Yobhi 36:1-33

36  Waza wahlabela mgama uElihu wathi:   “Khawube nomonde kum okwethutyana, yaye ndiya kuvakalisa kuweUkuba kusekho amazwi endinokuwathetha ngoThixo.   Ndiya kulususa kude ulwazi lwam,Yaye ndiya kububalela kuMenzi wam ubulungisa.+   Kuba enyanisweni amazwi am akabobuxoki;Yaye Lowo ugqibeleleyo ngolwazi+ unawe.   Khangela! UThixo unamandla+ yaye akayi kugatya;Unamandla entliziyo;   Akayi kumgcina ephila nabani na ongendawo,+Kodwa uya kuwunikela umgwebo wabo baxhwalekileyo.+   Akayi kuwasusa amehlo akhe nakubani na olilungisa;+Kwanookumkani abasetroneni+Kwakhona uya kubahlalisa ngonaphakade, yaye baya kuphakanyiswa.   Yaye ukuba babotshwe ngamakhamandela,+Bathinjwa ngeentsontelo zenkxwaleko.   Uya kwandula ke abaxelele ngendlela abenza ngayoNokunxaxha kwabo, ngenxa yokuba bazenza abongamileyo. 10  Yaye indlebe yabo uya kuyityhila kwizibongozo,+Aze athi bafanele babuye koko kwenzakalisayo.+ 11  Ukuba bayathobela bakhonze,Imihla yabo baya kuyigqibela kokulungileyoNeminyaka yabo ebumnandini.+ 12  Kodwa ukuba abathobeli, baya kudlula+ nangomjukujelwa,+Yaye baya kubhubha bengenalwazi. 13  Abo baneentliziyo eziwexukileyo baya kubeka umsindo.+Abafanele bakhalele uncedo ngenxa yokuba ubabophile. 14  Umphefumlo wabo uya kufa ebutsheni,+Nobomi babo phakathi kwamahenyu asetempileni.+ 15  Uya kumhlangula oxhwalekileyo kwinkxwaleko yakhe,Yaye uya kuyityhila indlebe yabo kwingcinezelo. 16  Ngokuqinisekileyo uya kukukhulula emlonyeni wokubandezeleka!+Endaweni yako kuya kuba yindawo ebanzi,+ kungekhona ecuthekileyo,Yaye intuthuzelo yetafile yakho iya kuzala kukutyeba.+ 17  Ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa sisigwebo kulowo ungendawo;+Kuya kuma isigwebo nokusesikweni. 18  Kuba lumka umsindo+ ungakulukuhleli ekuqhwabeni izandla ngolunya,Yaye ungavumeli intlawulelo enkulu+ ikulahlekise. 19  Ngaba ukukhalela kwakho uncedo kuya kuba luncedo?+ Hayi, akuyi kuba lulo nasekubandezelekeniKwanayo yonke imigudu yakho yamandla.+ 20  Musa ukubulangazelela ubusuku,Ukuba izizwana zibuye umva endaweni ezikuyo. 21  Zilinde ukuba ungaguqukeli koko kwenzakalisayo,+Kuba unyule oku kunenkxwaleko.+ 22  Khangela! UThixo wenza izenzo eziphakamileyo ngamandla akhe;Ngubani na umyaleli onjengaye? 23  Ngubani omphendulisayo ngendlela yakhe,+Yaye ngubani othe, ‘Wenze intswela-bulungisa’?+ 24  Khumbula ukuba ufanele uwenze mkhulu umsebenzi wakhe+Lowo amadoda aye avuma ngawo.+ 25  Lonke uluntu luwondele;Umntu ofayo uqhubeka ekhangela ekude.+ 26  Yabona! UThixo uphakame ngakumbi kunokuba sinokwazi;+Inani leminyaka yakhe alinakugocagocwa.+ 27  Kuba uwatsala anyuke amathontsi amanzi;+Ahluzeka njengemvula ukwenzela inkungu yakhe, 28  Ukuze amafu athontsize,+Avuzela eluntwini kakhulu. 29  Eneneni, ngubani onokuziqonda iingcamba zamafu,Izithonga eziphuma emnqubeni wakhe?+ 30  Khangela! Ukukhanya kwakhe ukwaneke phezu kwawo,+Neengcambu zolwandle uzigubungele. 31  Kuba ngazo ugweba ityala lezizwana;+Unikela intabalala yokutya.+ 32  Ezandleni zakhe ugubungela umbane,Yaye ubeka umyalelo nxamnye nomhlaseli.+ 33  Ukugquma+ kwakhe kuxela ngaye,Kwanemfuyo ngokuphathelele lowo uzayo.

Umbhalo osemazantsi