Eyokuqala Eya KwabaseKorinte 8:1-13

  • Ukutya okubingelelwe kwizithixo (1-13)

    • Kuthi kukho uThixo omnye (5, 6)

8  Ngoku makhe ndithethe ngokutya okunikelwe kwizithixo:+ Siyazi ukuba sonke sinolwazi.+ Ulwazi lwenza umntu akhukhumale, kodwa uthando luyakha.+  Ukuba nabani na ucinga ukuba uyayazi into ethile, akakayazi ngendlela ebemele ukuba uyazi ngayo.  Kodwa ukuba nabani na uyamthanda uThixo, uyaziwa nguye.  Xa sithetha ngokutyiwa kokutya okunikelwe kwizithixo, siyazi ukuba isithixo asiyonto,+ yaye mnye kuphela uThixo.+  Abantu bathi kukho oothixo abaninzi ezulwini nasemhlabeni.+ Ngoko kubo kukho oothixo abaninzi neenkosi ezininzi,  kodwa kuthi kukho uThixo omnye,+ uTata wethu,+ ezenziwe nguye zonke izinto,+ nesiphilela yena; yaye kukho iNkosi enye, uYesu Kristu, ezikho ngaye zonke izinto,+ nathi sikho ngaye.  Kodwa ke ayingabo bonke abantu abayaziyo loo nto.+ Abanye ngenxa yokuba bebekade bekhonza isithixo, batya ukutya bekholelwa ukuba kubingelelwe kwisithixo,+ size isazela sabo esibuthathaka singcoliswe.+  Kodwa ukutya akusisondezi kuThixo;+ akukho nto yonakalayo xa singatyi, yaye akukho nto sincedakala kuyo xa sisitya.+  Kodwa hlalani nigadile ukuze ilungelo lenu lokuzikhethela lingajiki likhubekise abo babuthathaka.+ 10  Kuba ukuba nabani na angakubona, wena unolwazi, usitya etempileni yesithixo, ngaba umntu onesazela esibuthathaka akazukuba nesibindi sokutya ukutya okunikelwe kwizithixo? 11  Ngoko ngenxa yolwazi lwakho, uyonakala umzalwana wakho obuthathaka, owafelwa nguKristu.+ 12  Xa nisona abazalwana benu ngokwenza loo nto, nisenzakalisa isazela sabo esibuthathaka,+ nona uKristu. 13  Ngoko ukuba into endiyityayo iyamkhubekisa umzalwana wam, soze ndiphinde ndiyitye inyama, ukuze ndingamkhubekisi.+

Umbhalo osemazantsi