INdumiso 146:1-10

146  Dumisani uYa!+Dumisa uYehova, mphefumlo wam.+   Ndiza kumdumisa uYehova ebudeni bexesha lokudla kwam ubomi.+Ndiza kumculela uncuthu lwengoma uThixo wam lo gama ndisekho.+   Musani ukukholosa ngezidwangube,+Nangonyana womntu wasemhlabeni, lowo ungenalo usindiso.+   Uyaphuma umoya wakhe,+ abuyele yena emhlabeni wakhe;+Ngaloo mini ziyatshabalala iingcamango zakhe.+   Unoyolo lowo unoncedo olunguTHIXO kaYakobi,+Othemba lakhe likuYehova uThixo wakhe,+   UMenzi wezulu nomhlaba,+Wolwandle, nowazo zonke izinto ezikuzo,+Lowo ugcina inyaniso ukusa kwixesha elingenammiselo,+   Lowo uphumezela abaqhathiweyo umgwebo,+Lowo unika abalambileyo isonka.+UYehova ukhulula abo babotshiweyo.+   UYehova uvula amehlo eemfama;+UYehova uphakamisa abo baqubudileyo;+UYehova uthanda abo bangamalungisa.+   UYehova ulinda abaphambukeli;+Ukhulula inkwenkwe engenayise nomhlolokazi,+Kodwa indlela+ yabangendawo uyenza ibe gwenxa.+ 10  UYehova uya kuba ngukumkani ukusa kwixesha elingenammiselo,+UThixo wakho, Ziyon, kwizizukulwana ngezizukulwana.+Dumisani uYa!+

Umbhalo osemazantsi