Yeremiya 41:1-18
41 Ngenyanga yesixhenxe kwafika uIshmayeli+ unyana kaNetaniya unyana kaElishama+ wenzala yasebukhosini+ nongowamadoda aziintloko akwakumkani namanye amadoda alishumi enaye+ kuGedaliya unyana ka-Ahikam eMizpa.+ Yaye badla isonka ndawonye apho eMizpa.+
2 Wesuka ke uIshmayeli unyana kaNetaniya namadoda alishumi awayenaye wamxabela uGedaliya unyana ka-Ahikam unyana kaShafan ngekrele.+ Ngoko yena wambulala lowo wayemiselwe ngukumkani waseBhabhiloni ukuba abe phezu kwelizwe.+
3 Nawo onke amaYuda awayekunye naye, oko kukuthi, awayekunye noGedaliya, eMizpa, namaKhaledi awafumanekayo apho, oko kukuthi, amadoda emfazwe, uIshmayeli wawaxabela.
4 Kwathi ngomhla wesibini ebulewe uGedaliya, xa kwakungekho bani konke konke ukwaziyo oku,+
5 kwandula ke kwafika amadoda evela kwaShekem,+ evela eShilo+ naseSamariya,+ amadoda angamashumi asibhozo awayezichebile iindevu zawo+ nawayezikrazule izambatho zawo kwaye ezicentile,+ yaye ayenomnikelo wokudla okuziinkozo nentlaka yokuqhumisa+ esandleni sawo ezizise endlwini kaYehova.
6 Ngoko uIshmayeli unyana kaNetaniya waphuma eMizpa wawahlangabeza, ehamba elila.+ Kwathi kamsinya akuqubisana nawo wathi kuwo: “Yizani kuGedaliya unyana ka-Ahikam.”
7 Kodwa kwathi kamsinya akungena phakathi esixekweni, uIshmayeli unyana kaNetaniya wawabulala ngogonyamelo waza wawaphosa phakathi equleni, yena namadoda awayekunye naye.+
8 Kodwa kwafumaneka amadoda alishumi phakathi kwawo, awathi ngoko nangoko kuIshmayeli: “Musa ukusibulala, kuba sinobuncwane obufihliweyo endle, ingqolowa nerhasi neoli nobusi.”+ Ngoko wawayeka, akawabulala phakathi kwabazalwana bawo.
9 Ke kaloku iqula elo uIshmayeli+ wazilahla kulo izidumbu zonke zamadoda awayewaxabele yayiliqula elikhulu, elo lalenziwe nguKumkani uAsa ngenxa kaBhahasha ukumkani wakwaSirayeli.+ Yayililo elo uIshmayeli unyana kaNetaniya walizalisa ngabo babuleweyo.
10 Wandula ke uIshmayeli wayithimba yonke intsalela yabantu ababeseMizpa,+ iintombi zokumkani+ nabo bonke abantu ababesele eMizpa,+ abo uNebhuzaradan intloko yamafanankosi wayebanikele kuGedaliya unyana ka-Ahikam.+ Ngoko uIshmayeli unyana kaNetaniya wabathimba waza wahamba wawelela koonyana baka-Amoni.+
11 Ekuhambeni kwexesha uYohanan+ unyana kaKareya nazo zonke iintloko zemikhosi yamajoni+ ezazikunye naye babuva bonke ububi obabenziwe nguIshmayeli unyana kaNetaniya.
12 Ngenxa yoko bathabatha onke amadoda baza bahamba ukuya kulwa noIshmayeli unyana kaNetaniya yaye bamfumana ngasemanzini amaninzi awayeseGibheyon.+
13 Bathi ke bonke abantu ababenoIshmayeli bakumbona uYohanan unyana kaKareya nazo zonke iintloko zemikhosi yamajoni ezazikunye naye, baba nemihlali.
14 Yaye bonke abantu uIshmayeli awayebakhokela bethinjiwe eMizpa+ bajika, baza bahamba noYohanan unyana kaKareya.
15 Yena ke uIshmayeli unyana kaNetaniya, wasinda+ namadoda asibhozo phambi koYohanan, waya koonyana baka-Amoni.
16 Ke kaloku uYohanan+ unyana kaKareya nazo zonke iintloko zemikhosi yamajoni ezazikunye naye bathabatha yonke intsalela yabantu ababebabuyisile kuIshmayeli unyana kaNetaniya, eMizpa, emva kokuba wayemxabele uGedaliya+ unyana ka-Ahikam, amadoda omeleleyo, amadoda emfazwe, nabafazi nabantwana namagosa enkundla, awayebabuyisile eGibheyon.
17 Ngoko bahamba baza bahlala kwindawo yokuhlala eKimham engaseBhetelehem,+ ukuba baqhubeke behamba baze bangene eYiputa,+
18 ngenxa yamaKhaledi;+ kuba babesoyika ngenxa yabo,+ ekubeni uIshmayeli unyana kaNetaniya wayemxabele uGedaliya unyana ka-Ahikam,+ lowo ukumkani waseBhabhiloni wayemmisele phezu kwelizwe.+