Eyokuqala YeziKronike 2:1-55

  • Oonyana abayi-12 bakaSirayeli (1, 2)

  • Inzala kaYuda (3-55)

2  Aba yayingoonyana bakaSirayeli:+ uRubhen,+ uSimeyon,+ uLevi,+ uYuda,+ uIsakare,+ uZebhulon,+  uDan,+ uYosefu,+ uBhenjamin,+ uNafetali,+ uGadi+ noAshere.+  Oonyana bakaYuda yayinguEre, uOnan noShela. Aba bathathu wabazalelwa yintombi kaShuwa, umKananakazi. Kodwa uYehova wambulala uEre, izibulo likaYuda, kuba wayemcaphukisa.  UTamare+ umolokazana kaYuda wamzalela uPeretse+ noZera. Bebonke oonyana bakaYuda babebahlanu.  Oonyana bakaPeretse yayinguHetseron noHamuli.  Oonyana bakaZera yayinguZimri, uEtan, uHeman, uKalkoli noDara. Bebonke babebahlanu.  Oonyana bakaKarmi yayinguAkare,* owamzisela intlekele* uSirayeli,+ ngokwenza isenzo sokungathembeki ngento eyayimele itshatyalaliswe.+  Unyana* kaEtan yayinguAzariya.  Oonyana bakaHetseron awabazalelwayo yayinguYerameli, uRam+ noKelubhayi.* 10  URam wazala uAminadabhi. UAminadabhi+ wazala uNashon+ isikhulu soonyana bakaYuda. 11  UNashon wazala uSalma.+ USalma wazala uBhohazi.+ 12  UBhohazi wazala uObhedi. UObhedi wazala uYese.+ 13  UYese wazala uEliyabhi izibulo lakhe, uAbhinadabhi+ owesibini, uShimeya owesithathu,+ 14  uNetaneli owesine, uRadayi owesihlanu, 15  uOtsem owesithandathu noDavide+ owesixhenxe. 16  Oodadewabo yayinguTseruya noAbhigali.+ Oonyana bakaTseruya yayinguAbhishayi,+ uYowabhi+ noAsaheli,+ bebathathu. 17  UAbhigali wazala uAmasa,+ yaye utata ka-Amasa yayinguYetere umIshmayeli. 18  UKalebhi* unyana kaHetseron, wazala oonyana ngoAzubha umfazi wakhe nangoYeriyoti, yaye aba yayingoonyana bakhe: uYeshere, uShobhabhi noArdon. 19  Xa wafayo uAzubha, uKalebhi watshata uEfrata,+ waza wamzalela uHure.+ 20  UHure wazala u-Uri. U-Uri wazala uBhetsaleli.+ 21  Emva koko uHetseron wabelana ngesondo nentombi kaMakire,+ utata kaGiliyadi.+ Wamtshata eneminyaka eyi-60, waza wamzalela uSegubhi. 22  USegubhi wazala uYayire,+ owayenezixeko eziyi-23 kwilizwe laseGiliyadi.+ 23  Kamva uGeshure+ noSiriya+ bathathela kubo iHavoti-yayire,+ iKenati+ needolophu eziphantsi kwayo,* izixeko eziyi-60. Bonke abo yayingoonyana bakaMakire utata kaGiliyadi. 24  Emva kokufa kukaHetseron+ eKalebhi-efrata, uAbhiya umfazi kaHetseron, wamzalela uAshure,+ utata kaTekowa.+ 25  Oonyana bakaYerameli izibulo likaHetseron yayinguRam izibulo, uBhuna, uOren, uOtsem noAhiya. 26  UYerameli wayenomnye umfazi, ogama linguAtara. Wayengumama kaOnam. 27  Oonyana bakaRam, izibulo likaYerameli, yayinguMahazi, uYamin noEkere. 28  Oonyana bakaOnam yayinguShamayi noYada. Oonyana bakaShamayi yayinguNadabhi noAbhishure. 29  Igama lomfazi ka-Abhishure yayinguAbhihali, owathi wamzalela uAhabhan noMolidi. 30  Oonyana bakaNadabhi yayinguSelede noApayim. Kodwa uSelede wafa engenabo oonyana. 