Eyokuqala YooKumkani 13:1-34
13 Kwafika indoda yakwaThixo+ eBheteli ivela kwaYuda, njengokuba uYehova wayeyalele, ngoxa uYerobhoham wayemi ngasesibingelelweni+ ukuze aqhumise umbingelelo.
2 Yakhwaza ibhekisa kwisibingelelo njengokuba uYehova wayeyiyalele, yathi: “Owu sibingelelo, sibingelelo! Uthi uYehova: ‘Jonga! Kuza kuzalwa unyana ogama linguYosiya+ endlini kaDavide! Uza kubabingelela phezu kwakho ababingeleli beendawo eziphakamileyo abaqhumisa imibingelelo phezu kwakho, yaye uza kutshisa amathambo abantu phezu kwakho.’”+
3 Yabaxelela ngommangaliso owawuza kwenzeka ngaloo mini, isithi: “Nanku ummangaliso ovela kuYehova: Jonga! Isibingelelo siza kuqhekeka, luze uthuthu* oluphezu kwaso luchitheke.”
4 Wathi uKumkani uYerobhoham akuva ukuba ithini indoda yoThixo wokwenene ngesibingelelo esiseBheteli, wasolula ngoko nangoko isandla sakhe elapho esibingelelweni, wathi: “Mbambeni!”+ Ngoko nangoko soma nko* eso sandla, akakwazi ukusibuyisela kuye.+
5 Emva koko isibingelelo saqhekeka lwaza uthuthu lwachitheka esibingelelweni kanye njengokuba yayitshilo indoda yoThixo wokwenene ngelizwi likaYehova.
6 Ukumkani wathi kwindoda yoThixo wokwenene: “Ndiyakucela, khawumcenge uYehova* uThixo wakho, undithandazele ukuze isandla sam siphiliswe.”+ Ngoko indoda yoThixo wokwenene yamcenga uYehova, saza saphiliswa isandla sikakumkani, saba njengasekuqaleni.
7 Wathi ukumkani kwindoda yoThixo wokwenene: “Masihambe siye kwam, ufumane into etyiwayo, ndikuphe nesipho.”
8 Kodwa yona yathi kukumkani: “Nokuba ungandinika ihafu yendlu yakho, andizukuhamba nawe ndize nditye isonka okanye ndisele amanzi kule ndawo.
9 Kuba uYehova undiyalele wathi: ‘Uze ungatyi sonka okanye usele manzi, ungabuyi nangendlela obuze ngayo.’”
10 Ngoko yahamba ngenye indlela, ayabuya ngendlela eyayiye ngayo eBheteli.
11 Kwakukho mprofeti uthile omdala owayehlala eBheteli, yaye oonyana bakhe beza kuye baza bambalisela zonke izinto eyazenzayo indoda yoThixo wokwenene ngaloo mini eBheteli nento eyayithethayo kukumkani. Bakugqiba ukumbalisela utata wabo,
12 wathi kubo: “Ihambe ngeyiphi indlela?” Ngoko oonyana bakhe bambonisa indlela ehambe ngayo indoda yoThixo wokwenene eyayivela kwaYuda.
13 Wathi kubo: “Ndifakeleni isali kwidonki.” Bamfakela, waza wakhwela.
14 Wayilandela indoda yoThixo wokwenene waza wayifumana ihleli phantsi komthi omkhulu. Wathi kuyo: “Nguwe na le ndoda yoThixo wokwenene evela kwaYuda?”+ Yona yathi: “Ndim.”
15 Wathi kuyo: “Masihambe siye kwam uze utye isonka.”
16 Kodwa yathi: “Andizukukwazi ukujika nawe okanye ndamkele isimemo sakho, ndingazukukwazi nokutya isonka okanye ndisele amanzi nawe kule ndawo.
17 Kuba ilizwi likaYehova lithe kum, ‘Uze ungatyi sonka okanye usele manzi apho. Uze ungabuyi ngendlela obuhambe ngayo.’”
