Eyokuqala YeziKronike 24:1-31
24 Ngoku ke, nanga amaqela enzala ka-Aron: Oonyana baka-Aron yayinguNadabhi, uAbhihu,+ uEleyazare noItamare.+
2 Kodwa ke uNadabhi noAbhihu bafa ngaphambi kokuba utata wabo afe,+ yaye babengenabo oonyana, kodwa uEleyazare+ noItamare baqhubeka bengababingeleli.
3 UDavide noTsadoki+ ophuma koonyana bakaEleyazare, noAhimeleki wakoonyana bakaItamare babahlula ababingeleli ukuze basebenze kwizigxina zabo.
4 Ekubeni oonyana bakaEleyazare babenamadoda aziintloko amaninzi kunoonyana bakaItamare, babahlula ngale ndlela: Koonyana bakaEleyazare bayi-16 ababa ziintloko zezindlu zootata babo, kwaza koonyana bakaItamare baba yi-8 ababa ziintloko zezindlu zootata babo.
5 Ngokubhekele phaya, babahlula ngamaqashiso,+ eli qela neliya, kuba kwakukho iintloko zendawo engcwele neentloko zikaThixo wokwenene, kokubini koonyana bakaEleyazare nakoonyana bakaItamare.
6 Emva koko uShemaya unyana kaNetaneli unobhala wabaLevi wawabhala phantsi amagama abo phambi kukakumkani, kweenkosana, kukaTsadoki+ umbingeleli, kuka-Ahimeleki+ unyana ka-Abhiyatare+ naphambi kweentloko zababingeleli nezabaLevi. UEleyazare wakhethelwa indlu enye waza uItamare wakhethelwa enye.
7 Iqashiso lokuqala laya kuYehoyaribhi, elesibini laya kuYedaya,
8 elesithathu laya kuHarim, elesine laya kuSehorim,
9 elesihlanu laya kuMalekiya, elesithandathu laya kuMiyamin,
10 elesixhenxe laya kuHakotse, elesibhozo laya kuAbhiya,+
11 elesithoba laya kuYeshuwa, eleshumi laya kuShekaniya,
12 ele-11 laya kuEliyashibhi, ele-12 laya kuYakim,
13 ele-13 laya kuHupa, ele-14 laya kuYeshebhabhi,
14 ele-15 laya kuBhilega, ele-16 laya kuImere,
15 ele-17 laya kuHezire, ele-18 laya kuHapitsetse,
16 ele-19 laya kuPetahiya, ele-20 laya kuYehezekeli,
17 ele-21 laya kuYakin, ele-22 laya kuGamuli,
18 ele-23 laya kuDelaya, ele-24 laya kuMahaziya.
19 Ezi yayizizigxina zabo ngokomsebenzi wabo,+ xa bengena endlini kaYehova ngokwenkqubo eyabekwa ngukhokho wabo uAron, kanye njengokuba uYehova uThixo kaSirayeli wamyalelayo.
20 Koonyana bakaLevi naba abasalayo: koonyana baka-Amram,+ yayinguShubhayeli,+ koonyana bakaShubhayeli, yayinguYedeya,
21 kuRehabhiya:+ koonyana bakaRehabhiya, yayinguIshiya intloko,
22 kumaItsare, yayinguShelomoti,+ koonyana bakaShelomoti, yayinguYahati,
23 ibe koonyana bakaHebron, yayinguYeriya+ intloko, uAmariya engowesibini, uYahaziyeli engowesithathu, uYekamam engowesine,
24 koonyana bakaUziyeli, yayinguMika, koonyana bakaMika, yayinguShamire.
25 UmntakwaboMika yayinguIshiya, koonyana bakaIshiya, yayinguZekariya.
26 Oonyana bakaMerari+ yayinguMahali noMushi, koonyana bakaYahaziya, yayinguBheno.
27 Oonyana bakaMerari: kuYahaziya, yayinguBheno, uShoham, uZakure noIbhri,
28 kuMahali, yayinguEleyazare, ongazange abe nanyana,+
29 kuKishe: oonyana bakaKishe yayinguYerameli,
30 bona oonyana bakaMushi yayinguMahali, uEdere noYerimoti.
Aba yayingoonyana bakaLevi ngokwezindlu zootata babo.
31 Nabo benza amaqashiso+ kanye njengokuba abantakwabo oonyana baka-Aron benzayo phambi kukaKumkani uDavide, kukaTsadoki, kuka-Ahimeleki naphambi kweentloko zezindlu zababingeleli nezabaLevi. Oyintloko kwizindlu zootata babo, wayephathwa ngokulinganayo nomntakwabo omncinci.