INdumiso 62:1-12

Kumalathisi weYedutun. Uncuthu lwengoma kaDavide. 62  Eneneni umphefumlo wam ulindele kuThixo uthule.+Luvela kuye usindiso lwam.+   Eneneni uliliwa lam nosindiso lwam, indawo yam ephakamileyo enqabisekileyo;+Andiyi kushukunyiswa kakhulu.+   Kuya kude kube nini na nisukela indulumbane umntu eningayi kumbulala?+Nonke ninjengodonga oluthambekileyo, udonga lwamatye oludilikayo.+   Eneneni banikela icebiso ukuze bamlukuhle ubani kwisidima sakhe;+Bakholiswa bubuxoki.+Bayasikelela ngomlomo wabo, kodwa ngaphakathi kubo bayaqalekisa.+ Seʹlah.   Eneneni lindela kuThixo uthe cwaka, mphefumlo wam,+Kuba livela kuye ithemba lam.+   Eneneni uliliwa lam nosindiso lwam, indawo yam ephakamileyo enqabisekileyo;+Andiyi kushukunyiswa.+   Usindiso lwam nozuko lwam lukuThixo.+Iliwa lam elomeleleyo, indawo yam yokusabela ikuThixo.+   Kholosani ngaye ngamaxesha onke, nina bantu.+Phalazani intliziyo yenu phambi kwakhe.+UThixo uyindawo yethu yokusabela.+ Seʹlah.   Eneneni oonyana babantu basemhlabeni bangumphunga,+Oonyana babantu babubuxoki.+Xa bebekwe ezikalini bebonke bakhaphukhaphu kunomphunga.+ 10  Musa ukukholosa ngenkqatho,+Yaye ungabi lilize ngokuphanga kodwa.+Ukuba kunokwenzeka ubuncwane buchume, musa ukubeka intliziyo yakho kubo.+ 11  UThixo uthethile kwaba kanye, oku ndikuve kwaba kabini,+Ukuba amandla ngakaThixo.+ 12  Kwanobubele bothando bobakho, Yehova,+Kuba wena ubuyisela ngamnye ngokomsebenzi wakhe.+

Umbhalo osemazantsi