INdumiso 87:1-7

Eyoonyana bakaKora. Uncuthu lwengoma. 87  Isiseko sakhe sisezintabeni ezingcwele.+   UYehova uwathanda ngakumbi amasango eZiyon+Kunayo yonke iminquba kaYakobi.+   Kuthethwa izinto ezizukileyo ngawe, wena sixeko sikaTHIXO oyinyaniso.+ Seʹlah.   Ndiya kumkhankanya uRahabhi+ neBhabhiloni+ phakathi kwabo bandaziyo;Nali elamaFilisti+ neTire, kunye noKushe:“Lo ngulowo wazalelwa apho.”+   Yaye kuya kuthiwa ngeZiyon:“Bonke bazalelwa kuyo.”+Kwaye Oyena Uphakamileyo+ uya kuyimisela ngokuqinileyo.+   UYehova uya kuvakalisa, xa ebhala izizwana:+“Lo ngulowo wazalelwa apho.”+ Seʹlah.   Kuya kubakho neemvumi kwanabangqungqi abangqungqa bejikeleza, besithi:+“Ikuwe yonke imithombo yam.”+

Umbhalo osemazantsi