Yeremiya 25:1-38
25 Lilo eli ilizwi elafikayo kuYeremiya ngokuphathelele bonke abantu bakwaYuda ngonyaka wesine kaYehoyakim+ unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, oko kukuthi, unyaka wokuqala kaNebhukaderetsare ukumkani waseBhabhiloni;
2 elo uYeremiya umprofeti walithethayo ngokuphathelele bonke abantu bakwaYuda nangokuphathelele bonke abemi baseYerusalem, lisithi:
3 “Ukususela kunyaka weshumi elinesithathu kaYosiya+ unyana ka-Amon, ukumkani wakwaYuda, kude kuse kule mini, le minyaka ingamashumi amabini anesithathu ilizwi likaYehova lifikile kum, kwaye ndahlala ndilithetha kuni, ndivuka ekuseni ndize ndithethe, kodwa aniphulaphulanga.+
4 Yaye uYehova wathumela kuni bonke abakhonzi bakhe abaprofeti, evuka ekuseni aze abathumele, kodwa aniphulaphulanga,+ ningathobanga nendlebe yenu ukuze niphulaphule,+
5 bona besithi, ‘Khanincede nibuye, wonk’ ubani endleleni yakhe embi nasebubini bezenzo zenu,+ nize niqhubeke nihlala emhlabeni uYehova awaninika wona nina nookhokho benu ukususela kudala ukusa kwixesha elide elizayo.+
6 Ningalandeli abanye oothixo ukuze nibakhonze, niqubude kubo, ukuze ningandicaphukisi ngomsebenzi wezandla zenu, nokuze ndingazibizeli intlekele.’+
7 “‘Kodwa anindiphulaphulanga,’ utsho uYehova, ‘ukuze nindicaphukise ngomsebenzi wezandla zenu, kuze kube yintlekele kuni.’+
8 “Ngoko ke utsho uYehova wemikhosi ukuthi, ‘“Ngenxa yokuba ningawathobelanga amazwi am,
9 yabona, ndiya kuthumela kuzo zonke iintsapho zasemntla,”+ utsho uYehova, “ndithumele nakuNebhukaderetsare ukumkani waseBhabhiloni, umkhonzi wam,+ ndibazise nxamye neli lizwe+ nabemi balo nazo zonke ezi ntlanga zijikelezileyo;+ ndiza kubatshabalalisa ndize ndibenze into yokukhwankqiswa nento yokubethelwa umlozi+ neendawo eziphanzileyo ukusa kwixesha elingenammiselo.+
10 Yaye ndiza kusitshabalalisa kubo isandi sokugcoba nesandi sokuba nemihlali,+ ilizwi lomyeni nelizwi lomtshakazi,+ isandi selitye lokuguba+ nokukhanya kwesibane.+
11 Neli lizwe lonke limele libe yindawo ephanzileyo, into yokukhwankqiswa, nezi ntlanga ziya kumkhonza ukumkani waseBhabhiloni iminyaka engamashumi asixhenxe.”’+
12 “‘Kothi ke yakuzaliseka iminyaka engamashumi asixhenxe+ ndimphendulise ukumkani waseBhabhiloni nolo hlanga,’+ utsho uYehova, ‘ngenxa yesiphoso sabo, kwanelizwe lamaKhaledi,+ kwaye ndiza kulenza inkangala ephanzileyo ukusa kwixesha elingenammiselo.+
13 Ndiza kulizisela elo lizwe onke amazwi am endiwathethileyo nxamnye nalo, kona kanye konke oko kubhaliweyo kule ncwadi uYeremiya akuprofetileyo nxamnye nazo zonke iintlanga.+
14 Kuba bona ngokwabo, iintlanga ezininzi nookumkani abakhulu,+ babaxhaphazile njengezicaka;+ kwaye ndiza kubabuyekeza ngokokusebenza kwabo nangokomsebenzi wezandla zabo.’”+
15 Kuba utshilo kum uYehova uTHIXO kaSirayeli ukuthi: “Thabatha le ndebe yewayini yomsindo esandleni sam, useze ngayo zonke iintlanga endikuthumela kuzo.+
16 Yaye zimele zisele, zihexe zize zibe njengabantu abanempambano ngenxa yekrele endilithumela phakathi kwazo.”+
17 Ndaza ke ndayithabatha indebe leyo esandleni sikaYehova ndaza ndaziseza zonke iintlanga uYehova awayendithumele kuzo:+
18 ezizezi, iYerusalem nezixeko zakwaYuda nookumkani bayo, iinkosana zayo, ukuba ndizenze indawo ephanzileyo, into yokukhwankqiswa,+ into yokubethelwa umlozi nesiqalekiso, kanye njengakule mini;+
19 uFaro ukumkani waseYiputa nabakhonzi bakhe neenkosana zakhe nabo bonke abantu bakhe;+
20 nalo lonke iqela elingumxube, nabo bonke ookumkani belizwe lakwaUtse,+ nabo bonke ookumkani belizwe lamaFilisti+ naseAshkelon+ naseGaza+ nase-Ekron+ nentsalela yaseAshdode;+
21 uEdom+ noMowabhi+ noonyana baka-Amoni;+
22 nabo bonke ookumkani baseTire+ nabo bonke ookumkani baseSidon+ nabo bonke ookumkani besiqithi esikummandla wolwandle;
23 noDedan+ noTema+ noBhuze nabo bonke abo baneenwele ezinquthuliweyo ezintlafunweni;+
24 nabo bonke ookumkani bama-Arabhu+ nabo bonke ookumkani beqela elingumxube elihlala entlango;
25 nabo bonke ookumkani baseZimri nabo bonke ookumkani base-Elam+ nabo bonke ookumkani bamaMedi;+
26 nabo bonke ookumkani basemntla abakufuphi nabakude, omnye emva komnye, nazo zonke ezinye izikumkani zomhlaba eziphezu komhlaba; nokumkani waseSheshaki+ uya kusela emva kwabo.
