Hoseya 4:1-19
4 Liveni ilizwi likaYehova, bonyana bakaSirayeli, kuba uYehova ubabek’ ityala abemi beli lizwe,+ kuba akukho nyaniso+ nabubele bothando nakwazi uThixo kweli lizwe.+
2 Kukho iziqalekiso+ nokuqhelisela inkohliso+ nokubulala,+ ukuba+ nokukrexeza,+ negazi liphalala liphalele.+
3 Kungenxa yoko le nto eli lizwe liya kuzila+ naye wonke ummi okulo eya kuphelelwa kunye namarhamncwa asendle nezidalwa eziphaphazelayo zasemazulwini, kwaneentlanzi zaselwandle ziya kuhlanganiselwa ekufeni.+
4 “Noko ke, makungabikho mntu usukuzana nomnye,+ umntu makangamohlwayi omnye, kuba abantu bakho banjengabasukuzana nombingeleli.+
5 Yaye ngokuqinisekileyo uya kukhubeka ngexesha lasemini,+ kwanomprofeti akhubeke kunye nawe, njengasebusuku.+ Yaye ndiya kumvala umlomo unyoko.+
6 Ngokuqinisekileyo abantu bam baya kuthuliswa, ngenxa yokuba akukho kwazi.+ Ngenxa yokuba ukugatyile ukwazi,+ ndiya kukugatya nawe ekukhonzeni njengombingeleli kum;+ nangenxa yokuba uqhubeka uwulibala umthetho kaThixo wakho,+ ndiya kubalibala oonyana bakho nam.+
7 Ngokwesilinganiso sobuninzi babo, ngoko bonile kum.+ Uzuko lwam bananise ngalo ngehlazo.+
8 Baqhubeka besiqwenga isono sabantu bam, umphefumlo wabo bawuphakamisela kwisiphoso sabo.+
9 “Kuya kuthi njengoko banjalo abantu abe njalo umbingeleli;+ yaye ngokuqinisekileyo ndiya kubaphendulisa ngeendlela zabo;+ ndibabuyisele ngokwezenzo zabo.+
10 Baya kudla, kodwa abayi kwanela.+ Abafazi baya kubaphatha njengamaheyukazi; kodwa abayi kwanda,+ ngenxa yokuba bayekile ukumhlonela uYehova.+
11 Uhenyuzo newayini newayini enencasa zisusa intshukumisa elungileyo.+
12 Abantu bam babuzisa+ kwisithixo sabo somthi,+ nomsimelelo wesandla sabo uqhubeka ubaxelela; ngenxa yokuba kanye umoya wobuhenyu ubabangele baphambuka,+ yaye ngohenyuzo bayemka phantsi koThixo wabo.+
13 Babingelela phezu kweentaba,+ naphezu kweenduli baqhumisa umbingelelo,+ phantsi komthi oxandileyo nomthi westorakisi nomthi omkhulu, ngenxa yokuba ulungile umthunzi wawo.+ Kungenxa yoko le nto iintombi zenu zihenyuza noomolokazana benu bekrexeza.
14 “Andiyi kuziphendulisa iintombi zenu ngenxa yokuba zihenyuza, noomolokazana benu ngenxa yokuba bekrexeza. Ngokuba nawo amadoda, athi gu bucala namahenyukazi,+ aze abingelele kunye noonongogo basetempileni;+ yaye isizwana esingaqondiyo+ siya kunyathelelwa phantsi.
15 Nangona uhenyuza, Sirayeli,+ makangabi natyala uYuda,+ yaye musani ukuya eGiligali,+ ninganyuki niye eBhete-aven+ okanye nifunge nithi ‘Ephila nje uYehova!’+
16 Kuba, unjengemazi yenkomo enenkani uSirayeli ukuba nenkani.+ Ngaba ke uYehova uya kubalusa njengetakane legusha eliyinkunzi kwindawo ebanzi?
17 UEfrayim uhlanganisene nezithixo.+ Myekeni!+
18 Utywala babo bengqolowa buphelile,+ baphatha umfazi njengehenyukazi.+ Amakhaka akhe+ athande ihlazo.+
19 Umoya umbophile emaphikweni awo.+ Yaye baya kuba neentloni ngemibingelelo yabo.”+