Yobhi 25:1-6
25 Waza waphendula uBhiledadi+ umShuha wathi:
2 “Ulawulo nokunkwantyisa kukuye;+Wenza uxolo ezindaweni zakhe eziphakamileyo.
3 Ngaba bayabaleka na abaphumi-mkhosi bakhe?Ngubani na elingaphumiyo kuye ilanga lakhe?
4 Ngoko unokuba ngolungileyo njani na umntu ofayo phambi koThixo,+Okanye unokuba ngohlambulukileyo njani na umntu ozelwe ngumfazi?+
5 Khangela! Kukho kwanenyanga, yaye ayiqaqambanga;Yaye iinkwenkwezi azingqinekanga zihlambulukile emehlweni akhe.
6 Kubeke phi na ngomntu ofayo, oyimpethu,Nonyana womntu, ongumbungu!”+