Yakobi 1:1-27
1 UYakobi,+ ikhoboka+ likaThixo neleNkosi uYesu Kristu, ubhalela izizwe ezilishumi elinesibini+ ezichithachithekileyo:+
Ndiyabulisa!
2 Kugqaleni kuluvuyo olukhulu, bazalwana bam, xa nihlangabezana nezilingo ezahlukahlukeneyo,+
3 nisazi nje ukuba ukuvavanywa kokholo lwenu kuvelisa unyamezelo.+
4 Ngoko ke unyamezelo lwenu malupheleliswe, ukuze nibe ngabapheleleyo+ nabaphilileyo kwiinkalo zonke, ningaswele nto.+
5 Ngoko, ukuba kukho nabani na kuni oswele ubulumko,+ makaqhubeke ebucele kuThixo,+ kuba unika bonke ngesisa, engangcikivi;+ yaye uya kubunikwa.+
6 Kodwa makaqhubeke ecela+ ngokholo, engathandabuzi+ konke konke, kuba lowo uthandabuzayo unjengeliza lolwandle eliqhutywa livuthuzwa ngumoya.+
7 Enyanisweni, loo mntu makangabi uya kwamkela nto kuYehova;+
8 ungumntu othingazayo,+ ongazinzanga+ kuzo zonke iindlela zakhe.
9 Kodwa umzalwana othobekileyo makagcobe ngenxa yokuphakanyiswa kwakhe,+
10 nalowo usisityebi+ ngenxa yokuthotywa kwakhe, ngenxa yokuba uya kuthi shwaka njengentyatyambo yotyani.+
11 Kuba lithi lakuphuma ligqatse ilanga, libubunise utyani, ivuthuluke intyatyambo yabo, nobuhle bembonakalo yabo yangaphandle butshabalale. Koba njalo ke nokuphelelwa kwesityebi kwiindlela zaso zobomi.+
12 Unoyolo umntu oqhubeka enyamezela isilingo,+ ngenxa yokuba akuba ekholekile uya kwamkela isithsaba sobomi,+ awabathembisa ngaso [uYehova] abo baqhubeka bemthanda.+
13 Makungabikho nabani na, xa esesilingweni+ othi: “Ndilingwa nguThixo.” Kuba uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi namnye.
14 Kodwa ngamnye ulingwa ngokutsalwa nokuwexulwa ngumnqweno wakhe.+
15 Wandule ke umnqweno, xa uthe wakhawula, uzale isono;+ isono, xa sithe safezwa, sivelisa ukufa.+
16 Musani ukulahlekiswa,+ bazalwana bam abaziintanda.
17 Sonke isipho esilungileyo+ naso sonke isipho esigqibeleleyo sivela phezulu,+ kuba sihla sivela kuYise wezikhanyiso zesibhakabhaka,+ kwaye yena akaguquguquki njengesithunzi.+
18 Ngenxa yokuba wathandayo,+ wasivelisa ngelizwi lenyaniso,+ ukuba sibe ziintlahlela+ ezithile zezidalwa zakhe.
19 Yazini oku, bazalwana bam abaziintanda. Wonke umntu umele akhawuleze ukuva, acothe ukuthetha,+ acothe ukuqumba;+
20 kuba ingqumbo yomntu ayisebenzi bulungisa bukaThixo.+
21 Ngoko ke lahlani bonke ubunyhukunyhuku naloo nto igqithiseleyo, ububi,+ nize ngobulali namkele ukumiliselwa kwelizwi+ elikwaziyo ukusindisa imiphefumlo yenu.+
22 Noko ke, yibani ngabenzi belizwi,+ ningabi ngabevayo kuphela, nizikhohlisa ngokuqiqa okuphosakeleyo.+
23 Kuba lowo ulivayo ilizwi, aze angalenzi,+ unjengomntu okhangela ubuso bakhe bemvelo esipilini.
24 Kuba uyazikhangela, aze akumka, alibale ngoko nangoko ukuba unjani na.
25 Kodwa umntu oqondela kumthetho ogqibeleleyo+ wenkululeko, nalowo uzingisayo kuwo, yena lowo, ngenxa yokuba uye, akaba ngovayo aze alibale, kodwa waba ngumenzi womsebenzi,+ uya kuba noyolo+ ekuwenzeni kwakhe.
26 Ukuba umntu uzibona engumnquli ofanelekileyo+ ukanti engalubambi ngomkhala ulwimi lwakhe,+ kodwa eqhubeka ekhohlisa intliziyo yakhe,+ unqulo lwakhe luphuthile.+
27 Unqulo oluhlambulukileyo+ nolungadyobhekanga+ ngokwembono kaThixo noBawo wethu lulo olu: ukuvelela iinkedama+ nabahlolokazi+ embandezelweni yabo,+ nokuzigcina ungenabala+ kulo ihlabathi.+