Yeremiya 31:1-40
31 “Ngelo xesha,” utsho uYehova, “ndiya kuba nguThixo kuzo zonke iintsapho zakwaSirayeli; zona ke, ziya kuba ngabantu bam.”+
2 Utsho uYehova ukuthi: “Abantu abasindayo ekreleni bafumana ubabalo entlango,+ xa uSirayeli wayehamba esiya kufumana ukuphumla kwakhe.”+
3 UYehova wabonakala kum ekude, esithi: “Ndikuthandile ukusa kwixesha elingenammiselo.+ Kungenxa yoko le nto ndikutsalile ngobubele bothando.+
4 Kanti ndiya kubuya ndikwakhe yaye okunene uya kubuya wakheke,+ ntombi inyulu kaSirayeli. Usaya kuzivathisa ngeentambula uze okunene uphumele kumngqungqo wabo bahlekayo.+
5 Usaya kutyala izidiliya ezintabeni zaseSamariya.+ Abatyali ngokuqinisekileyo baya kutyala baze baqalise ukuzisebenzisa.+
6 Kuba kukho umhla abaya kuthi ngawo okunene abalindi abakummandla weentaba wakwaEfrayim bamemeze bathi, ‘Sukani, madoda, size sinyuke siye eZiyon, kuYehova uThixo wethu.’”+
7 Kuba utsho uYehova ukuthi: “Dandulukani kakhulu kuYakobi ngemihlali, nize nidanduluke kabukhali phambi kweentlanga.+ Vakalisani.+ Dumisani nize nithi, ‘Sindisa, Yehova, abantu bakho, intsalela kaSirayeli.’+
8 Yabona, ndiyabazisa bevela kwilizwe lasemntla,+ yaye ndiza kubaqokelela ndawonye bevela kweyona mimandla ithe qelelele yomhlaba.+ Phakathi kwabo kuya kubakho imfama nesiqhwala, umfazi omithiyo nalowo uzalayo, xa bebonke.+ Baya kubuyela apha belibandla elikhulu.+
9 Baya kuza belila,+ ndibazise bebongoza becela ubabalo. Ndiya kubahambisa baye ezintlanjeni zamanzi,+ ngendlela elungileyo abangayi kukhutyekiswa kuyo. Kuba ndibe nguYise kaSirayeli;+ ke yena uEfrayim, ulizibulo lam.”+
10 Liveni ilizwi likaYehova, nina zintlanga, nize nilixele phakathi kweziqithi ezikude,+ nithi: “Lowo uchithachitha uSirayeli uya kumqokelela ndawonye,+ yaye ngokuqinisekileyo uya kumgcina njengomalusi egcina umhlambi wakhe.+
11 Kuba okunene uYehova uya kumkhulula uYakobi+ aze amhlangule esandleni salowo womelele ngakumbi kunaye.+
12 Kwaye ngokuqinisekileyo baya kuza bamemelele ngovuyo kwindawo ephakamileyo yaseZiyon+ baze bakhazimle ngenxa yokulunga kukaYehova,+ ngenxa yokudla okuziinkozo nangenxa yewayini entsha+ nangenxa yeoli nangenxa yamathole omhlambi neenkomo.+ Nomphefumlo wabo uya kusuka ube njengomyezo onamanzi amaninzi,+ yaye abayi kuba sadangala kwakhona.”+
13 “Ngelo xesha intombi enyulu iya kuba nemihlali emngqungqweni, nabafana namadoda amadala, xa bebonke.+ Yaye ndiya kukutshintsha ukuzila kwabo kube kukugcoba, ndibathuthuzele ndize ndibenze babe nemihlali bangabi sentlungwini.+
14 Kwaye ndiya kuwanelisa umphefumlo wababingeleli ngokutyeba,+ nangokulunga kwam abantu bam baya kwaneliseka,”+ utsho uYehova.
15 “Utsho uYehova ukuthi, ‘Kuvakala ilizwi eRama,+ isijwili nokulila okukrakra;+ uRakeli+ elilela oonyana bakhe.+ Walile ukuthuthuzeleka ngenxa yoonyana bakhe,+ ngenxa yokuba bengasekho.’”+
16 Utsho uYehova ukuthi: “‘Lithintele ilizwi lakho lingalili, namehlo akho angabi neenyembezi,+ kuba kukho umvuzo ngomsebenzi wakho,’ utsho uYehova, ‘yaye ngokuqinisekileyo baya kubuya elizweni lotshaba.’+
17 “‘Kukho ithemba ngekamva lakho,’+ utsho uYehova, ‘yaye ngokuqinisekileyo oonyana baya kubuyela kummandla wabo.’”+
18 “Ngokuqinisekileyo ndimvile uEfrayim ebhomboloza esithi,+ ‘Undilungisile, ukuze ndilungiseke,+ njengethole lenkomo elingaqeqeshwanga.+ Ndibuyise, yaye ndiya kukulungela ukubuya,+ kuba unguYehova uThixo wam.+
19 Kuba emva kokubuya kwam ndazisola;+ emva kokwaziswa kwam ndazimpakaza ethangeni.+ Ndaba neentloni, ndaziva ndithotyiwe,+ kuba ndandithwele ungcikivo lobutsha bam.’”+
20 “UEfrayim ungunyana oxabisekileyo na kum, okanye umntwana endimteketisayo?+ Kuba ngokomkhamo endithetha ngawo nxamnye naye nakanjani na ndiya kumkhumbula ngawo ngokubhekele phaya.+ Kungenxa yoko le nto kusikayo emathunjini am ngenxa yakhe.+ Ngandlela zonke ndiya kuba nosizi ngaye,”+ utsho uYehova.
