Eyokuqala KaSamuweli 22:1-23

  • UDavide eAdulam naseMizpe (1-5)

  • USawule uthi makubulawe ababingeleli baseNobhi (6-19)

  • UAbhiyatare uyabhungca (20-23)

22  Ngoko uDavide wemka apho,+ wabalekela kumqolomba waseAdulam.+ Bathe bakuva abantakwabo nayo yonke indlu katata wakhe, behla baya kuye.  Onke amadoda awayesezinkathazweni, onke awayenamatyala nawo onke awayenezikhalazo,* aya kuye. Waba yinkokheli yawo. Ayengamadoda amalunga ne-400.  Ethubeni uDavide wemka apho, waya eMizpe kwaMowabhi, wathi kukumkani wakwaMowabhi:+ “Khawuncede uvumele utata nomama bahlale nani ndide ndiyazi into aza kundenzela yona uThixo.”  Ngoko wabashiya nokumkani wakwaMowabhi, baza bahlala naye lonke elo xesha uDavide wayekwindawo ekhuselekileyo.+  Ekuhambeni kwexesha uGadi+ umprofeti wathi kuDavide: “Sukuhlala kule ndawo ikhuselekileyo. Hamba uye kwilizwe lakwaYuda.”+ Ngoko uDavide wemka waya kwihlathi laseHereti.  USawule weva ukuba uDavide namadoda awayekunye naye babhaqiwe. USawule wayehleli eGibheya+ phantsi komthi wetamariske kwindawo ephakamileyo nomkhonto wakhe usesandleni sakhe, nezicaka zakhe zonke zimi ngakuye.  Wathi kuzo: “Khanimamele, nina maBhenjamin. Ngaba unyana kaYese+ uza kuninika nonke amasimi namasimi eediliya? Ngaba nonke uza kunenza abaphathi bamawaka nabaphathi bamakhulu?+  Nonke nindenzele iyelenqe, akukho namnye owandixelelayo xa unyana wam wenza isivumelwano nonyana kaYese.+ Kungekho nokuba abe mnye kuni oye wavelana nam waza wandazisa ukuba unyana wam uhlohle isicaka sam ukuba sindilalele, njengokuba kunjalo ngoku.”  UDowegi+ umEdom, owayebekwe wangumphathi wezicaka zikaSawule wathi:+ “Ndambona unyana kaYese efika eNobhi, eze kuAhimeleki unyana ka-Ahitubhi.+ 10  Yena uAhimeleki wambuzela kuYehova, wamnika nomphako. Wade wamnika nekrele likaGoliyati umFilisti.”+ 11  Ukumkani zange abe salibazisa, wathumela ukuba kubizwe uAhimeleki unyana ka-Ahitubhi umbingeleli nabo bonke ababingeleli bendlu katata wakhe ababeseNobhi. Ngoko bonke beza kukumkani. 12  USawule wathi: “Mamela apha wena nyana ka-Ahitubhi!” Yena ke wathi: “Ndim lo nkosi yam.” 13  USawule wathi kuye: “Kutheni nindenzele iyelenqe nje, wena nonyana kaYese, ngokuthi umnike isonka nekrele, uze umbuzele kuThixo? Unyana kaYese ulwa nam yaye undilalele njengokuba sithetha.” 14  UAhimeleki wamphendula ukumkani wathi: “Ngubani phakathi kwazo zonke izicaka zakho othembeke njengoDavide?+ Ungumkhwenyana kakumkani+ nomphathi woonogada bakho, indoda ebekekileyo endlini yakho.+ 15  Bendiqala na ukumbuzela kuThixo?+ Andiyicingi nokuyicinga eyokumenzela iyelenqe ukumkani! Ukumkani makangasibeki tyala isicaka sakhe nayo yonke indlu katata, kuba bendingazi nowathwethwa ngale nto.”+ 16  Kodwa ukumkani wathi: “Nakanjani na uza kufa+ Ahimeleki, nayo yonke indlu katata wakho.”+ 17  Emva koko ukumkani wathi koonogada ababemi* ngakuye: “Hambani niyokubulala ababingeleli bakaYehova, ngenxa yokuba baxhasa uDavide! Bebesazi ukuba uqhweshe kum kodwa bathula!” Kodwa izicaka zikakumkani zala ukuhlasela ababingeleli bakaYehova. 18  Ekugqibeleni ukumkani wathi kuDowegi:+ “Hamba uyokuhlasela ababingeleli!” UDowegi umEdom+ zange alibazise, waya waza wabahlasela ngokwakhe ababingeleli. Ngaloo mini wabulala amadoda ayi-85 anxiba iefodi yelinen.+ 19  Wayixabela neNobhi+ isixeko sababingeleli, wabulala ngekrele indoda, umfazi, umntwana, imveku, inkunzi yenkomo, idonki nkqu nemvu. Kwanto wayifaka ikrele! 20  Noko ke unyana ka-Ahimeleki unyana ka-Ahitubhi, ogama linguAbhiyatare,+ wabhungca waza wabaleka walandela uDavide. 21  UAbhiyatare wathi kuDavide: “USawule ubabulele ababingeleli bakaYehova.” 22  Wathi ke uDavide kuAbhiyatare: “Ndayiqonda kwangala mini+ wayephaya uDowegi umEdom, ukuba akasoze angamxeleli uSawule. Ndim obulalise abantu bendlu* katata wakho. 23  Hlala nam. Sukoyika, kuba nabani na ofuna ubomi bakho,* ufuna nobam.* Ndiza kukukhusela.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “awayekrakra emphefumlweni.”
Ngokoqobo, “kwiimbaleki ezazimi.”
Okanye “imiphefumlo yendlu.”
Okanye “umphefumlo wakho.”
Okanye “nowam umphefumlo.”