Eyokuqala KaPetros 2:1-25
2 Ngoko yahlukanani nabo bonke ububi,+ ukuxoka, ukuhanahanisa,* umona nokuhlebana.
2 Njengeentsana ezisanda kuzalwa,+ nqwenelani ubisi olungaxutywanga lwelizwi, ukuze nikhule nize nisindiswe,+
3 kuba niye nazibonela ngokwenu ukuba iNkosi inobubele.
4 INkosi ililitye eliphilayo abangazange balifune abantu,+ kodwa lakhethwa nguThixo kuba lixabisekile kuye.+ Xa nisondela kuyo,
5 nani njengamatye aphilayo niba yindlu eyakhiwa ngumoya kaThixo+ ukuze nibe liqela lababingeleli abangcwele, ninikele imibingelelo nikhokelwa ngumoya kaThixo,+ aze ayamkele ngoYesu Kristu.+
6 Kuba sithi iSibhalo: “Jonga! Ndibeka ilitye elikhethiweyo eZiyon, ilitye lekona elisisiseko nelixabisekileyo, yaye bonke abo bakholwayo kulo abasoze baphoxeke.”*+
7 Nini abamxabisileyo kuba ningamakholwa; kodwa kwabo bangakholwayo, “ilitye elalingafunwa ngabakhi+ liye laba lilitye lekona eliyintloko,”+
8 ibe liye laba “lilitye elikhubekisayo nolwalwa olubenza babe nomsindo abantu.”+ Bakhubeka kuba bengalithobeli ilizwi. Yiloo nto kakade emele ibehlele abantu abanjalo.
9 Kodwa nina “niluhlanga olukhethiweyo, ababingeleli basebukhosini,+ isizwe esingcwele, abantu bakhe abakhethileyo,+ ukuze nishumayele kuyo yonke indawo ngeempawu ezimangalisayo”*+ zaLowo wanikhuphayo ebumnyameni waza wanifaka ekukhanyeni kwakhe okumangalisayo.+
10 Kuba nanikhe anabi ngabantu bakaThixo, kodwa ngoku ningabo;+ naningenzelwanga nceba, kodwa ngoku niyenzelwe.+
11 Bazalwana endibathandayo, ekubeni ningabantu basemzini+ nabaphambukeli bokwexeshana,+ ndiyanicela ukuba niyiphephe iminqweno yemizimba enesono elwa nani.+
12 Hlalani niziphethe kakuhle phakathi kwabantu beentlanga,+ ukuze nokuba banityhola ngokwenza izinto ezimbi, bazibonele ngokwabo imisebenzi yenu emihle,+ baze bamzukise uThixo xa ezokuhlola.
13 Ngenxa yeNkosi wathobeleni onke amagunya amiselwe ngabantu.+ Thobelani ookumkani,+ kuba bakwizikhundla eziphezulu,
14 okanye nithobele abalawuli, kuba bathunywe ngukumkani ukuba bohlwaye abenzi-bubi, baze bancome abenza izinto ezilungileyo.+
15 Kaloku uThixo uthanda ukuba, ngokwenza kwenu izinto ezintle, nibavale umlomo abantu abangayisebenzisiyo ingqondo bethetha izinto ezingekhoyo.+
16 Yibani ngabantu abakhululekileyo,+ ningayisebenzisi kakubi inkululeko yenu ngokwenza* izinto ezimbi,+ kodwa yisebenziseni njengamakhoboka kaThixo.+
17 Yibani nembeko kumntu wonke,+ thandani bonke abazalwana,+ yoyikani uThixo,+ nihloniphe nokumkani.+
18 Izicaka mazithobele iinkosi zazo ngokupheleleyo,+ hayi kuphela nje ezo zilungileyo nezinobubele, kodwa kwanezo zingqwabalala.
19 Kaloku uThixo uyamthanda umntu ozama ngandlela zonke ukuba nesazela esicocekileyo phambi kwakhe, enyamezela ubunzima nezinto ezibuhlungu nangona engenzanga nto.+
20 Kuba kunceda ngantoni ukunyamezela kwakho xa ubethelwa isono osenzileyo?+ Kodwa uThixo uyamthanda umntu onyamezela ubunzima ngenxa yokuba enze izinto ezilungileyo.+
21 Kaloku, nabizelwa loo nto, kuba noKristu waphathwa kabuhlungu ngenxa yenu,+ enishiya nomzekelo enimele nizame ngandlela zonke ukuwulandela.+
22 Akazange one,+ engazange aqhathe mntu.+
23 Xa wayethukwa,+ akazange aphindise. Xa wayephathwa kakubi,+ akazange aqalekise,+ kodwa wathembela kuLowo ugweba+ ngobulungisa.
24 Wazithwala izono zethu+ ngomzimba wakhe esibondeni,*+ ukuze sife esonweni* size siphilele ubulungisa. Yaye “niye naphiliswa ngamanxeba akhe.”+
25 Kuba naninjengeegusha ezilahlekayo,+ kodwa ngoku nibuyele kumalusi+ okhusela ubomi benu.
Umbhalo osemazantsi
^ Oko kukuthi, umntu ozenza into angeyiyo.
^ Ngokoqobo, “bahlaziswe.”
^ Oko kukuthi, izinto ezintle azenzileyo neempawu zakhe.
^ Okanye “ngokufihla.”
^ Okanye “emthini.”
^ Okanye “sahlukane nesono.”