Yobhi 33:1-33

33  “Noko ke, khawuncede uve ngoku amazwi am, Yobhi,Uze ukubekele indlebe konke ukuthetha kwam.   Nceda, khangela! Ndimele ndiwuvule umlomo wam;Ulwimi lwam nenkalakahla yam+ zimele zithethe.   Amazwi am kukuthi tye kwentliziyo yam,+Nemilebe yam ithetha ulwazi ngokunyaniseka.+   Ndenziwa ngumoya kaThixo,+Nempefumlo kaSomandla yandidlisa ubomi.+   Ukuba unako, ndiphendule,Bhekisa amazwi kum; yima endaweni yakho.   Khangela! Ndiyiloo nto uyiyo nam kuThixo oyinyaniso;+Nam, ndabunjwa ngodongwe.+   Khangela! Akukho nto yothusayo kum iya kukunkwantyisa,Yaye akukho ngcinezelo+ yam iya kuba nzima kuwe.   Kuphela nje uthethe ezindlebeni zam,Nesandi samazwi akho ndaqhubeka ndisiva,   ‘Ndimsulwa andinakunxaxha;+Ndihlambulukile, yaye andinasiphoso.+ 10  Khangela! Ufumana amathuba okuchasana nam,Undithabatha njengotshaba lwakhe.+ 11  Iinyawo zam uzifaka ezitokisini,+Ulinda zonke iindlela zam.’+ 12  Khangela! Koku ubungachananga,+ ndiyakuphendula;Kuba uThixo ungaphezulu komntu ofayo.+ 13  Kutheni ukuze usukuzane naye,+Kuba onke amazwi akho akawaphenduli?+ 14  Kuba uThixo uthetha kube kanye,Nakabini+—Nangona ubani engakunikeli ngqalelo oko— 15  Ephupheni,+ embonweni+ wasebusuku,Xa abantu befikelwe bubuthongo obunzulu,Xa besozela emandlalweni.+ 16  Uyityhila ngoko indlebe yabantu,+Yaye ubeka itywina lakhe ekubabongozeni, 17  Ukujika umntu esenzweni sakhe,+Nokuze agubungele ikratshi+ kwindoda eyomeleleyo. 18  Uyawunqanda umphefumlo wayo ungayi emhadini+Nobomi bayo bungadluli ngomjukujelwa.+ 19  Eneneni yohlwaywa ngeentlungu emandlalweni wayo,Nokuxabana kwamathambo ayo kuyaqhubeka. 20  Ubomi bayo ngokuqinisekileyo benza isonka sibe nezothe,+Nomphefumlo wayo ukudla okunqwenelekayo. 21  Inyama yayo iyanyamalala,Namathambo ayo abengabonwa ngokuqinisekileyo ayatyhileka. 22  Yaye umphefumlo wayo usondela emhadini,+Nobomi bayo kwabo babangela ukufa. 23  Ukuba inomthunywa,Lowo uyithethelayo, omnye kwabaliwaka,Ukuze axelele umntu ukuthi tye kwakhe, 24  Wandula ke akholiswe nguye aze athi,‘Mkhulule angehli aye emhadini!+Ndifumene intlawulelo!+ 25  Inyama yakhe mayihlaziyeke ngakumbi kunasebutsheni;+Makabuyele emihleni yamandla obutsha bakhe.’+ 26  Uya kumbongoza uThixo ukuba akholiswe nguye,+Yaye uya kububona ubuso bakhe ngemikhwazo yovuyo,Abubuyisele ubulungisa Bakhe kumntu ofayo. 27  Uya kuvumela abantu athi,‘Ndonile;+ ndaza okuthe tye ndakugqwetha,Yaye ngokuqinisekileyo bekungeyonto ifanelekileyo ngam. 28  Uwukhulule umphefumlo wam ekudluleleni emhadini,+Yaye ubomi bam buya kukubona ukukhanya.’ 29  Khangela! UThixo uyazenza zonke ezi zinto,Izihlandlo ezibini, izihlandlo ezithathu, kwimeko yendoda eyomeleleyo, 30  Ukuze abuyise umphefumlo wayo emhadini,+Ukuze akhanyiselwe ngokukhanya kwabo baphilayo.+ 31  Nikela ingqalelo, Owu Yobhi! Ndiphulaphule!Yithi cwaka, yaye mna ndiza kuqhubeka ndithetha. 32  Ukuba kukho nawaphi na amazwi okuthetha, ndiphendule;Thetha, ngokuba ndiyayoliswa bubulungisa bakho. 33  Ukuba akakho, ndiphulaphule;+Yithi cwaka, mna ndiza kukufundisa ubulumko.”

Umbhalo osemazantsi