Eyokuqala YeziKronike 7:1-40

  • Inzala kaIsakare (1-5), ekaBhenjamin (6-12), ekaNafetali (13), ekaManase (14-19), ekaEfrayim (20-29), neka-Ashere (30-40)

7  Oonyana bakaIsakare yayinguTola, uPuwa, uYashubhi noShimron,+ bebane.  Bona oonyana bakaTola yayingu-Uzi, uRefaya, uYeriyeli, uYamayi, uIbhesam noShemuweli, beziintloko zezindlu zookhokho babo. Inzala kaTola yayingamakroti, beyi-22 600 ngemihla kaDavide.  Yona inzala kaUzi* yayinguIzrahiya. Oonyana bakaIzrahiya yayinguMikayeli, uObhadiya, uYoweli noIshiya, bobahlanu babeziinkosi.*  Phakathi kwabo ngokweenzala zabo, ngokwezindlu zookhokho babo, babenomkhosi onamajoni alungele imfazwe ayi-36 000, kuba babenabafazi abaninzi noonyana abaninzi.  Abantakwabo ngokweentsapho zonke, bedweliswe bonke ngokweminombo yabo yokuzalwa yakwaIsakare, babengamakroti ayi-87 000.+  Oonyana bakaBhenjamin+ yayinguBhela,+ uBhekere+ noYediyayeli,+ bebathathu.  Bona oonyana bakaBhela yayinguEtsebhoni, u-Uzi, u-Uziyeli, uYerimoti noIri, bobahlanu babeziintloko zezindlu zookhokho babo. Babengamakroti ayi-22 034, bebhaliswe ngokweminombo yabo yokuzalwa.+  Bona oonyana bakaBhekere yayinguZemira, uYowashe, uEliyezere, uEliyohenayi, uOmri, uYeremoti, uAbhiya, uAnatoti noAlemete, bonke aba yayingoonyana bakaBhekere.  Kwiminombo yabo yokuzalwa, ngokweenzala zabo nangokweentloko zezindlu zookhokho babo, kwabhaliswa amakroti ayi-20 200. 10  Bona oonyana bakaYediyayeli+ yayinguBhilehan noonyana bakhe: uYewushe, uBhenjamin, uEhudi, uKenahana, uZetan, uTarshishe noAhishahare. 11  Bonke aba yayingoonyana bakaYediyayeli, ngokweentloko zookhokho babo, bengamakroti ayi-17 200, alungele ukuya kumkhosi wemfazwe. 12  AmaShupim namaHupim ayengoonyana* bakaIre,+ amaHushim engoonyana baka-Ahere. 13  Oonyana bakaNafetali+ yayinguYatsiyeli, uGuni, uYetsere noShalum, inzala kaBhiliha.*+ 14  Oonyana bakaManase+ yayinguAsriyeli, owazalwa ngomnye umfazi wakhe ongumSiriya.* (Wazala uMakire+ utata kaGiliyadi. 15  UMakire wathathela uHupim noShupim abafazi, yaye igama lodadewabo lalinguMahaka.) Igama lowesibini lalinguTselofehadi,+ kodwa uTselofehadi waba neentombi.+ 16  UMahaka umfazi kaMakire, wazala unyana waza wamthiya igama elinguPereshe. Igama lomntakwabo lalinguShereshe, bona oonyana bakhe yayingu-Ulam noRekem. 17  Unyana kaUlam* yayinguBhedan. Aba yayingoonyana bakaGiliyadi unyana kaMakire unyana kaManase. 18  Udadewabo yayinguHamolekete. Wazala uIshodi, uAbhi-ezere noMahala. 19  Oonyana bakaShemida yayinguAhiyan, uShekem, uLikhi noAniyam. 