyol kunye nabo behla baye emhadini,+ yaye kwilizwe langaphantsi yonke imithi yase-Eden,+ emihle neyona ilungileyo yaseLebhanon, yonke esela amanzi, iya kuthuthuzeleka.+ 17  Nayo njengawo ihlile yaya eShiyol,+ kwabo babulewe ngekrele, nabo bathe njengembewu yawo bahlala emthunzini wawo phakathi kweentlanga.’+ 18  “‘Ngubani na ofana naye ngozuko+ olunjalo nobukhulu phakathi kwemithi yase-Eden?+ Kodwa ngokuqinisekileyo uya kwehliselelwa kwilizwe langaphantsi+ kunye nemithi yase-Eden. Uya kulala phakathi kwabangalukanga kunye nabo babulewe ngekrele. NguFaro ke lo nesihlwele sakhe sonke,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”

Umbhalo osemazantsi