27 “Kwaye umele uthi kubo, ‘Utsho uYehova wemikhosi, uTHIXO kaSirayeli, ukuthi: “Selani, ninxile, nigabhe nize niwe kangangokuba ningabi nakuvuka+ ngenxa yekrele endilithumela phakathi kwenu.”’+
28 Ukuba bathe bala ukuthabatha indebe leyo esandleni sakho ukuze basele, uze uthi kubo, ‘Utsho uYehova wemikhosi ukuthi: “Nakanjani na niya kusela.+
29 Kuba, ndiqala phezu kwesixeko esibizwe ngegama lam ukuzisa intlekele,+ yaye ningakhululeka na nina nangayiphi na indlela ekohlwayweni?”’+
“‘Aniyi kukhululeka ekohlwayweni, kuba ndibiza ikrele nxamnye nabo bonke abemi bomhlaba,’ utsho uYehova wemikhosi.
30 “Wena ke, uya kuprofeta kubo onke la mazwi, uthi kubo, ‘UYehova uya kugquma ephezulu,+ kwaye uya kukhupha ilizwi lakhe ekwindawo yakhe engcwele yokuhlala.+ Nakanjani na uya kugquma ekwindawo yakhe yokuhlala. Ngokukhwaza okunjengoko kwabo baxovula isixovulelo sewayini uya kuvuma nxamnye nabo bonke abemi bomhlaba.’+
31 “‘Ngokuqinisekileyo ingxolo iya kufikelela kweyona nxalenye ithe qelele yomhlaba, kuba uYehova ubambene neentlanga.+ Umele ngokobuqu agwebe inyama yonke.+ Ke bona abangendawo, umele abanikele ekreleni,’+ utsho uYehova.
32 “Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, ‘Khangela! Kuphuma intlekele eluhlangeni ukusa eluhlangeni,+ nesivuthuvuthu esikhulu siya kuvuswa kweyona mimandla ithe qelele yomhlaba.+
33 Yaye abo babuleweyo nguYehova ngaloo mini ngokuqinisekileyo baya kususela kwesinye isiphelo somhlaba base kwesinye isiphelo somhlaba.+ Abayi kwenzelwa sijwili, bengayi kuhlanganiswa okanye bangcwatywe.+ Baya kuba njengomgquba phezu komhlaba.’+
34 “Bhombolozani, balusi, nize nidanduluke!+ Bhuqabhuqani,+ zingangamsha zomhlambi,+ ngenxa yokuba izalisekile imihla yenu yokuxhela nokuchithachitheka kwenu,+ yaye niya kuwa njengesitya esinqwenelekayo!+
35 Nendawo yokusabela itshabalele kubalusi, nendlela yokubaleka kwiingangamsha zomhlambi.+
36 Phulaphulani! Isikhalo sabalusi, nokubhomboloza kweengangamsha zomhlambi, kuba uYehova uyaliphanga idlelo lazo.
37 Neendawo zabo zokuhlala ezinoxolo zibhuqiwe ngenxa yomsindo ovuthayo kaYehova.+
38 Uyishiyile indawo yakhe esekusithekeni kanye njengengonyama entsha enesingci,+ kuba ilizwe labo liye lanjengento yokukhwankqiswa ngenxa yekrele elidlakazelisayo nangenxa yomsindo wakhe ovuthayo.”+