Eyokuqala YeziKronike 22:1-19

  • UDavide ulungiselela ukwakhiwa kwetempile (1-5)

  • UDavide uyala uSolomon (6-16)

  • Iinkosana zixelelwa ukuba zincedise uSolomon (17-19)

22  UDavide wathi: “Le yindlu kaYehova uThixo wokwenene, ibe esi sisibingelelo somnikelo otshiswayo kaSirayeli.”+  Emva koko uDavide wayalela ukuba kuqokelelwe abantu basemzini+ ababekwilizwe lakwaSirayeli, wathi mababe ngabasiki bamatye, baze baqingqe amatye okwakha indlu yoThixo wokwenene.+  UDavide walungiselela nentsimbi eninzi ukuze kwenziwe izikhonkwane zeengcango zeegeyithi nezibambi. Walungiselela nekopolo eninzi kakhulu kangangokuba yayingenakumetwa,+  walungiselela namaplanga omsedare+ angenakubalwa, kuba amaSidon+ namaTire+ awazisa aba maninzi kakhulu kuDavide.  UDavide wathi: “Unyana wam uSolomon usemncinci ibe akanamava,*+ yaye indlu emele yakhelwe uYehova imele ibalasele kakhulu+ ukuze udumo lwayo nobuhle bayo+ baziwe kuwo onke amazwe.+ Ngoko, ndiza kumlungiselela.” UDavide wamlungiselela izinto ezininzi zokwakha ngaphambi kokuba afe.  Ngaphezu koko wabiza uSolomon unyana wakhe waza wamyalela ukuba akhe indlu kaYehova uThixo kaSirayeli.  UDavide wathi kunyana wakhe uSolomon: “Mna ndandinomnqweno entliziyweni yam wokulakhela indlu igama likaYehova uThixo wam.+  Kodwa ilizwi likaYehova lafika kum lisithi, ‘Uchithe igazi elininzi gqitha, yaye ulwe iimfazwe ezinkulu kakhulu. Awuzukulakhela indlu igama lam,+ kuba uchithe igazi elininzi gqitha emhlabeni phambi kwam.  Jonga! Uza kuba nonyana+ oza kuba yindoda yoxolo.* Ndiza kumphumza kuzo zonke iintshaba zakhe ezimngqongileyo.+ Uza kuba nguSolomon*+ igama lakhe, ibe ndiza kumnika uxolo nenzolo uSirayeli ngemihla yakhe.+ 10  Nguye oza kulakhela indlu igama lam.+ Uza kuba ngunyana wam, mna ndibe ngutata wakhe.+ Ndiza kuyenza ingagungqi itrone yolawulo lwakhe phezu koSirayeli ngonaphakade.’+ 11  “Ngoku ke nyana wam, kwanga uYehova angaba nawe, uphumelele, wakhe indlu kaYehova uThixo wakho, kanye njengokuba wathethayo ngawe.+ 12  Kwanga uYehova angakunika ingqiqo nokuqonda,+ xa ekunika igunya phezu koSirayeli ukuze uwugcine umthetho kaYehova uThixo wakho.+ 13  Uza kuphumelela ukuba uyayigcina imithetho+ nezigwebo uYehova awayalela uMoses ukuba azinike uSirayeli.+ Yiba nesibindi uze womelele. Sukoyika okanye wothuke.+ 14  Ndibile ndisoma ndilungiselela indlu kaYehova iitalente* zegolide eziyi-100 000, iitalente zesilivere eziyi-1 000 000, nekopolo nentsimbi+ eninzi kakhulu kangangokuba ayinakumetwa, ibe ndilungiselele namaplanga namatye,+ kodwa ke uza kongeza kwezi zinto. 15  Unabasebenzi abaninzi, abasiki bamatye, abantu abasebenza ngamatye,+ abasebenza ngemithi nazo zonke intlobo zabasebenzi abanobuchule.+ 16  Igolide, isilivere, ikopolo nentsimbi azinakumetwa.+ Phakama uze uqalise ukusebenza yaye kwanga uYehova angaba nawe.”+ 17  Emva koko uDavide wayalela zonke iinkosana zakwaSirayeli ukuba zimncede uSolomon unyana wakhe, esithi: 18  “Akakho kunye nani na uYehova uThixo wenu, ibe akaninikanga kuphumla macala onke na? Kuba wabanikela kum abantu abahlala kwelo lizwe, yaye loyiswa ilizwe phambi koYehova naphambi kwabantu bakhe. 19  Ngoko zimiseleni ngeentliziyo zenu zonke nangemiphefumlo* yenu yonke ukuba nifune uYehova uThixo wenu,+ nize niqalise ukwakha ingcwele kaYehova uThixo wokwenene,+ ukuze nizise ityeya yesivumelwano* kaYehova nezinto ezingcwele zoThixo wokwenene+ endlini eyakhelwe igama likaYehova.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “uethe-ethe.”
Ngokoqobo, “yokuphumla.”
Lithathwe kwigama lesiHebhere elithetha “Uxolo.”
Italente yayilingana ne-34,2 kg. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “yomnqophiso.”