Eyokuqala YeziKronike 15:1-29

  • AbaLevi basa iTyeya eYerusalem (1-29)

    • UMikali udelela uDavide (29)

15  Waqhubeka ezakhela izindlu kwisiXeko SikaDavide, wayilungiselela indawo iTyeya yoThixo wokwenene waza wayakhela intente.+  Ngelo xesha uDavide wathi: “Akukho mntu omele athwale iTyeya yoThixo wokwenene ngaphandle kwabaLevi, kuba uYehova ukhethe bona ukuba bathwale iTyeya kaYehova baze bahlale bemsebenzela.”+  Emva koko uDavide wamhlanganisela eYerusalem wonke uSirayeli, ukuze azise iTyeya kaYehova endaweni awayeyilungiselele yona.+  UDavide waqokelela inzala ka-Aron+ nabaLevi:+  kumaKohati yayingu-Uriyeli intloko, nabantakwabo abayi-120,  kumaMerari yayinguAsaya+ intloko, nabantakwabo abayi-220,  kumaGershom yayinguYoweli+ intloko, nabantakwabo abayi-130,  kwinzala kaElitsafan+ yayinguShemaya intloko, nabantakwabo abayi-200,  kwinzala kaHebron yayinguEliyeli intloko, nabantakwabo abayi-80, 10  kwinzala kaUziyeli+ yayinguAminadabhi intloko, nabantakwabo abayi-112. 11  Ngaphezu koko, uDavide wabiza ababingeleli uTsadoki+ noAbhiyatare,+ nabaLevi u-Uriyeli, uAsaya uYoweli, uShemaya, uEliyeli noAminadabhi, 12  wathi kubo: “Niziintloko zezindlu zootata babaLevi. Zenzeni nibe ngcwele, nina nabantakwenu, nizise iTyeya kaYehova uThixo kaSirayeli kwindawo endiyilungiselele yona. 13  Ekubeni ningazange niyithwale ekuqaleni,+ uYehova waba nomsindo omkhulu,+ kuba zange senze izinto ngendlela yakhe.”+ 14  Bazingcwalisa ke ababingeleli nabaLevi ukuze banyuse iTyeya kaYehova uThixo kaSirayeli. 15  Emva koko abaLevi bayithwala emagxeni ngeepali+ iTyeya yoThixo wokwenene, kanye njengokuba uMoses wayetshilo ethunywe nguYehova. 16  UDavide waxelela iintloko zabaLevi ukuba zimise abantakwazo abaziimvumi ukuba bacule bevuya, kudlalwe nezixhobo zomculo: imirhubhe, iihadi+ namacangci.+ 17  Ngoko abaLevi bakhetha uHeman+ unyana kaYoweli yaye kubantakwabo bakhetha uAsafu+ unyana kaBherekiya, ibe kumaMerari abantakwabo bakhetha uEtan+ unyana kaKushaya. 18  Abanye ababekunye nabo yayingabantakwabo besahlulo sesibini,+ uZekariya, uBhen, uYahaziyeli, uShemiramoti, uYehiyele, u-Uni, uEliyabhi, uBhenaya, uMahaseya, uMatitiya, uElifelehu, uMikeneya no-Obhedi-edom noYeyeli oonogada basegeyithini. 19  Iimvumi uHeman,+ uAsafu+ noEtan babeza kukhalisa amacangci ekopolo,+ 20  uZekariya, uAziyeli, uShemiramoti, uYehiyele, u-Uni, uEliyabhi, uMahaseya noBhenaya badlala imirhubhe ngenowuthi yeAlamoti,*+ 21  uMatitiya,+ uElifelehu, uMikeneya, uObhedi-edom, uYeyeli noAzaziya badlala iihadi ngenowuthi yeSheminiti,*+ ukuze babhexeshe. 22  UKenaniya+ intloko yabaLevi walathisa ekuthwalweni kwe­tyeya, kuba wayeyincutshe. 23  UBherekiya noElikana babegade iTyeya. 24  ­Ababingeleli ­uShebhaniya, uYoshafati, uNetaneli, uAmasayi, uZekariya, uBhenaya noEliyezere bawakhalisela phezulu amaxilongo phambi kweTyeya yoThixo wokwenene.+ UObhedi-edom noYehiya nabo babegade iTyeya. 25  UDavide, abadala bakwaSirayeli neentloko zamawaka bahamba beyokuthatha ityeya yesivumelwano* kaYehova endlini kaObhedi-edom+ bevuya.+ 26  Xa uThixo wokwenene wanceda abaLevi ababethwele ityeya yesivumelwano* kaYehova, babingelela ngamathole eenkomo aziinkunzi asixhenxe neenkunzi zeegusha ezisixhenxe.+ 27  UDavide wayenxibe isambatho esingenamikhono selaphu lodidi, ngokunjalo nabaLevi ababethwele iTyeya, iimvumi, uKenaniya intloko yabo bathwala ityeya kunye neemvumi. UDavide wayenxibe ne-efodi yelinen.+ 28  Onke amaSirayeli ayenyusa ityeya yesivumelwano* kaYehova ekhwaza evuya,+ ekhalisa uphondo, amaxilongo,+ amacangci, eyikhalisela phezulu imirhubhe neehadi.+ 29  Kodwa yathi xa ifika ityeya yesivumelwano* kaYehova kwisiXeko SikaDavide,+ uMikali+ intombi kaSawule wakroba ngefestile, wajonga ezantsi wabona uKumkani uDavide etsiba-tsiba ebhiyoza, waza wamdelela entliziyweni yakhe.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “yomnqophiso.”
Okanye “yomnqophiso.”
Okanye “yomnqophiso.”
Okanye “yomnqophiso.”