INdumiso 20:1-9
Kumalathisi. Uncuthu lwengoma kaDavide.
20 Ngamana uYehova angakuphendula ngomhla wokubandezeleka.+Ngamana igama loTHIXO kaYakobi lingakukhusela.+
2 Ngamana angathumela uncedo lwakho luphuma endaweni engcwele,+Akuxhase eseZiyon.+
3 Ngamana angayikhumbula yonke iminikelo yakho esisipho,+Yaye ngamana iminikelo yakho etshiswayo angayamkela njengetyebileyo.+ Seʹlah.
4 Ngamana angakunika ngokwentliziyo yakho,+Aze azalisekise lonke icebo lakho.+
5 Siya kumemelela ngovuyo ngenxa yosindiso lwakho,+Yaye egameni loThixo wethu siya kuphakamisa iibhanile zethu.+Ngamana uYehova angazizalisekisa zonke izicelo zakho.+
6 Ngoku ndiyazi ukuba ngokuqinisekileyo uYehova uyamsindisa othanjisiweyo wakhe.+Umphendula esemazulwini akhe angcwele+Ngezenzo ezisindisayo zamandla esandla sakhe sasekunene.+
7 Ezinye ngokuphathelele iinqwelo ezinye ngokuphathelele amahashe,+Kodwa, ke thina, ngokuphathelele igama likaYehova uThixo wethu siya kumkhankanya.+
8 Abo kanye boyisakele bawa;+Kodwa ke thina, siphakamile, ukuze sihlaziywe.+
9 Owu Yehova, msindise ukumkani!+Uya kusisindisa ngemini esimbiza ngayo.+