Eyokuqala YeziKronike 16:1-43

  • ITyeya ifakwa ententeni (1-6)

  • Ingoma kaDavide yokubulela (7-36)

    • “UYehova nguKumkani!” (31)

  • Umsebenzi owenziwa phambi kweTyeya (37-43)

16  Ngoko bayingenisa ngaphakathi iTyeya kaThixo wokwenene, bayibeka endaweni yayo, kwintente uDavide awayeyimisele yona.+ Benzela uThixo wokwenene iminikelo etshiswayo nemibingelelo yobuhlobo.+  Akugqiba ukunikela iminikelo etshiswayo+ nemibingelelo yobuhlobo,+ wabasikelela abantu egameni likaYehova.  Wanika indoda nomfazi ngamnye, kuwo onke amaSirayeli, isonka esirawundi, isonka seedatilisi nesonka seerasintyisi.  Emva koko wamisela abathile kubaLevi ukuba basebenze phambi kweTyeya kaYehova,+ ukuba bazukise,* babulele baze badumise uYehova uThixo kaSirayeli.  UAsafu+ wayeyintloko, owesibini inguZekariya. UYeyeli,+ uShemiramoti, uYehiyele, uMatitiya, uEliyabhi, uBhenaya, uObhedi-edom noYeyeli babedlala imirhubhe neehadi;+ uAsafu wayekhalisa amacangci,+  yena uBhenaya noYahaziyeli ababingeleli, babesoloko bevuthela amaxilongo phambi kwetyeya yesivumelwano* kaThixo wokwenene.  UDavide wayeqala ngaloo mini ukuqamba ingoma yokubulela uYehova waza wayalela uAsafu+ nabantakwabo ukuba bayicule bathi:  “Bulelani kuYehova,+ bizani egameni lakhe,Xelelani izizwana ngezinto azenzileyo!+  Mculeleni, mdumiseni ngeengoma,+Cingisisani* ngayo yonke imisebenzi yakhe emangalisayo.+ 10  Qhayisani ngegama lakhe elingcwele.+ Mazivuye iintliziyo zabo bafuna uYehova.+ 11  Funani uYehova+ namandla akhe. Hlalani nibufuna ubuso* bakhe.+ 12  Khumbulani izenzo zakhe ezimangalisayo,+Imimangaliso yakhe nokugweba kwakhe, 13  Nina nzala* kaSirayeli umkhonzi wakhe,+Nina bonyana bakaYakobi, abakhethiweyo bakhe.+ 14  NguYehova, uThixo wethu.+ Ugweba umhlaba wonke.+ 15  Sikhumbuleni ngonaphakade isivumelwano sakhe,Isithembiso awasenza* kwizizukulwana eziliwaka,+ 16  Isivumelwano awasenza noAbraham,+Nesifungo awasifungela uIsake,+ 17  Eso wasimisela saba sisigwebo kuYakobi+Nesivumelwano esiza kuhlala sihleli kuSirayeli, 18  Esithi, ‘Ndiza kukunika ilizwe laseKanan+Libe lilifa lakho.’+ 19  Ngelo xesha nanimbalwa,Nanimbalwa kakhulu, ibe ningabantu basemzini kwelo lizwe.+ 20  Babehamba-hamba kwiintlanga ngeentlanga,Besuka kobunye ubukumkani baye kwesinye isizwana.+ 21  Zange avumele namnye umntu abacinezele,+Kodwa wakhalimela ookumkani ngenxa yabo,+ 22  Esithi, ‘Ningabachukumisi abantu bam endibakhethileyo,Ningenzi izinto ezimbi nakubaprofeti bam.’+ 23  Mculeleni uYehova, nonke nina basemhlabeni! Thethani ngendlela asindisa ngayo usuku nosuku!+ 24  Thethani ngozuko lwakhe phakathi kweentlanga,Ngemisebenzi yakhe emangalisayo phakathi kwezizwana zonke. 25  Kuba uYehova mkhulu yaye ngoyena ofanelwe kukudunyiswa. Woyikeka ngaphezu kwabo bonke abanye oothixo.