Eyokuqala KaSamuweli 25:1-44

  • USamuweli uyafa (1)

  • UNabhali ugxotha amadoda kaDavide (2-13)

  • UAbhigali wenza ngobulumko (14-35)

    • “Engxoweni yobomi noYehova” (29)

  • UNabhali ongenangqondo ubethwa nguYehova (36-38)

  • UAbhigali uba ngumfazi kaDavide (39-44)

25  Ekuhambeni kwexesha uSamuweli+ wafa, yaye wonke uSirayeli waqokelelana ukuze amzilele, waza wamngcwabela endlini yakhe eRama.+ Emva koko uDavide wesuka wehla waya entlango yeParan.  EMahon,+ kwakukho indoda eyayinemfuyo eseKarmele.*+ Le ndoda yayisisinhanha. Yayineegusha eziyi-3 000 neebhokhwe eziyi-1 000. Yayicheba iigusha zayo eKarmele.  Igama lale ndoda yayinguNabhali,+ umfazi wayo inguAbhigali.+ Lo mfazi wayenengqondo yaye emhle, kodwa umyeni wakhe ongumKalebhi,+ wayengqwabalala, esile.+  UDavide weva esentlango ukuba uNabhali ucheba iigusha zakhe.  Ngoko uDavide wathuma abafana abalishumi kuNabhali, wathi kubo: “Nyukani niye eKarmele. Xa nifika kuNabhali, nize nimbuze impilo egameni lam.  Nize nithi kuye, ‘Kwanga ungaba nobomi obude nempilo entle.* Kwanga nendlu yakho ingaphila nayo yonke into ethi wena.  Ndivile ukuba ucheba iigusha zakho. Xa abelusi bakho babekunye nathi, asizange sibenzakalise,+ futhi akukho kwanto eyalahlekayo lonke elo xesha babeseKarmele.  Buza abafana bakho, baza kukuxelela. Kwanga abafana bam bangamkeleka kuwe, kuba size ngexesha elimnandi.* Ndicela unike izicaka zakho nonyana wakho uDavide nantoni na onokubapha yona.’”+  Ngoko abafana bakaDavide baya kuNabhali baza bayithetha yonke le nto egameni likaDavide. Bathi bakugqiba, 10  uNabhali waziphendula izicaka zikaDavide wathi: “Xa engubani loo Davide? Engubani na unyana kaYese? Kule mihla zininzi izicaka eziqhwesha kwiinkosi zazo.+ 11  Ngoku kufuneka ndithathe isonka sam namanzi am nenyama endiyixhelele abachebi bam, ndiyinike amadoda endingawazi nokuba avela phi na?” 12  Ngoko abafana bakaDavide babuya, baza bamxelela onke la mazwi. 13  Ngoko nangoko uDavide wathi kumadoda akhe: “Wonke umntu makafake ikrele lakhe esinqeni!”+ Bonke bafaka amakrele abo, noDavide wafaka elakhe. Yaba ngamadoda amalunga ne-400 awanyuka noDavide, ngoxa ayi-200 ashiyeka nempahla. 14  Kwangelo xesha, omnye wezicaka waxelela uAbhigali, umfazi kaNabhali, wathi: “Mamela! UDavide uthumele abathunywa bevela entlango ukuba bazokunqwenelela inkosi yethu okuhle, kodwa uye wabathuka!+ 15  La madoda ayesiphethe kakuhle gqitha. Akazange asihluphe nganto, ibe zange kulahleke nto ngalo lonke ixesha sikunye nawo endle.+ 16  Ayeludonga olusirhangqileyo ubusuku nemini, lonke ela xesha sasikunye nawo, sisalusa umhlambi. 17  Ngoko bona ukuba uza kuthini, kuba inkosi yethu iza kwehlelwa yintlekele nendlu yayo yonke,+ kaloku ungungantweni+ ekungenakuthethwa nto naye.”