Eyokuqala YeziKronike 27:1-34
-
Amagosa kakumkani (1-34)
27 Nali inani lamaSirayeli, iintloko zezindlu zootata, abaphathi bamawaka nabamakhulu,+ namagosa abo, awayesebenzela ukumkani+ kuyo yonke imibandela yamaqela awayengena nawayephuma nyanga nganye yonyaka, yaye iqela ngalinye lalinabantu abayi-24 000.
2 UYashobheyam+ unyana kaZabhediyeli wayephethe iqela lokuqala lenyanga yokuqala, yaye iqela lakhe lalinabantu abayi-24 000.
3 Koonyana bakaPeretse,+ yena wayeyintloko yabo bonke abaphathi bamaqela abelwe ukusebenza kwinyanga yokuqala.
4 UDodayi+ umAhowa+ wayephethe iqela lenyanga yesibini ibe uMikeloti wayeyinkokheli, yaye iqela lakhe lalinabantu abayi-24 000.
5 UBhenaya+ unyana kaYehoyada+ umbingeleli oyintloko, wayephethe iqela elalabelwe ukusebenza kwinyanga yesithathu, yaye iqela lakhe lalinabantu abayi-24 000.
6 Lo Bhenaya wayelikroti lamashumi amathathu ibe wayeyinkokheli yawo. Iqela lakhe laliphethwe ngu-Amizabhadi unyana wakhe.
7 Owesine yayinguAsaheli+ umntakwaboYowabhi+ ibe wayephethe kwinyanga yesine. UZebhadiya unyana wakhe waphatha emva kwakhe, iqela lakhe linabantu abayi-24 000.
8 Owesihlanu yayinguShamhuti umIzra ibe wayephethe kwinyanga yesihlanu, iqela lakhe linabantu abayi-24 000.
9 Owesithandathu yayinguIra+ unyana kaIkeshe umTekowa+ ibe wayephethe kwinyanga yesithandathu, iqela lakhe linabantu abayi-24 000.
10 Owesixhenxe yayinguHeletse+ umPeloni woonyana bakaEfrayim ibe wayephethe kwinyanga yesixhenxe, iqela lakhe linabantu abayi-24 000.
11 Owesibhozo yayinguSibhekayi+ umHusha wamaZera+ ibe wayephethe kwinyanga yesibhozo, iqela lakhe linabantu abayi-24 000.
12 Owesithoba yayinguAbhi-ezere+ umAnatoti+ wakwaBhenjamin ibe wayephethe kwinyanga yesithoba, iqela lakhe linabantu abayi-24 000.
13 Oweshumi yayinguMaharayi+ umNetofa wamaZera+ ibe wayephethe kwinyanga yeshumi, iqela lakhe linabantu abayi-24 000.
14 Owe-11 yayinguBhenaya+ umPiratoni woonyana bakaEfrayim ibe wayephethe kwinyanga ye-11, iqela lakhe linabantu abayi-24 000.
15 Owe-12 yayinguHeldayi umNetofa, wakwaOteniyeli ibe wayephethe kwinyanga ye-12, iqela lakhe linabantu abayi-24 000.
16 Nazi iinkokheli zezizwe zakwaSirayeli: kumaRubhen uEliyezere unyana kaZikri wayeyinkokheli, kumaSimeyon yayinguShefatiya unyana kaMahaka,
17 kwaLevi yayinguHashabhiya unyana kaKemuweli, kwa-Aron yayinguTsadoki,
18 kwaYuda yayinguElihu,+ omnye wabantakwaboDavide, kwaIsakare yayinguOmri unyana kaMikayeli,
19 kwaZebhulon yayinguIshmaya unyana kaObhadiya, kwaNafetali yayinguYerimoti unyana ka-Azriyeli,
20 kumaEfrayim yayinguHosheya unyana ka-Azaziya, kwihafu yesizwe sakwaManase yayinguYoweli unyana kaPedaya,
21 kwihafu yakwaManase eGiliyadi yayinguIdo unyana kaZekariya, kwaBhenjamin yayinguYahasiyeli unyana ka-Abhinere,+
22 kwaDan yayinguAzareli unyana kaYeroham. Ezi yayiziinkosana zezizwe zakwaSirayeli.
23 UDavide akazange ababale abantu abaneminyaka eyi-20 nangaphantsi, kuba uYehova wayethembise ukumandisa uSirayeli abe mninzi njengeenkwenkwezi zamazulu.+
24 UYowabhi unyana kaTseruya waqalisa ukubala, kodwa akazange agqibe, yaye uThixo waba nomsindo kuSirayeli ngenxa yale nto,+ ibe elo nani alizange lifakwe kwingxelo yembali yemihla kaKumkani uDavide.
25 UAzimaveti unyana ka-Adiyeli wayejongene noovimba bobutyebi bukakumkani.+ UYonatan unyana kaUziya wayejongene noovimba* emasimini, ezixekweni, kwiidolophana nakwiinqaba.
26 UEzeri unyana kaKelubhi wayephethe abantu ababesebenza emasimini, belima.
27 UShimeyi umRama wayejongene namasimi eediliya. UZabhedi umShifemoti wayephethe imveliso efakwa kwizisele zewayini.
28 UBhahali-hanan umGedere wayejongene nemithi yomnquma nemithi yesikamore+ ekwiShefela.+ UYowashe wayephethe izisele zeoli.
29 UShitrayi umSharon wayephethe imihlambi yeenkomo eyayisidla eSharon+ ibe uShafati unyana ka-Adelayi wayephethe imihlambi yeenkomo esezintlanjeni.*
30 UObhili umIshmayeli wayephethe iinkamela. UYedeya umMeronoti wayephethe iidonki.*
31 UYazizi umHagri wayephethe imihlambi yeegusha neebhokhwe. Bonke aba babengabaphathi bezinto zikaKumkani uDavide.
32 UYonatan,+ unyana womntakwaboDavide, wayengumcebisi, indoda enokuqonda, ekwangunobhala. UYehiyele unyana kaHakemoni wayejongene noonyana bakakumkani.+
33 UAhitofele+ wayengumcebisi kakumkani ibe uHushayi+ umArki wayengumhlobo* kakumkani.
34 UYehoyada, unyana kaBhenaya,+ noAbhiyatare+ bangena ezihlangwini zika-Ahitofele. UYowabhi+ wayengumphathi womkhosi kakumkani.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “noovimba bobutyebi.”
^ Okanye “esemathafeni.”
^ Ngokoqobo, “iimazi zeedonki.”
^ Okanye “wayengugxa.”