INdumiso 38:1-22
Uncuthu lwengoma kaDavide, yokukhumbuza.
38 Owu Yehova, ungandohlwayi ucaphukile,+Undilungise unomsindo.+
2 Kuba iintolo zakho zingene zatshona kum,+Nesandla sakho sehlele phezu kwam.+
3 Akukho ndawo iphilileyo enyameni yam ngenxa yesiqalekiso sakho.+Uxolo alukho emathanjeni am ngenxa yesono sam.+
4 Kuba iziphoso zam zidlule phezu kwentloko yam;+Njengomthwalo onzima zinzima kakhulu kum.+
5 Amanxeba am anuka kakubi, ayachiza,Ngenxa yobudenge bam.+
6 Ndiphazamisekile, ndithobe ngomlinganiselo ogqithileyo;+Imini yonke ndihambahamba ndibuhlungu.+
7 Kuba isinqe sam sizaliswe kukutshisa,Yaye akukho ndawo iphilileyo enyameni yam.+
8 Ndisuke ndandindisholo yaye ndityumke ngomlinganiselo ogqithileyo;Ndiyagcuma ngenxa yokugcuma kwentliziyo yam.+
9 Owu Yehova, uphambi kwakho wonke umnqweno wam,Yaye ukuncinwa kwam akufihlwanga kuwe.+
10 Intliziyo yam ingongoza kakhulu, amandla am andishiyile,Nokukhanya kwamehlo am akukho kum.+
11 Ke zona izithandwa zam, namaqabane am, aqhubeka emele kude nesibetho sam,+Abo ndibaqhele ngokusondeleyo bame mgama.+
12 Kodwa abo bafuna umphefumlo wam bandibekele izibatha,+Abo basebenzela ukundenzela intlekele bathethe ngamashwangusha,+Baqhubeka bedumzela inkohliso imini yonke.+
13 Ke mna, njengalowo usisithulu, ndandingaphulaphuli;+Nanjengalowo ungathethiyo, ndandingawuvuli umlomo wam.+
14 Ndaba njengomntu ongevayo,Yaye emlonyeni wam kwakungekho ngxoxo yakuziphendulela.
15 Kuba ndandilindele kuwe, Yehova;+Wena wandiphendula, Yehova Thixo wam.+
16 Kuba ndithe: “Kungenjalo baya kuba nemihlali ngam;+Xa unyawo lwam lutyibilika,+ bayazigwagwisa kum.”+
17 Kuba ndandilungele ukujingxela,+Nentlungu yam yayiphambi kwam rhoqo.+
18 Kuba ndasixela isiphoso sam;+Ndaqalisa ukuxhalaba ngenxa yesono sam.+
19 Neentshaba zam eziphilayo zaba namandla,+Nabo bandithiyileyo ngaphandle kwesizathu baba baninzi.+
20 Ngokulungileyo babendivuza ngokubi;+Baqhubeka bendixhathisa ngenxa yokusukela kwam okulungileyo.+
21 Musa ukundishiya, Yehova.Owu Thixo wam, musa ukuba kude nam.+
22 Khawuleza ukuza kundinceda,+Owu Yehova lusindiso lwam.+