* 18  Ngoko uAbhigali+ wakhawuleza wathatha izonka eziyi-200, iingqayi ezimbini ezinkulu zewayini, iigusha ezintlanu ezilungisiweyo, imilinganiselo emihlanu yeseha* yeenkozo ezigcadiweyo, nezonka zerasintyisi eziyi-100, nezonka zamafiya* eziyi-200, wazikhwelisa kwiidonki.+ 19  Emva koko wathi kwizicaka zakhe: “Hambani phambili, ndiza kunilandela.” Kodwa akamxelelanga nto umyeni wakhe uNabhali. 20  Wathi esahamba ngaloo donki esehla esithwe yintaba, nanko uDavide namadoda akhe besihla besiza ngakuye. UAbhigali wadibana nabo. 21  UDavide wayethe: “Yonke into yalo mfo bendiyigadele ilize entlango. Akukho nanye into yakhe elahlekileyo,+ kodwa undibulela ngobubi.+ 22  Kwanga uThixo angazohlwaya iintshaba zikaDavide* aze ongeze, ukuba kuse ngomso kusekho nokuba inye indoda* emzini wakhe.” 23  UAbhigali uthe akubona uDavide wakhawuleza wehla kuloo donki, wawa ngobuso phambi koDavide, waqubuda emhlabeni. 24  Wawa ezinyaweni zakhe, wathi: “Nkosi yam, malibe phezu kwam eli tyala. Ndicela usivumele isicakazana sakho sithethe nawe, usimamele. 25  Ndicela inkosi yam ingazikhathazi ngalo ngantweni unguNabhali,+ kuba ulandele igama lakhe. NguNabhali* igama lakhe, yaye akabhadlanga. Kodwa mna sicakazana sakho nkosi yam, khange ndibabone abafana obubathumile. 26  Ngoku ke nkosi yam, ephila nje uYehova ibe nawe* uphila nje, nguYehova okunqandileyo+ ukuba ungabi netyala legazi+ yaye ungaziphindezeli* ngesandla sakho. Kwanga iintshaba zakho nabo bafuna ukukwenzakalisa bangaba njengoNabhali. 27  Nasi isipho*+ esize nesicakazana senkosi yam emasinikwe abafana abahamba nenkosi yam.+ 28  Ndicela inkosi yam isixolele isicakazana sayo ngesono esisenzileyo, kuba nakanjani na uYehova uza kuyenzela indlu eza kuhlala ikho+ inkosi yam, kuba inkosi yam ilwa iimfazwe zikaYehova,+ yaye akukho bubi bubhaqiweyo kuwe, kuyo yonke imihla yakho.+ 29  Xa umntu ephakama aze akuleqe efuna ubomi bakho,* uYehova uThixo wakho uza kubukhusela ubomi benkosi* yam, abusongele ngengxowa yobomi, kodwa bona ubomi beentshaba* zakho, uza kubulahla kude ngokungathi ngamatye egityiselwa ngesilingi. 30  Yaye xa uYehova eyenzele yonke into elungileyo ayithembise yona inkosi yam, aze akwenze inkokheli phezu koSirayeli,+ 31  awuzukuzisola nganto okanye ube nomvandedwa* entliziyweni yakho kuba uye waphalaza igazi ngaphandle kwesizathu, nangokuthi inkosi yam iziphindezele* ngesandla sayo.+ Xa uYehova eyenzela ukulunga inkosi yam, uze usikhumbule isicakazana sakho.” 32  Xa uDavide weva loo mazwi, wathi kuAbhigali: “Makadunyiswe uYehova uThixo kaSirayeli, okuthume ukuba undihlangabeze ngale mini! 33  Makubongwe nokuba nengqiqo kwakho! Kwanga ungasikelelwa ngokundinqanda namhlanje ndingabi netyala legazi+ nasekuziphindezeleni* ngezam izandla. 