INdumiso 107:1-43
107 Bulelani kuYehova, kuba ulungile;+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.+
2 Mabatsho njalo abo bahlangulweyo nguYehova,+Abo abahlanguleyo esandleni sotshaba,+
3 Nabo abaqokelele ndawonye bevela emazweni,+Empumalanga nasentshonalanga,+Emntla nasemzantsi.+
4 Babhadu-bhadula entlango,+ enkqantosini;+Abafumana ndlela eya kwisixeko sokuhlala.+
5 Babelambile yaye benxaniwe;+Wona kanye umphefumlo wabo ngaphakathi kwabo watyhafa.+
6 Badanduluka kuYehova besekubandezelekeni;+Wabahlangula kwiingcinezelo ezaziphezu kwabo,+
7 Waza wabahambisa endleleni elungileyo,+Ukuze bafike kwisixeko sokuhlala.+
8 Abantu mabambulele uYehova ngobubele bakhe bothando+Nangemisebenzi yakhe emangalisayo koonyana babantu.+
9 Kuba uwanelisile umphefumlo onxaniweyo;+Nomphefumlo olambileyo uwuzalise ngezinto ezilungileyo.+
10 Kukho abo babehleli ebumnyameni nakwithunzi elimnyama,+Amabanjwa kwinkxwaleko nasezintsimbini.+
11 Kuba bavukela+ amazwi kaThixo;+Ababai nantlonelo ngecebo lOyena Uphakamileyo.+
12 Ngoko wayoyisa intliziyo yabo ngenkathazo;+Bakhubeka, akwabakho bani uncedayo.+
13 Bamemeza kuYehova becela uncedo ekubandezelekeni kwabo;+Njengesiqhelo ke wabasindisa kwiingcinezelo ezaziphezu kwabo.+
14 Wabakhupha ebumnyameni nakwithunzi elimnyama,+Waqhawula nezibopho zabo.+
15 Abantu mabambulele uYehova ngobubele bakhe bothando+Nangemisebenzi yakhe emangalisayo koonyana babantu.+
16 Kuba uzaphule iingcango zobhedu,+Wayinqumla nemivalo yentsimbi.+
17 Abo babezizidenge, ngenxa yendlela abanxaxhe ngayo+Nangenxa yeziphoso zabo, ekugqibeleni bazibangela inkxwaleko.+
18 Umphefumlo wabo wacekisa lonke uhlobo lokutya,+Yaye babefika emasangweni okufa.+
19 Bamemeza kuYehova becela uncedo ekubandezelekeni kwabo;+Njengesiqhelo ke wabasindisa kwiingcinezelo ezaziphezu kwabo.+
20 Wathumela ilizwi lakhe waza wabaphilisa+Wabasindisa emihadini yabo.+
21 Abantu mabambulele uYehova ngobubele bakhe bothando+Nangemisebenzi yakhe emangalisayo koonyana babantu.+
22 Mabanikele imibingelelo yokubulela+Baze bavakalise imisebenzi yakhe ngentswahla yovuyo.+
23 Abo behla baye elwandle ngeenqanawa,+Besenza ishishini emanzini amaninzi,+
24 Ngabo abayibonileyo imisebenzi kaYehova+Nemisebenzi yakhe emangalisayo enzulwini;+
25 Indlela atsho ngayo ilizwi aze abangele kuvele umoya ovuthuzayo,+Ukuze uphakamise amaza ayo.+
26 Benyuka baye emazulwini,Bayehla baye emazantsi.Ngenxa yentlekele wona kanye umphefumlo wabo uzifumana unyibilika.+
27 Bayahexa yaye bayagxadazela njengomntu onxilileyo,+Kwanobulumko babo bonke bungqineka budidekile.+
28 Bayadanduluka kuYehova besekubandezelekeni,+Yaye uyabakhupha kwiingcinezelo eziphezu kwabo.+
29 Uzolisa isaqhwithi somoya,+Ukuze amaza olwandle athi cwaka.+
30 Baba nemihlali ngenxa yokuba wona ayazola,Kwaye ubakhokelela kwichweba loyolo lwabo.+
31 Abantu mabambulele uYehova ngobubele bakhe bothando+Nangemisebenzi yakhe emangalisayo koonyana babantu.+
32 Mabambonge ebandleni labantu;+Mabamdumise kwindawo yokuhlala yamadoda akhulileyo.+
33 Uguqula imilambo ibe yintlango,+Nemithombo yamanzi emhlabeni onxaniweyo,+
34 Ilizwe elineziqhamo libe leletyuwa,+Ngenxa yobubi babo bahlala kulo.
35 Uguqula intlango ibe lichibi lamanzi elineengcongolo,+Nelizwe lommandla ongumqwebedu libe yimithombo yamanzi.+
36 Yaye ubabangela bahlale apho abo balambileyo,+Ukuze bamise ngokuqinileyo isixeko sokuhlala.+
37 Bahlwayela amasimi baze batyale izidiliya,+Ukuze bavelise izilimo ezineziqhamo.+
38 Uyabasikelela ukuze babe baninzi kakhulu;+Yaye akazivumeli zibe mbalwa iinkomo zabo.+
39 Kwakhona baba mbalwa baze babuthume phantsi+Ngenxa yokuthintelwa, intlekele nentlungu.+
40 Uzigalela ngendelelo izidwangube,+Ukuze azenze zibhadu-bhadule enyanyeni, apho kungekho ndlela.+
41 Kodwa uyalikhusela ihlwempu kwinkxwaleko+Aze aliguqule libe ziintsapho kanye njengomhlambi.+
42 Abathe tye bayabona baze babe nemihlali;+Kodwa yona ke yonke intswela-bulungisa, kufuneka iwuvale umlomo wayo.+
43 Ngubani na osisilumko? Uya kuthi kokubini agcine ezi zinto+Kwaye azibonise enikela ingqalelo kwizenzo zikaYehova zobubele bothando.+