Hoseya 13:1-16

13  “Xa wathethayo uEfrayim, kwabakho ukungcangcazela; yena ngokwakhe waphakanyiswa kwaSirayeli.+ Kodwa waba netyala ngoBhahali+ waza wafa.+  Ke kaloku wenza isono esongezelelekileyo ngomfanekiso otyhidiweyo ngeesilivere zakhe,+ izithixo ngokuqonda kwakhe,+ nomsebenzi wengcibi, wonke.+ Wathi kubo, ‘Abantu ababingelelayo mabawange amathole.’+  Ngoko ke uya kuba njengamafu akusasa+ nanjengombethe omka ekuseni; njengomququ ophetshethwa sisaqhwithi kwisanda+ nanjengomsi ophuma kumngxuma wophahla.  “Kodwa mna ndinguYehova uThixo wakho kwasezweni laseYiputa,+ yaye kwakungekho Thixo wawumazi; kwakungekho msindisi ngaphandle kwam.+  Mna ndakwazi entlango,+ kwilizwe lemikhuhlane.+  Ngokuphathelele idlelo lakhe wanela.+ Wanela yaza yaphakama intliziyo yakhe.+ Kungenxa yoko le nto wandilibalayo.+  Ndiya kuba njengengonyama entsha kuye.+ Ndiya kumkhangela njengehlosi endleleni.+  Ndiya kuqubisana naye njengebhere elahlekelwe ngamathole+ ayo yaye ndiya kusikrazula isivingco sentliziyo yakhe. Yaye ndiya kumqwengela apho njengengonyama;+ irhamncwa lasendle liya kumqwenga.+  Ngokuqinisekileyo oku kuya kukonakalisa,+ Sirayeli, ngenxa yokuba kwakunxamnye nam, nxamnye nomncedi wakho.+ 10  “Uphi, ke ngoko, ukumkani wakho, ukuze akusindise kuzo zonke izixeko zakho,+ nabagwebi bakho, owathi ngabo, ‘Ndinike ukumkani neenkosana’?+ 11  Ndakunika ukumkani ndinomsindo,+ yaye ndiya kumsusa ndivutha ngumsindo.+ 12  “Isiphoso sikaEfrayim siyasongwa, isono sakhe siyagcinwa.+ 13  Inimba yomfazi ozalayo iya kuza kuye.+ Ungunyana ongenabulumko,+ kuba ngexesha elifanelekileyo uya kuma ngxi ekuqhambukeni koonyana esibelekweni.+ 14  “Ndiya kumkhulula esandleni seShiyol;+ ekufeni ndiya kumkhulula.+ Luphi na ulwamvila lwakho, Kufa?+ Kuphi na ukutshabalalisa kwakho, Shiyol?+ Imfesane iya kufihlwa emehlweni am.+ 15  “Nokuba kungenzeka ukuba avelise iziqhamo+ njengezityalo zengcongolo, uya kufikelwa ngumoya wasempuma, umoya kaYehova.+ Unyuka usuka entlango, yaye uya kulomisa iqula lakhe uze uwutshise umthombo wakhe.+ Uya kubuphanga bonke ubuncwane beempahla ezinqwenelekayo.+ 16  “ISamariya iya kugqalwa inetyala,+ kuba inemvukelo nxamnye noThixo wayo.+ Iya kuwa likrele.+ Abantwana bayo baya kutyunyuzwa,+ nabafazi bayo abamithiyo baya kuqhaqhwa.”+

Umbhalo osemazantsi