18 Wathi kuyo: “Nam ndingumprofeti njengawe, ibe ndiyalelwe yingelosi ngelizwi likaYehova, isithi, ‘Buya naye niye endlini yakho ukuze atye isonka, asele namanzi.’” (Wayiqhatha.)
19 Yajika naye, yayokutya isonka yasela namanzi endlini yakhe.
20 Bathi besahleli etafileni, kwafika ilizwi likaYehova kumprofeti owayeyijikisile,
21 wathetha ngelizwi elikhulu ebhekisa kwindoda yoThixo wokwenene, esithi, “Uthi uYehova: ‘Ngenxa yokuba ungalithobelanga ilizwi likaYehova, awawugcina umyalelo kaYehova uThixo wakho,
22 wajika wayokutya isonka wasela namanzi kwindawo endandithe, “Uze ungatyi sonka okanye usele manzi kuyo,” isidumbu sakho asizukungcwatywa kumangcwaba ookhokho bakho.’”+
23 Emva kokuba indoda yoThixo wokwenene itye isonka yaza yasela, umprofeti omdala owayeyijikisile wayifakela isali kwidonki yayo.
24 Yangena endleleni, kodwa kwathi gqi ingonyama yaza yayibulala loo ndoda.+ Isidumbu sayo sathi tywa apho endleleni, idonki yema ecaleni kwaso, nengonyama yema ecaleni kwaso.
25 Abantu ababedlula basibona eso sidumbu nengonyama eyayimi ecaleni kwaso. Bafika bayichaza loo nto kwisixeko awayehlala kuso umprofeti omdala.
26 Xa la mprofeti wayeyijikisile wayivayo loo nto, ngoko nangoko wathi: “Yilaa ndoda yoThixo wokwenene eye ayawuthobela umyalelo kaYehova;+ ngoko uYehova uyinikele engonyameni ukuze iyihlasele iyibulale, ngokwelizwi elithethwe nguYehova kuyo.”+
27 Emva koko wathi koonyana bakhe: “Ndifakeleni isali kwidonki.” Ngoko bayifaka.
28 Wangena endleleni waza wasifumana isidumbu sithe tywa endleleni, idonki nengonyama zimi ecaleni kwaso. Ingonyama zange isitye isidumbu, ingazange iyihlasele nedonki.
29 Lo mprofeti wasiphakamisa isidumbu sendoda yoThixo wokwenene wasibeka phezu kwedonki, wabuyela naso esixekweni sakhe ukuze sizilelwe size singcwatywe.
30 Ngoko wasibeka kwingcwaba lakhe eso sidumbu, baza bamlilela besithi: “Yho-o-o, mntakwethu!”
31 Emva kokuba esingcwabile, wathi koonyana bakhe: “Xa ndifile ze nindingcwabe kwindawo engcwatywe kuyo le ndoda yoThixo wokwenene, amathambo am niwabeke ecaleni kwamathambo ayo.+
32 Ngokuqinisekileyo liza kwenzeka ilizwi likaYehova eyalithethayo ngesibingelelo esiseBheteli nangazo zonke izindlu ekukhonzelwa kuzo ezikwiindawo eziphakamileyo+ kwizixeko zaseSamariya.”+
33 Kwanasemva kwesi siganeko, uYerobhoham akazange aziyeke izinto ezimbi awayezenza, kodwa waqhubeka emisela abantu nje abaqhelekileyo baba ngababingeleli beendawo eziphakamileyo.+ Wayemenza umbingeleli* nabani na ofunayo, esithi: “Makabe ngomnye wababingeleli beendawo eziphakamileyo.”+
34 Esi sono sendlu kaYerobhoham+ sayenza yatshabalala yaphela kwathi tu emhlabeni.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “uthuthu olunamafutha,” oko kukuthi, uthuthu oluchithelwe ngamafutha eminikelo.
^ Okanye “safa.”
^ Okanye “khawubenze buthambe ubuso bukaYehova.”
^ Ngokoqobo, “Wayegcwalisa isandla sakhe.”