Eyokuqala YooKumkani 5:1-18

  • UKumkani uHiram unikisa ngempahla yokwakha (1-12)

  • Abasebenzi bakaSolomon ababhalisiweyo (13-18)

5  Wathi akuva uHiram ukumkani waseTire+ ukuba uSolomon uthanjiswe waba ngukumkani oza kungena ezihlangwini zikatata wakhe, wathumela abakhonzi bakhe kuSolomon, kuba uHiram wayengumhlobo kaDavide.*+  USolomon wathumela lo myalezo kuHiram:+  “Wazi kakuhle ukuba utata wam uDavide akazange akwazi ukulakhela indlu igama likaYehova uThixo wakhe, ngenxa yokuhlaselwa kwakhe macala onke, de uYehova wazibeka phantsi kweentende zeenyawo zakhe iintshaba zakhe.+  Kodwa ngoku uYehova uThixo wam undiphumze macala onke.+ Andinazintshaba, kungekho nanto imbi yenzekayo.+  Ngoko ndizimisele ukulakhela indlu igama likaYehova uThixo wam, kanye njengokuba uYehova wathembisa utata wam uDavide, esithi: ‘Ngunyana wakho endiza kumbeka etroneni yakho endaweni yakho, oza kulakhela indlu igama lam.’+  Ngoku ke yalela abantu bakho ukuba bandicandele imisedare yaseLebhanon.+ Izicaka zam ziza kusebenza nezicaka zakho, yaye ezakho ndiza kuzibhatala ngaloo nto uthi mandizinike yona, kuba uyazi nawe ukuba akukho namnye kuthi ukwaziyo ukucanda imithi njengamaSidon.”+  Wathi akuweva uHiram amazwi kaSolomon, wavuya kakhulu waza wathi: “Makadunyiswe uYehova namhlanje, kuba unike uDavide unyana osisilumko ukuze aphathe esi sizwe sikhulu kangaka!”+  Ngoko uHiram wathumela kuSolomon esithi: “Ndiwuvile umyalezo wakho. Ndiza kwenza loo nto uthi mandiyenze, ndikugawulele amaplanga omsedare nawejunipha.+  Izicaka zam ziza kwehla nawo ukusuka eLebhanon ziwase elwandle, ibe ndiza kuwabopha ndize ndiwahambise ngolwandle ukuya kwindawo ofuna ndiwase kuyo. Aza kukhululwa apho, uze wena uwathathe. Into oza kundenzela yona wena kukunika indlu yam ukutya.”+ 10  UHiram wanika uSolomon onke amaplanga omsedare nawejunipha awayewafuna. 11  Yena uSolomon wanika uHiram iikore* eziyi-20 000 zengqolowa zaba kukutya kwendlu yakhe, neekore eziyi-20 zeoli yomnquma yodidi. USolomon waqhubeka enika uHiram ezo zinto nyaka nonyaka.+ 12  UYehova wamnika ubulumko uSolomon, kanye njengokuba wayemthembisile.+ Yaye kwabakho uxolo phakathi kukaHiram noSolomon, baza benza isivumelwano. 13  UKumkani uSolomon waqokelela amadoda okwenza umsebenzi wesinyanzelo kuye wonke uSirayeli; waqokelela amadoda ayi-30 000.+ 14  Wayethumela ayi-10 000 eLebhanon nyanga nganye. Ayesiba seLebhanon inyanga yonke, aze abe sekhaya iinyanga ezimbini; ibe ayephethwe nguAdoniram.+ 15  USolomon wayenabasebenzi* abayi-70 000 nabantu abasika amatye+ abayi-80 000 ezintabeni,+ 16  ibe wayeneenduna eziyi-3 300+ ezaziphethe abasebenzi. 17  Ukumkani wayalela ukuba bembe amatye amakhulu, amatye abiza imali eninzi,+ ukuze babeke isiseko sendlu+ ngamatye asikiweyo.+ 18  Abakhi bakaSolomon nabakhi bakaHiram namaGebhali+ bawasika, balungisa amaplanga namatye okwakha le ndlu.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “wayemthanda uDavide.”
Ikore yayilingana ne-220 L. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “wayenabathwali bemithwalo.”