Eyokuqala YeziKronike 9:1-44

  • Iminombo yabantu emva kokubuya ekuthinjweni (1-34)

  • Umnombo kaSawule (35-44)

9  Onke amaSirayeli abhaliswa ngokweminombo yawo, yaye abhalwe kwiNcwadi Yookumkani BakwaSirayeli. AmaYuda athinjelwa eBhabhiloni ngenxa yokungathembeki kwawo.+  Abantu bokuqala ababuyela kwilifa labo, ezixekweni zabo yayingamanye amaSirayeli, ababingeleli, abaLevi nabasebenzi basetempileni.*+  Yaye abanye benzala kaYuda,+ ekaBhenjamin,+ ekaEfrayim nekaManase bahlala eYerusalem:  yayingu-Utayi unyana ka-Amihudi unyana kaOmri unyana kaImri unyana kaBhani, inzala kaPeretse+ unyana kaYuda.  KumaShilo, nguAsaya izibulo noonyana bakhe.  Koonyana bakaZera,+ nguYewuweli nabantakwabo abayi-690.  Kwinzala kaBhenjamin, nguSalu unyana kaMeshulam unyana kaHodaviya unyana kaHasenuwa,  uIbheneya unyana kaYeroham, uElaha unyana kaUzi unyana kaMikeri, noMeshulam unyana kaShefatiya unyana kaRehuweli unyana kaIbheniya.  Abantakwabo ngokwenzala babeyi-956. Onke la madoda ayeziintloko zezindlu zookhokho bawo.* 10  Kubabingeleli kwakukho uYedaya, uYehoyaribhi, uYakin,+ 11  uAzariya unyana kaHilekiya unyana kaMeshulam unyana kaTsadoki unyana kaMerayoti unyana ka-Ahitubhi, inkokheli yendlu* yoThixo wokwenene, 12  uAdaya unyana kaYeroham unyana kaPashure unyana kaMalekiya, uMahasayi unyana ka-Adiyeli unyana kaYazera unyana kaMeshulam unyana kaMeshilemiti unyana kaImere, 13  nabantakwabo, iintloko zezindlu zookhokho babo, amadoda ayi-1 760 anamandla nanokukwazi ukwenza umsebenzi wendlu yoThixo wokwenene. 14  KubaLevi kwakukho uShemaya+ unyana kaHashubhi unyana ka-Azerikam unyana kaHashabhiya, bonke beyinzala kaMerari, 15  noBhakebhakare, uHereshe, uGalali, uMataniya unyana kaMikha unyana kaZikri unyana ka-Asafu, 16  uObhadiya unyana kaShemaya unyana kaGalali unyana kaYedutun, noBherekiya unyana ka-Asa unyana kaElikana, owayehlala kwiilali zamaNetofa.+ 17  Oonogada basegeyithini+ yayinguShalum, uAkubhi, uTalemoni, uAhiman, uShalum umntakwabo wayeyintloko, 18  kwada kwaba lelo xesha esegeyithini kakumkani ngasempuma.+ Aba yayingoonogada beegeyithi zeenkampu zabaLevi. 19  UShalum unyana kaKore unyana kaEbhiyasafu unyana kaKora, nabantakwabo bendlu yootata babo, amaKora, babephethe umsebenzi wenkonzo, bengoonogada kumnyango wentente. Nootata babo babephethe intente kaYehova, bengoonogada basegeyithini. 20  NguFinehasi+ unyana kaEleyazare+ owayekhe wayinkokheli yabo, uYehova emxhasa. 21  UZekariya+ unyana kaMeshelemiya wayengunogada wasegeyithini yentente yokuhlangana. 22  Bonke abakhethwayo ukuba babe ngoonogada basegeyithini emigubasini babeyi-212. Babekwiilali zabo njengokuba babebhaliswe ngokweminombo yabo.+ Babekwa kwesi sikhundla sokuthembeka nguDavide noSamuweli imboni.+ 23  Bona noonyana babo babejongene nomsebenzi wokugada iigeyithi zendlu kaYehova,+ indlu yentente. 24  Oonogada basegeyithini babekho kuwo omane amacala, empuma, entshona, emntla nasemzantsi.+ 25  Kwakuye kufuneke abantakwabo bamane besiza iintsuku ezisixhenxe besuka kwiilali zabo, beze kusebenza kunye nabo. 26  Kwakukho oonogada basegeyithini abane ababephethe kwisikhundla sokuthembeka. BabengabaLevi, yaye babephethe amagumbi* nobutyebi bendlu yoThixo wokwenene.+ 27  Babedla ngokuchitha ubusuku bemi kwiindawo zabo bejikeleze indlu yoThixo wokwenene, kuba babesenza umsebenzi wabo wokugada, ingabo abagcina isitshixo, yaye babeyivula indlu qho ekuseni. 28  Abanye babephethe izinto ezazisetyenziselwa inkonzo,+ babezibala xa bezikhupha baphinde bazibale xa bezingenisa. 29  Abanye babo babephathiswe iimpahla, zonke iimpahla ezingcwele,+ umgubo ocolekileyo,+ iwayini,+ ioli,+ intlaka yokuqhumisa+ neoli yebhalsam.+ 30  Abanye oonyana bababingeleli babexuba isithambiso seoli yebhalsam. 31  Yena uMatitiya wabaLevi, owayelizibulo likaShalum umKora, wayekwisikhundla sokuthembeka ephethe izinto ezibhakwe ngeepani.+ 32  Abanye abantakwabo abangamaKohati babejongene nezonka ezibekwa etafileni,*+ ukuze bazilungiselele qho ngesabatha.+ 33  Aba babeziimvumi, iintloko zezindlu zootata babaLevi emagumbini.* Babengayinikwanga eminye imisebenzi, kuba babemele babe semsebenzini imini nobusuku. 34  Aba babeziintloko zezindlu zootata babaLevi ngokweenzala zabo, amadoda aziintloko. Babehlala eYerusalem. 35  Utata kaGibheyon, uYeyeli, wayehlala eGibheyon.+ Igama lomfazi wakhe yayinguMahaka. 36  Unyana wakhe olizibulo yayinguAbhedon, elandelwa nguTsure, uKishe, uBhahali, uNere, uNadabhi, 37  uGedore, uAhiyo, uZekariya noMikeloti. 38  UMikeloti wazala uShimeyam. Bonke babehlala kufutshane nabantakwabo eYerusalem, kunye nabanye abantakwabo. 39  UNere+ wazala uKishe, uKishe wazala uSawule,+ uSawule wazala uYonatan,+ uMaleki-shuwa,+ uAbhinadabhi+ noEshbhali. 40  Unyana kaYonatan yayinguMeribhi-bhahali.+ UMeribhi-bhahali wazala uMika.+ 41  Oonyana bakaMika yayinguPiton, uMeleki, uTareya noAhazi. 42  UAhazi, wazala uYara, uYara wazala uAlemete, uAzimaveti noZimri. UZimri wazala uMotsa. 43  UMotsa wazala uBhineya noRefaya unyana wakhe, uEleyasa unyana wakhe noAzeli unyana wakhe. 44  UAzeli wayenoonyana abathandathu, yaye ngawo la amagama abo: uAzerikam, uBhokeru, uIshmayeli, uShehariya, uObhadiya noHanan. Aba yayingoonyana baka-Azeli.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “namaNethini.” Ngokoqobo, “abo banikelweyo.”
Ngokoqobo, “ayeziintloko kwizindlu zootata bawo.”
Okanye “yetempile.”
Okanye “amagumbi okutyela.”
Oko kukuthi, izonka zokubonisa.
Okanye “kumagumbi okutyela.”