ISityhilelo 16:1-21
16 Ndeva ilizwi+ elikhulu liphuma engcweleni lisithi kwiingelosi ezisixhenxe: “Hambani nize niziphalaze izitya ezisixhenxe zomsindo+ kaThixo emhlabeni.”
2 Yemka eyokuqala,+ yasiphalaza isitya sayo emhlabeni.+ Kwabakho isilonda esenzakalisayo nesibuhlungu+ ebantwini ababenophawu lwerhamncwa+ nababenqula umfanekiso walo.+
3 Eyesibini+ yasiphalaza isitya sayo elwandle.+ Lwaba ligazi+ elinjengelomntu ofileyo, yaza yafa yonke imiphefumlo ephilayo elwandle.+
4 Eyesithathu+ yasiphalaza isitya sayo emilanjeni+ nasemithonjeni yamanzi. Yajika yaba ligazi.+
5 Ndaza ndeva ingelosi ephezu kwamanzi isithi: “Ulilungisa Wena ukhoyo nowayekho,+ Wena unyanisekileyo,+ ngokuba uye wagqiba ekuthini,+
6 njengoko beliphalazile igazi labangcwele nelabaprofeti,+ nabo ubanike igazi+ ukuba balisele. Kubafanele oko.”+
7 Yaye ndeva isibingelelo sisithi: “Ewe, Yehova, Thixo Somandla,+ ziyinyaniso yaye zibubulungisa izigwebo zakho.”+
8 Eyesine+ yasiphalaza isitya sayo elangeni; laza ilanga lanikwa ukuba libagqatse+ abantu ngomlilo.
9 Abantu bagqatswa bubushushu obukhulu, kodwa balinyelisa igama+ likaThixo, onegunya+ phezu kwezi zibetho, yaye abazange baguquke baze bamzukise.+
10 Eyesihlanu yasiphalaza isitya sayo kwitrone yerhamncwa.+ Baza ubukumkani balo benziwa mnyama,+ baziluma iilwimi zabo ngenxa yentlungu yabo,
11 kodwa bamnyelisa+ uTHIXO wezulu ngenxa yeentlungu zabo nangenxa yezilonda zabo, yaye abazange baguquke kwimisebenzi yabo.
12 Eyesithandathu+ yasiphalaza isitya sayo kumlambo omkhulu umEfrate,+ atsha amanzi awo,+ ukuze ilungiswe indlela yookumkani+ abavela ekuphumeni kwelanga.
13 Ndabona amazwi+ aphefumlelweyo angahlambulukanga amathathu awayekhangeleka njengamasele+ ephuma emlonyeni wenamba+ nasemlonyeni werhamncwa+ nasemlonyeni womprofeti wobuxoki.+
14 Enyanisweni, ngamazwi aphefumlelwe+ ziidemon nawenza imiqondiso,+ aphuma aye kookumkani+ bomhlaba omiweyo uphela,+ ukubahlanganisela ndawonye kwimfazwe+ yemini enkulu+ kaThixo uSomandla.+
15 “Khangela! Ndiza njengesela.+ Unoyolo lowo uhlala ephaphile+ aze azigcine izambatho zakhe zangaphezulu, ukuze angahambi ze baze abantu bakhangele ukuhlazeka kwakhe.”+
16 Yaye abahlanganisela ndawonye kwindawo ebizwa ngesiHebhere ngokuba yiHar–Magedon.+
17 Eyesixhenxe yasiphalaza isitya sayo emoyeni.+ Kwaphuma ilizwi elikhulu+ engcweleni livela etroneni, lisithi: “Kwenzekile!”
18 Kwaza kwabakho imibane namazwi neendudumo, kwabakho nenyikima yomhlaba enkulu,+ nyikima leyo ekungazange kubekho inkulu njengayo+ nebanzi njengayo,+ embalini yabantu emhlabeni.
19 Yaye isixeko esikhulu+ sahlukana saziinxalenye ezintathu, nezixeko zeentlanga zawa; yaza iBhabhiloni Enkulu+ yakhunjulwa emehlweni kaThixo, ukuba ayinike indebe yewayini yomsindo wengqumbo yakhe.+
20 Kanjalo, zonke iziqithi zasaba, neentaba azafunyanwa.+
21 Kwesuka kwehla ezulwini phezu kwabantu isichotho esikhulu+ esilitye ngalinye laso lalimalunga nobunzima betalente, baza abantu bamnyelisa+ uThixo ngenxa yeso sibetho sesichotho,+ kuba sasisikhulu ngokungaqhelekanga.