Yobhi 7:1-21

7  “Ngaba umntu ofayo akanamsebenzi usisinyanzelo+ na emhlabeni,Yaye ngaba iintsuku zakhe azifani neentsuku zomqeshwa?+   Njengekhoboka ulangazelela umthunzi,+Yaye njengomqeshwa ulindela umvuzo wakhe.+   Ngaloo ndlela ndenziwe ndadla ilifa iinyanga ezingento yanto,+Yaye babalele kum ubusuku beenkathazo.+   Ndakulala ndithi, ‘Ndiya kuvuka nini na?’+Yaye xa okunene ukuhlwa kuhambe umlinganiselo wako, ndiba ndidikiwe kukugushuza de kube sekuzeni kokusa.   Inyama yam yambeswe ziimpethu+ namagada;+Ulusu lwam lwenze izikhoko yaye luyayucuka.+   Iintsuku zam zikhawuleza+ ngaphezu kwesilukiso somluki,Yaye ziphela kungekho themba.+   Khumbula ukuba ubomi bam bungumoya;+Yaye iliso lam aliyi kubona kulunga kwakhona.   Iliso lalowo undibonayo aliyi kundibona;Amehlo akho aya kuba phezu kwam, kodwa andiyi kubakho.+   Ngokuqinisekileyo ilifu liyaphela lize limke;Ngoko ke lowo uhlela eShiyol akayi kunyuka aphume.+ 10  Akayi kubuyela endlwini yakhe kwakhona,Yaye indawo yakhe ayisayi kumqonda kwakhona.+ 11  Nam, andisayi kuwunqanda umlomo wam.Ndiza kuthetha ekubandezelekeni komoya wam;Ndiza kuxhalaba ngobukrakra bomphefumlo wam!+ 12  Ngaba ndilulwandle okanye ndisisilo esikhulu saselwandle,Ukuba undimisele umlindi?+ 13  Xa ndathi, ‘Umandlalo wam uya kundithuthuzela,Umandlalo wam uya kundinceda uthwale ukuxhalaba kwam,’ 14  Undinkwantyise ngamaphupha,Yaye ngemibono undenza ndixhume kukothuka, 15  Kangangokuba umphefumlo wam unyula ukufuthaniseleka,Ukufa+ endaweni yamathambo am. 16  Ndibugatyile;+ andiyi kuphila ukusa kwixesha elingenammiselo.Ndiyeke, ngokuba imihla yam ingumphunga.+ 17  Uyintoni na umntu ofayo+ le nto umkhulisayo,Ukuba ubhekise intliziyo yakho kuye, 18  Ukuba unikele ingqalelo kuye iintsasa zonke,Ukuba umvavanye umzuzu ngamnye?+ 19  Kutheni ungayeki ukundondela,+Ungandiyeki de ndiginye amathe? 20  Ukuba ndonile, ndinokufeza ntoni na nxamnye nawe, wena uQwalasela uluntu?+Kutheni undimise ndaba yinto ojolisa kuyo, ukuze ndibe ngumthwalo kuwe? 21  Yaye kutheni ungakuxoleli ukunxaxha kwam+Uze ungasinanzi isiphoso sam?Kuba ngoku ndiya kulala eluthulini;+Yaye ngokuqinisekileyo uya kundifuna, ndize ndingabikho.”

Umbhalo osemazantsi