20  Oonyana bakaEfrayim+ yayinguShutela,+ uBheredi unyana wakhe, uTahati unyana wakhe, uEleyada unyana wakhe, uTahati unyana wakhe, 21  uZabhadi unyana wakhe, uShutela unyana wakhe, uEtsere noEleyadi. Amadoda akwaGati+ awazalelwa kwelo lizwe ababulala kuba behla bayokuthatha imfuyo yabo. 22  UEfrayim utata wabo wazila iintsuku ezininzi, yaye abantakwabo babesiza kumthuthuzela. 23  Emva koko wabelana ngesondo nomfazi wakhe, wakhulelwa wazala unyana. Kodwa wamthiya igama elinguBheriya,* kuba kwakwehle intlekele endlini yakhe. 24  Yona intombi yakhe yayinguShera, owakha iBhete-horon Esezantsi+ neBhete-horon Engasentla,+ neUzen-shera. 25  Kwakukho noRefa unyana wakhe, uReshefe, uTela unyana wakhe, uTahan unyana wakhe, 26  uLadan unyana wakhe, uAmihudi unyana wakhe, uElishama unyana wakhe, 27  uNun unyana wakhe noYoshuwa*+ unyana wakhe. 28  Umhlaba wabo neendawo zabo zokuhlala yayiyiBheteli+ needolophu eziphantsi kwayo,* yaye empuma yayiyiNaharan, ibe entshona iyiGezere needolophu eziphantsi kwayo, neShekem needolophu eziphantsi kwayo ukuya kuma ngeAya* needolophu eziphantsi kwayo. 29  Ecaleni koonyana bakaManase kwakukho iBhete-sheyan+ needolophu eziphantsi kwayo, iTahanaki+ needolophu eziphantsi kwayo, iMegido+ needolophu eziphantsi kwayo neDore+ needolophu eziphantsi kwayo. Kwezi ndawo kwakuhlala oonyana bakaYosefu unyana kaSirayeli. 30  Oonyana baka-Ashere yayinguImna, uIshva, uIshvi noBheriya,+ yaye udadewabo yayinguSera.+ 31  Oonyana bakaBheriya yayinguHebheri noMalekiyeli, owayengutata kaBhirzayiti. 32  UHebheri wazala uYafelete, uShomere, uHotam noShuwa udadewabo. 33  Oonyana bakaYafelete yayinguPasaki, uBhimhali noAshvati. Aba yayingoonyana bakaYafelete. 34  Oonyana bakaShemere* yayinguAhi, uRoga, uYehubha noAram. 35  Oonyana bakaHelem* umntakwabo yayinguTsofa, uYimna, uSheleshe noAmali. 36  Oonyana bakaTsofa yayinguSuwa, uHarnefere, uShuwali, uBheri, uImra, 37  uBhetsere, uHodi, uShama, uShilesha, uItran noBhera. 38  Oonyana bakaYetere yayinguYefune, uPisepa noAra. 39  Oonyana bakaUla yayinguArahi, uHaniyeli noRitsiya. 40  Bonke aba yayingoonyana baka-Ashere, iintloko zezindlu zookhokho babo abakhethiweyo, amakroti, ezona nkosi, yaye ngokweminombo yabo yokuzalwa, babengamadoda abhaliswe emkhosini+ ayi-26 000+ alungele imfazwe.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “babeziintloko.”
Ngokoqobo, “Oonyana bakaUzi.”
Okanye “UShupim noHupim babengoonyana.”
Ngokoqobo, “oonyana bakaBhiliha.”
Okanye “lishweshwe lakhe elingumSiriya.”
Ngokoqobo, “Oonyana bakaUlam.”
Othetha ukuthi “Ngentlekele.”
Okanye “uYehoshuwa,” othetha ukuthi “UYehova Ulusindiso.”
Okanye kusenokwenzeka, “ngeGaza,” kungekhona iGaza eseFilisti.”
Okanye “neendawo eziyingqongileyo.”
Okwabizwa ngokuba nguShomere kwivesi 32.
Mhlawumbi okwanguHotam kwivesi 32.