Eyokuqala KaSamuweli 18:1-30

  • Ubuhlobo bukaDavide noYonatan (1-4)

  • Ukoyisa kukaDavide kwenza uSawule abe nomona (5-9)

  • USawule uzama ukubulala uDavide (10-19)

  • UDavide utshata intombi kaSawule uMikali (20-30)

18  Wathi nje akugqiba uDavide ukuthetha noSawule, uYonatan+ noDavide bangabahlobo abasenyongweni,* yaye uYonatan wamthanda kanye ngendlela azithanda ngayo yena.*+  Ukususela ngaloo mini, uSawule wamgcina kuye uDavide, akamvumela ukuba abuyele endlini katata wakhe.+  Waza uYonatan noDavide benza isivumelwano,+ kuba wayemthanda kanye ngendlela azithanda ngayo yena.*+  UYonatan wasikhulula isambatho esingenamikhono awayesinxibile waza wasinika uDavide, wamnika nesambatho sakhe semfazwe, ikrele lakhe, isaphetha sakhe nebhanti lakhe.  UDavide waqalisa ukuphuma ayokulwa iimfazwe, yaye wayesoloko ephumelela*+ naphi na apho athunyelwe khona nguSawule. Ngoko uSawule wamenza intloko yamadoda emfazwe,+ yaye bonke abantu babeyivuyela loo nto, nkqu nezicaka zikaSawule.  Xa uDavide nabanye bevela kuxabela amaFilisti, abafazi babephuma kuzo zonke izixeko zakwaSirayeli becula+ yaye bedanisa, behlangabeza uKumkani uSawule. Babesiza bedlala amagubu+ neziginkci, bevuya.  Aba bafazi babebhiyoza babecula besithi: “USawule uxabele amawaka akhe,Yena uDavide amashumi amawaka akhe.”+  USawule waba lugcwabevu ngumsindo,+ imcaphukisa nale ngoma, kuba wayesithi: “Banike uDavide amashumi amawaka, mna bandinika amawaka. Sekusele nje ukuba bamenze ukumkani!”+  Ukususela ngaloo mini, uSawule wayesoloko emgxeleshile uDavide. 10  Ngemini elandelayo uThixo wamyeka uSawule wafikelwa ngumoya ombi,+ waza waqalisa ukwenza izinto ezothusayo* ngaphakathi endlini, ngoxa uDavide wayedlala umculo ngohadi+ njengesiqhelo. USawule wayephethe umkhonto.+ 11  Wajula umkhonto+ kuDavide esithi: ‘Ndiza kumdibanisa nodonga uDavide!’ Kodwa yena wabaleka kwada kwakabini. 12  Emva koko, uSawule wamoyika uDavide kuba uYehova wayemxhasa+ kodwa emshiyile uSawule.+ 13  Ngenxa yoko uSawule wamsusa phambi kwakhe, wamenza umphathi wamajoni akhe.* Ngoko uDavide wayekhokela umkhosi xa kusiyiwa emfazweni.*+ 14  UDavide waphumelela*+ kuyo yonke into ayenzayo, yaye uYehova wayemxhasa.+ 15  Wathi uSawule akubona ukuba uDavide wayephumelela kakhulu, wamoyika. 16  Kodwa wonke uSirayeli noYuda babemthanda uDavide, kuba wayebakhokela xa kusiyiwa emfazweni. 17  Ethubeni uSawule wathi kuDavide: “Nantsi intombi yam endala uMerabhi.+ Ndiza kukunika yena abe ngumfazi wakho.+ Kodwa ke, umele uhlale unesibindi, uze ulwe iimfazwe zikaYehova.”+ Nantsi into awayezixelele yona uSawule: ‘Mandingalwi naye. Makabulawe ngamaFilisti.’+ 18  Wathi ke uDavide kuSawule: “Apha kwaSirayeli ndingubani na mna nezizalwana zam, eziyintsapho katata, ukuba ndingade ndibe ngumkhwenyana kakumkani?”+ 19  Lathi lakufika ixesha lokuba uSawule anike uDavide uMerabhi intombi yakhe, wabe sele etshatiselwe kuAdriyeli+ umMehola. 20  UMikali,+ intombi kaSawule, wayemthanda uDavide, waza wayichazelwa uSawule loo nto, ibe yamvuyisa. 21  Ngoko uSawule wathi: “Ndiza kumnika yena ukuze abe ngumgibe kuye, nokuze isandla samaFilisti sibe phezu kwakhe.”+ USawule waphinda wathi kuDavide: “Uza kwendiselana nam* namhlanje.” 22  Wayalela nezicaka zakhe esithi: “Thethani noDavide ecaleni nithi, ‘Jonga! Ukumkani uyakholwa nguwe, yaye zonke izicaka zakhe ziyakuthanda. Ngoko ke yendiselana nokumkani.’” 23  Xa izicaka zikaSawule zaxelela uDavide loo nto, wathi: “Yinto engenamsebenzi na kuni ukwendiselana nokumkani, ekubeni ndiyindoda elihlwempu nejongelwe phantsi?”+ 24  Izicaka zikaSawule zabuyela kuye zathi: “Nantsi into ethethwe nguDavide.” 25  Wathi uSawule: “Nimele nithi kuye, ‘Ukumkani akafuni lobola,+ kodwa ufuna amajwabi ayi-100+ amaFilisti, ukuze aziphindezelele kwiintshaba zakhe.’” USawule ke wayecebe ukuba uDavide abulawe ngamaFilisti. 26  Izicaka zakhe zayokumxelela uDavide, naye wakuvuyela ukwendiselana nokumkani.+ Lathi lingekapheli ixesha awayelibekelwe, 27  uDavide wahamba namadoda akhe baza babulala amadoda angamaFilisti ayi-200, yaye uDavide wawazisa amajwabi awo onke kukumkani, ukuze endiselane nokumkani. Ngoko uSawule wamnika uMikali intombi yakhe waba ngumfazi wakhe.+ 28  USawule wabona ukuba uYehova uyamxhasa uDavide,+ yaye nentombi yakhe uMikali yayimthanda.+ 29  Le nto yamenza uSawule wamoyika kakhulu uDavide, waza uSawule waba lutshaba lwakhe ubomi bakhe bonke.+ 30  Zazihamba ke ziyokulwa iinkosana zamaFilisti, yaye qho xa ziphuma, uDavide wayephumelela* azodlule izicaka zikaSawule,+ yaye igama lakhe lathathelwa phezulu.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “njengomphefumlo wakhe.”
Okanye “umphefumlo kaYonatan wabophana nomphefumlo kaDavide.”
Okanye “njengomphefumlo wakhe.”
Okanye “esenza ngobulumko.”
Okanye “ukuzenza umprofeti.”
Ngokoqobo, “wayephuma engena phambi kwabantu.”
Okanye “intloko yewaka lakhe.”
Okanye “wenza ngobulumko.”
Okanye “Uza kuba ngumkhwenyana wam.”
Okanye “wayesenza ngobulumko.”