INdumiso 137:1-9

137  Ngasemilanjeni yaseBhabhiloni+—sahlala phantsi apho.+Salila sakuyikhumbula iZiyon.+   Emithini yemingcunube+ phakathi kwayoSazixhoma iihadi zethu.+   Kuba apho abo babesibambe njengabathinjwa bacela kuthi amazwi engoma,+Nabo babesenza intlekisa ngayo—ukuze babe nemihlali besithi:+“Sivumeleni enye yeengoma zaseZiyon.”+   Singathini na ukuvuma ingoma kaYehova+Emhlabeni wasemzini?+   Ukuba ndingakulibala, Yerusalem,+Masilibaleke isandla sam sasekunene.   Ulwimi lwam malunamathele enkalakahleni yam,+Ukuba andithanga ndikukhumbule,+Ukuba andithanga ndiyinyuse iYerusalemNgaphezu kwesizathu esikhulu sokuba nemihlali kwam.+   Khumbula,+ Yehova, ngokubhekisele koonyana bakaEdom+ imini yeYerusalem,+Abo babesithi: “Yihlubeni! Yihlubeni kuse kwisiseko esingaphakathi kwayo!”+   Ntombi yaseBhabhiloni, wena uza kuphangwa,+Uya kuba noyolo lowo uya kukuvuza+Ngempatho yakho owasiphatha ngayo.+   Uya kuba noyolo lowo ubamba aze abaqhekeze babe ziingceba+Abantwana bakho engxondorheni.

Umbhalo osemazantsi