ISityhilelo 3:1-22
3 “Nengelosi+ yebandla eliseSardesi yibhalele uthi: Utsho lowo unoomoya+ abasixhenxe bakaThixo neenkwenkwezi+ ezisixhenxe, ukuthi, ‘Ndiyazazi izenzo zakho, ukuba unegama lokuba uphilile, kodwa ufile.+
2 Linda,+ uzomeleze+ izinto eziseleyo, ebeziza kufa, kuba akukho namnye umsebenzi wakho endiwufumene wenziwe ngokupheleleyo phambi koThixo wam.+
3 Ngoko ke, qhubeka ukhumbula indlela owamkele ngayo+ nendlela ove ngayo, uze uqhubeke uyigcina,+ uguquke.+ Ukuba akuvuki,+ ngokuqinisekileyo ndiya kukufikela njengesela,+ yaye akusayi kulazi konke konke ilixa endokufikela ngalo.+
4 “‘Noko ke, unawo amagama ambalwa+ eSardesi abo bangazenzanga nqambi+ izambatho zabo zangaphezulu, bona baza kuhamba nam ngezimhlophe,+ ngenxa yokuba befanelekile.+
5 Ngaloo ndlela uya kuthi lowo woyisayo+ avathiswe izambatho zangaphezulu ezimhlophe;+ yaye andisayi kuze ndilicime igama lakhe kwincwadi yobomi,+ kodwa ndiya kulivuma igama lakhe phambi koBawo+ naphambi kweengelosi zakhe.+
6 Lowo unendlebe makakuve oko ukutshoyo umoya+ kuwo amabandla.’
7 “Nengelosi+ yebandla eliseFiladelfi yibhalele uthi: Utsho lowo ungcwele,+ lowo uyinyaniso,+ lowo unaso isitshixo sikaDavide,+ lowo uvulayo kungabikho uvalayo, aze avale kungabikho uvulayo, ukuthi,
8 ‘Ndiyazazi izenzo zakho.+ Khangela! Ndibeke phambi kwakho umnyango ovulekileyo,+ ekungekho bani unako ukuwuvala—kuba uthe, unamandla amancinane, waligcina ilizwi lam, akwalikhanyela igama lam.+
9 Khangela! Naku endiya kukwenza kwabo bendlu yesikhungu kaSathana abathi bangamaYuda,+ ukanti bengengawo kodwa bexoka+—khangela! ndiya kubenza beze baze baqubude+ phambi kweenyawo zakho yaye ndibenze bazi ukuba ndikuthandile.
10 Ngenxa yokuba uligcinile ilizwi elingonyamezelo lwam,+ nam ndiya kukugcina+ ngelixa lovavanyo, eliza kuwufikela umhlaba omiweyo uphela, ukuvavanya abo bahleliyo emhlabeni.+
11 Ndiyeza ngokukhawuleza.+ Qhubeka ukubambe nkqi oko unako,+ ukuze kungabikho nabani na onokusithabatha isithsaba sakho.+
12 “‘Lowo woyisayo—ndiya kumenza intsika+ kwitempile+ yoThixo wam,+ yaye akasayi kuze aphume kuyo kwakhona, ndize ndilibhale kuye igama loThixo wam negama lesixeko soThixo wam, iYerusalem entsha+ ehla iphuma ezulwini kuThixo wam, nelo gama litsha lilelam.+
13 Lowo unendlebe makakuve oko ukutshoyo umoya+ kuwo amabandla.’
14 “Nengelosi yebandla eliseLawodike+ yibhalele uthi: Utsho uAmen+ ingqina+ elithembekileyo+ neliyinyaniso,+ isiqalo sendalo kaThixo,+ ukuthi,
15 ‘Ndiyazazi izenzo zakho, ukuba akubandi yaye ungeshushu. Akwaba ububanda okanye ushushu.
16 Ngoko, ngenxa yokuba udikidiki, ungeshushu+ ungabandi,+ ndiza kukuhlanza uphume emlonyeni wam.
17 Ngenxa yokuba uthi: “Ndisisityebi,+ ndizuze ubutyebi, andiswele nto,” kodwa akwazi ukuba uludwayi nosizana nehlwempu nemfama+ kwaye uhamba ze,
18 ndikucebisa ukuba uthenge kum igolide+ esulungekiswe ngomlilo ukuze ube sisityebi, nezambatho zangaphezulu ezimhlophe ukuze wambathe, lingabonakali ihlazo lobuze bakho,+ nentambiso yamehlo uthambise amehlo akho+ ukuze ubone.
19 “‘Bonke abo ndinomsa ngabo ndiyabohlwaya ndize ndibaqeqeshe.+ Ngoko ke yiba nenzondelelo uze uguquke.+
20 Khangela! Ndimi emnyango+ ndiyankqonkqoza. Ukuba nabani na uva ilizwi lam aze avule ucango,+ ndiza kungena endlwini yakhe ndize ndithabathe isidlo sangokuhlwa kunye naye aze enjenjalo naye kunye nam.
21 Lowo woyisayo+ ndiza kumnika ukuba ahlale nam phantsi kwitrone yam,+ kwanjengoko nam ndoyisayo ndaza ndahlala phantsi+ noBawo kwitrone yakhe.+
22 Lowo unendlebe makakuve oko ukutshoyo umoya+ kuwo amabandla.’”+