31  Unyana* ka-Apayim yayinguIshi. Unyana* kaIshi yayinguSheshan, unyana* kaSheshan inguAhalayi. 32  Oonyana bakaYada umntakwaboShamayi yayinguYetere noYonatan. Kodwa uYetere wafa engenabo oonyana. 33  Oonyana bakaYonatan yayinguPelethe noZaza. Aba yayingoonyana bakaYerameli. 34  USheshan wayengenabo oonyana, wayeneentombi zodwa. USheshan wayenesicaka esingumYiputa esasinguYareha. 35  USheshan wanikezela ngentombi yakhe kuYareha isicaka sakhe, ukuba ibe ngumfazi waso, yaza yamzalela uAtayi. 36  UAtayi wazala uNatan. UNatan wazala uZabhadi. 37  UZabhadi wazala uEfelali. UEfelali wazala uObhedi. 38  UObhedi wazala uYehu. UYehu wazala uAzariya. 39  UAzariya wazala uHeletse. UHeletse wazala uEleyasa. 40  UEleyasa wazala uSisamayi. USisamayi wazala uShalum. 41  UShalum wazala uYekamiya. UYekamiya wazala uElishama. 42  Oonyana bakaKalebhi*+ umntakwaboYerameli yayinguMesha izibulo lakhe, owayengutata kaZifi, kunye noonyana bakaMareshaha utata kaHebron. 43  Oonyana bakaHebron yayinguKora, uTapuwa, uRekem noShema. 44  UShema wazala uRaham utata kaYorkam. URekem wazala uShamayi. 45  Unyana kaShamayi yayinguMahon. UMahon wayengutata kaBhete-tsure.+ 46  UEfa wayengomnye wabafazi bakaKalebhi,* wazala uHaran, uMotsa noGazeze. UHaran wazala uGazeze. 47  Oonyana bakaYadayi yayinguRegem, uYotham, uGeshan, uPelete, uEfa noShahafe. 48  Omnye wabafazi bakaKalebhi* uMahaka wazala uShebhere noTirana. 49  Ekuhambeni kwexesha wazala uShahafe utata kaMademana,+ uSheva utata kaMakebhena notata kaGibheya.+ Intombi kaKalebhi+ yayinguAkesa.+ 50  Aba yayingoonyana bakaKalebhi. Oonyana bakaHure,+ izibulo likaEfratha,+ yayinguShobhali utata kaKiriyati-yarim,+ 51  uSalma utata kaBhetelehem,+ uHarefu utata kaBhete-gadere. 52  UShobhali utata kaKariyati-yarim wayenoonyana: uHarowe, nehafu yamaMenuhoti. 53  Iintsapho zikaKiriyati-yarim yayingamaItri,+ amaPuti, amaShumati namaMisherayi. AmaTsorati+ namaEshtawoli+ avela kwezi ntsapho. 54  Oonyana bakaSalma yayinguBhetelehem,+ amaNetofa, uAtaroti-bhete-yowabhi, ihafu yamaManahati namaTsora. 55  Iintsapho zababhali ababehlala eYabhetse yayingamaTirati, amaShimeyati namaSukati. La yayingamaKeni+ awayevela kuHamati utata wabendlu kaRekabhi.+

Umbhalo osemazantsi

Othetha ukuthi “Umzisi Wentlekele; Umzisi Weshwangusha.” KuYos 7:1, ukwabizwa ngokuba nguAkan.
Okanye “ingxaki; ishwangusha.”
Ngokoqobo, “Oonyana.”
Okwabizwa ngokuba nguKalebhi kwivesi 18, 19, 42.
Okwabizwa ngokuba nguKelubhayi kwivesi 9.
Okanye “eziyingqongileyo.”
Ngokoqobo, “Oonyana.”
Ngokoqobo, “Oonyana.”
Ngokoqobo, “Oonyana.”
Ukwabizwa ngokuba nguKelubhayi kwivesi 9.
Okanye “wayelishweshwe likaKalebhi.”
Okanye “ishweshwe likaKalebhi.”