INdumiso 46:1-11

Kumalathisi. Eyoonyana bakaKora+ eziNtombini. Ingoma. 46  UThixo uyindawo yokusabela namandla kuthi,+Uncedo olufumaneka ngokukhawuleza ekubandezelekeni.+   Kungenxa yoko le nto singayi koyika, nangona umhlaba utshintsha+Nangona iintaba zidilikela esazulwini solwandle olukhulu;+   Nokuba amanzi alo angaxokozela, alephuze amagwebu,+Nokuba iintaba ziyanyikima lusakuxokozela.+ Seʹlah.   Kukho umlambo onemisinga eyenza isixeko sikaThixo sibe nemihlali,+Owona mnquba uzukileyo ungcwele wOyena Uphakamileyo.+   UThixo uphakathi kweso sixeko;+ asiyi kushukunyiswa.+UThixo uya kusinceda ekuthini qheke kokusa.+   Iintlanga ziyaxokozela,+ izikumkani ziyadilika;Wavakalisa ngelizwi lakhe, umhlaba wanyibilika.+   UYehova wemikhosi ukunye nathi;+UTHIXO kaYakobi uyindawo ephakamileyo enqabisekileyo kuthi.+ Seʹlah.   Yizani, nibone imisebenzi kaYehova,+Indlela amise iziganeko ezikhwankqisayo ngayo emhlabeni.+   Uphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba.+Waphula isaphetha nomkhonto;+Iinqwelo uzitshisa emlilweni.+ 10  “Yekani, nazi ukuba ndinguThixo.+Ndiya kuphakanyiswa phakathi kweentlanga,+Ndiya kuphakanyiswa emhlabeni.”+ 11  UYehova wemikhosi unathi;+UTHIXO kaYakobi uyindawo ephakamileyo enqabisekileyo kuthi.+ Seʹlah.

Umbhalo osemazantsi