34  Kungenjalo, ephila nje uYehova uThixo kaSirayeli ondinqandileyo ukuba ndingakwenzakalisi,+ ukuba ubungakhawulezanga wandihlangabeza,+ bekuza kuthi kusisa ngomso, kube kungekho nenye indoda* kwaNabhali.”+ 35  Ngaloo ndlela uDavide wazamkela izinto awayeziphathelwe nguAbhigali, waza wathi kuye: “Nyuka ngoxolo uye endlini yakho. Ndikuvile yaye ndiza kuyenza into oyicelileyo.” 36  Wagoduka ke uAbhigali wabuyela kuNabhali, owayesitya okokumkani endlini yakhe, ibe uNabhali wayonwabile,* futhi enxile eludaka. UAbhigali akazange amxelele kwanto, de kwasekuseni. 37  Ekuseni, xa utywala buphelile entloko kuNabhali, umfazi wakhe wamxelela yonke into eyenzekileyo. Intliziyo yakhe yafa yaba njengeyomntu ofileyo, yaye waqina oku kwelitye. 38  Emva kweentsuku ezimalunga neshumi, uYehova wambetha wafa uNabhali. 39  Xa uDavide weva ukuba uNabhali ufile, wathi: “Makadunyiswe uYehova, olichopheleyo ityala+ lokugezelwa kwam nguNabhali+ nosinqandileyo isicaka sakhe ukuba singenzi nabuphi na ububi.+ UYehova ububuyisele kwintloko kaNabhali ububi bakhe!” Emva koko uDavide wathumela kuAbhigali, emcela ukuba abe ngumfazi wakhe. 40  Ngoko izicaka zikaDavide zeza kuAbhigali eKarmele, zathi kuye: “Sithunywe nguDavide ukuba size kukuthatha ukuba ube ngumfazi wakhe.” 41  Ngoko nangoko waphakama waqubuda ejongise ubuso bakhe emhlabeni waza wathi: “Nali ikhoboka lakho linjengesicaka sokuhlamba iinyawo+ zezicaka zenkosi yam.” 42  UAbhigali+ wakhawuleza waphakama, wakhwela idonki, emva kwakhe kulandela izicakakazi zakhe ezintlanu. Wahamba nabathunywa bakaDavide waza ke waba ngumfazi wakhe. 43  UDavide wayesele etshate noAhinowam+ waseYizereli,+ baza ke bobabini abo bafazi, baba ngabafazi bakhe.+ 44  Kodwa uSawule wayesele emthathile uMikali+ intombi yakhe, umfazi kaDavide, wamnika uPalti,+ unyana kaLayishe, waseGalim.

Umbhalo osemazantsi

Isixeko sakwaYuda; akubhekiswa kwiNtaba YeKarmele.
Okanye “Kwanga ungaba noxolo.”
Ngokoqobo, “ngemini elungileyo.”
Okanye “litshivela ekungenakuthethwa nto nalo.”
Iseha yayilingana ne-7,33 L. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “zamakhiwane.”
Okanye kusenokwenzeka, “angamohlwaya uDavide.”
Ngokoqobo, “nabani na ochamela eludongeni.” Intetho yesiHebhere enyembayo ebhekisela kumadoda.
Othetha ukuthi “ongenangqondo; osisidenge.”
Okanye “ungazisindisi.”
Okanye “nomphefumlo wakho.”
Ngokoqobo, “intsikelelo.”
Okanye “umphefumlo wakho.”
Okanye “umphefumlo wenkosi.”
Okanye “umphefumlo weentshaba.”
Ngokoqobo, “ugxadazele okanye ukhubeke.”
Okanye “izisindise.”
Okanye “nasekuziseni usindiso.”
Ngokoqobo, “nabani na ochamela eludongeni.” Intetho yesiHebhere enyembayo ebhekisela kumadoda.
Ngokoqobo, “intliziyo kaNabhali yayivuya.”