INdumiso 14:1-7
Kumalathisi. EkaDavide.
14 Lowo ungenangqiqo uthe entliziyweni yakhe:“Akakho uYehova.”+Benze ngokonakala,+ ziyacekiseka izenzo zabo.Akukho namnye owenza okulungileyo.+
2 Ke yena uYehova, ukhangele phantsi koonyana babantu esezulwini,+Ukuze abone enoba kukho nabani na onengqiqo, nabani na ofuna uYehova.+
3 Bonke baphambukile,+ bonke bonakele ngokufanayo;+Akukho namnye owenza okulungileyo,+Nokuba abe mnye.+
4 Ngaba akukho namnye kwabo baqhelisela okwenzakalisayo onolwazi,+Badla abantu bam njengoko besidla isonka?+Abambizanga noYehova.+
5 Apho bazaliswa lunkwantyo olukhulu,+Kuba uYehova uphakathi kwesizukulwana sabangamalungisa.+
6 Icebo lalowo uxhwalekileyo niya kulihlazisa,Ngenxa yokuba uYehova uyindawo yakhe yokusabela.+
7 Owu akwaba usindiso lukaSirayeli beluseZiyon!+Ekubuyiseni kukaYehova abantu bakhe abathinjiweyo,+Makavuye uYakobi, abe nemihlali uSirayeli.+