21 “Zibekele imiqondiso yendlela. Zibekele izibonda zokwalathisa.+ Zinzisa intliziyo yakho kuhola wendlela, indlela ekuya kufuneka uhambe ngayo.+ Buya, ntombi inyulu kaSirayeli. Buyela kwezi zixeko zakho.+
22 Kuya kude kube nini na uphambukela ngapha nangapha,+ ntombi ingathembekanga?+ Kuba uYehova udale into entsha emhlabeni: Ibhinqa liya kuxinanisela indoda eyomeleleyo.”
23 Utsho uYehova wemikhosi, uTHIXO kaSirayeli, ukuthi: “Basaya kulithetha eli lizwi elizweni lakwaYuda nakwizixeko zakhe, xa ndiya kuhlanganisa abathinjwa bazo, ukuthi, ‘Ngamana uYehova angakusikelela,+ ndawo yokuhlala yobulungisa,+ ntaba engcwele.’+
24 Yaye uYuda nazo zonke izixeko ngokuqinisekileyo baya kuhlala kuyo xa bebonke, abalimi nabo banduluka nomhlambi.+
25 Kuba ndiya kuwanelisa umphefumlo wabo odiniweyo, nomphefumlo wonke odangeleyo ndiya kuwuzalisa.”+
26 Kule nto ndavuka ndaza ndaqalisa ukubona; kona ke ukulala kwam, kwakundiyolisa.
27 “Khangela! Kuza imihla,” utsho uYehova, “endiya kuthi ngayo ndiyihlwayele indlu kaSirayeli nendlu kaYuda ngembewu yomntu nangembewu yesilwanyana sasekhaya.”+
28 “Kothi ke kanye njengoko ndahlala ndibaphaphele+ ukuba ndincothule nokuba ndidilize nokuba ndichithe nokuba nditshabalalise nokuba ndenze umonakalo,+ ngokunjalo ndiya kuhlala ndibaphaphele ukuba ndakhe nokuba ndityale,”+ utsho uYehova.
29 “Ngaloo mihla abasayi kuba sathi, ‘Ooyise badle iidiliya ezikrwada, kodwa ngamazinyo oonyana aye aba buthelezi.’+
30 Kodwa ngamnye uya kufa ngenxa yesiphoso sakhe.+ Nawuphi na umntu odla iidiliya ezikrwada, ngamazinyo akhe aya kuba buthelezi.”
31 “Khangela! Kuza imihla,” utsho uYehova, “endiya kuthi ngayo ndenze umnqophiso omtsha+ nendlu kaSirayeli+ nendlu kaYuda;+
32 ungabi njengomnqophiso endawenza nookhokho babo ngomhla endababambayo ngesandla ndibakhupha kwilizwe laseYiputa,+ ‘mnqophiso lowo wam bawaphulayo bona,+ nangona mna ndandiyindoda engumnini wabo,’+ utsho uYehova.”
33 “Kuba nguwo lo umnqophiso+ endiya kuwenza nendlu kaSirayeli emva kwaloo mihla,”+ utsho uYehova. “Ndiza kuwufaka umthetho wam ngaphakathi kubo,+ ndize ndiwubhale entliziyweni yabo.+ Kwaye ndiza kuba nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam.”+
34 “Abayi kuba safundisana ngamnye iqabane lakhe nomnye umntakwabo,+ besithi, ‘Mazini uYehova!’+ kuba bonke baya kundazi, ukususela koyena mncinane nokusa koyena mkhulu kubo,”+ utsho uYehova. “Kuba ndiya kusixolela isiphoso sabo, nesono sabo andiyi kuba sasikhumbula.”+
35 Utsho uYehova, uMniki welanga lokukhanya kwemini,+ imimiselo+ yenyanga+ neenkwenkwezi zokukhanya kobusuku,+ Lowo uzamazamisa ulwandle ukuze amaza alo axokozele,+ Lowo ugama lakhe linguYehova wemikhosi,+ ukuthi:
36 “‘Ukuba le mimiselo ingashenxiswa phambi kwam,’+ utsho uYehova, ‘ngokunjalo nabo bayimbewu kaSirayeli bangayeka ukusoloko beluhlanga phambi kwam.’”+
37 Utsho uYehova ukuthi: “Ukuba amazulu phezulu angalinganiswa neziseko zomhlaba ngezantsi zingagocagocwa,+ nam ndingayigatya imbewu kaSirayeli iphela ngenxa yako konke oko bakwenzileyo,’+ utsho uYehova.”
38 “Khangela! Kuza imihla,” utsho uYehova, “ekuya kuthi ngayo uYehova akhelwe isixeko+ ukususela kwiNqaba kaHananeli+ ukusa kwiSango leMbombo.+
39 Nolutya lokulinganisa+ okunene lusaya kuya ngqo phambili ukusa endulini yaseGarebhe, yaye ngokuqinisekileyo luya kujikela luye eGowa.
40 Nayo yonke intili yezidumbu neyothuthu+ olunamafutha,+ nawo onke amasimi ukuya kufikelela entlanjeni yeKidron,+ ukuya kutsho kwimbombo yeSango Lamahashe+ ukuya ngasempumalanga, iya kuba yinto engcwele kuYehova.+ Ayiyi kuncothulwa, ingasayi kuchithwa kwakhona ukusa kwixesha elingenammiselo.”+