+ 26  Bonke oothixo bezizwana abanaxabiso,+Kodwa yena uYehova wenze amazulu.+ 27  Apho akhoyo kukho ubukhulu* nozuko,+Kukho amandla novuyo kwindawo yakhe yokuhlala.+ 28  Mzukiseni uYehova, nina zintsapho zezizwana,Mzukiseni uYehova ngenxa yozuko namandla akhe.+ 29  Mnikeni uYehova uzuko olufanele igama lakhe,+Zisani isipho nize ningene phambi kwakhe.+ Qubudani kuYehova* ninxibe iimpahla zenu ezingcwele.*+ 30  Umhlaba wonke mawungcangcazele phambi kwakhe! Umhlaba uzinzisiwe, awunakugungqiswa.*+ 31  Mawavuye amazulu, mawuvuye nomhlaba,+Chazelani iintlanga nithi: ‘UYehova nguKumkani!’+ 32  Malugqume ulwandle nazo zonke izinto ezikulo,Mawavuye amadlelo nazo zonke izinto ezikuwo. 33  Kwangaxeshanye mayikhwaze ivuya imithi yehlathi phambi koYehova,Kuba uyeza,* ukuze agwebe umhlaba. 34  Bulelani kuYehova, kuba ulungile,+Kuba uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade.+ 35  Yithini, ‘Sisindise, Thixo wosindiso lwethu,+Siqokelele uze usihlangule ezintlangeni,Ukuze sibulele igama lakho elingcwele+Size sikudumise sivuya.*+ 36  Makadunyiswe uYehova, uThixo kaSirayeli,Makadunyiswe ngonaphakade.’”* Yaye bonke abantu bathi, “Amen!”* baza bamdumisa uYehova. 37  Emva koko, uDavide washiya uAsafu+ nabantakwabo phambi kwetyeya yesivumelwano* kaYehova ukuze bahlale besebenza phambi kwayo,+ besenza izinto ezazifanele zenziwe suku ngalunye.+ 38  UObhedi-edom nabantakwabo abayi-68, no-Obhedi-edom unyana kaYedutun kunye noHosa babengoonogada basegeyithini. 39  UTsadoki+ umbingeleli nabanye ababingeleli babephambi kwentente engcwele kaYehova kwindawo ephakamileyo eGibheyon+ 40  ukuze banikele iminikelo etshiswayo eya kuYehova qho esibingelelweni somnikelo otshiswayo, kusasa nangokuhlwa, nokuze benze konke okubhalwe eMthethweni kaYehova awawuyalela uSirayeli.+ 41  BabenoHeman noYedutun+ nawo onke amadoda akhethiweyo, awayebizwe ngamagama ukuba abulele uYehova,+ kuba “uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade,”+ 42  yaye babenoHeman+ noYedutun, ababemiselwe ukuba bakhalise amaxilongo, amacangci nezixhobo zokudumisa* uThixo wokwenene, ibe oonyana bakaYedutun+ babesegeyithini. 43  Emva koko abantu bagoduka waza uDavide wayokusikelela indlu yakhe.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “ukuba bakhumbule.”
Okanye “yomnqophiso.”
Okanye kusenokwenzeka, “Thethani.”
Okanye “ubukho.”
Ngokoqobo, “mbewu.”
Ngokoqobo, “Ilizwi awaliyalelayo.”
Okanye “isidima.”
Okanye kusenokwenzeka, “ngenxa yobukhulu bobungcwele bakhe.”
Okanye “Khonzani uYehova.”
Okanye “awunakushukunyiswa.”
Okanye “uzile.”
Okanye “sivuyiswe kukukudumisa.”
Okanye “ukususela ngonaphakade kuse ngonaphakade.”
Okanye “Makube njalo.”
Okanye “yomnqophiso.”
Okanye “nezixhobo zengoma yokudumisa.”