INdumiso 51:1-19
Kumalathisi. Uncuthu lwengoma kaDavide. Xa uNatan umprofeti weza kuye emva kokuba ebe neentlobano zokwazana noBhatshebha.+
51 Ndibabale, Thixo, ngokobubele bakho obunothando.+Ngokobuninzi beenceba zakho kususe ukunxaxha kwam.+
2 Ndihlambe ngokucokisekileyo kwisiphoso sam,+Undihlambulule nakwisono sam.+
3 Kuba ukunxaxha kwam ndiyakwazi,+Nesono sam siphambi kwam rhoqo.+
4 Ndone kuwe, kuwe wedwa,+Ndenze okubi emehlweni akho,+Ukuze uzingqine ulilungisa xa uthetha,+Ukuze ube msulwa xa ugweba.+
5 Khangela! Ngenimba ndazalelwa esiphosweni,+Yaye uma wandikhawulela esonweni.+
6 Khangela! Uyayoliswa kukuba nenyaniso ngaphakathi;+Yaye kumntu ofihlakeleyo undibangela ndibazi ngokupheleleyo ubulumko.+
7 Ngamana ungandisulungekisa esonweni ngehisope, ukuze ndihlambuluke;+Ngamana ungandihlamba, ukuze ndibe mhlophe ngakumbi kunekhephu.+
8 Ngamana ungandibangela ndive imigcobo nemihlali,+Ukuze amathambo owatyumzileyo avuye.+
9 Bufihle ubuso bakho ezonweni zam,+Uzisuse zonke iziphoso zam.+
10 Dala ngaphakathi kum intliziyo esulungekileyo, Thixo,+Uze ufake ngaphakathi kum umoya omtsha, oqinileyo.+
11 Musa ukundilahla phambi kobuso bakho;+Nomoya wakho oyingcwele musa ukuwususa kum.+
12 Buyisela kum ukugcoba ngosindiso lwakho,+Yaye ngamana ungandixhasa ngomoya ovumayo.+
13 Abanxaxhi ndiya kubafundisa iindlela zakho,+Ukuze aboni babuyele kuwe.+
14 Ndihlangule ekubeni netyala legazi,+ Thixo onguTHIXO wosindiso lwam,+Ukuze ulwimi lwam lubuxele ngovuyo ubulungisa bakho.+
15 Owu Yehova, ngamana ungayivula le milebe yam,+Ukuze umlomo wam uxele indumiso yakho.+
16 Kuba akuyoliswa yimibingelelo—ukuba bekunjalo bendiya kuyinikela;+Akukholiswa yiminikelo etshiswa kuphele.+
17 Imibingelelo kuThixo ngumoya owaphukileyo;+Intliziyo eyaphukileyo netyumkileyo, Thixo, akuyi kuyidela.+
18 Ngenkoliseko qhubana kakuhle neZiyon;+Ngamana ungazakha iindonga zeYerusalem.+
19 Ngaloo ndlela uya kuyoliswa yimibingelelo yobulungisa,+Yimibingelelo etshiswayo nomnikelo opheleleyo;+Ngako oko kuya kunikelwa iinkunzi zeenkomo esibingelelweni sakho.+