Eyokuqala KaSamuweli 27:1-12

  • UDavide unikwa iTsikelage ngamaFilisti (1-12)

27  Kodwa ke, uDavide wayezixelele le nto: “Ngenye imini ndiya kuze ndibulawe nguSawule. Eyona nto ingcono kukuba ndibalekele+ kwilizwe lamaFilisti. NoSawule uza kutsho ayeke ukundikhangela kulo lonke ilizwe lakwaSirayeli,+ nditsho ndisinde esandleni sakhe.”  Ngoko wasuka uDavide namadoda ayi-600+ awayekunye naye, baya kuAkishe+ unyana kaMahoki, ukumkani waseGati.  UDavide namadoda akhe bahlala noAkishe eGati. Ndoda nganye yayihlala nentsapho yayo. UDavide wayehlala nabafazi bakhe ababini, uAhinowam+ waseYizereli noAbhigali+ waseKarmele, umhlolokazi kaNabhali.  Xa waxelelwayo ukuba uDavide ubalekele eGati, uSawule wayeka ukumzingela.+  Wathi uDavide kuAkishe: “Ukuba uyakholwa ndim, ndinike indawo endiza kuhlala kuyo kwesinye sezixeko ezisemaphandleni. Kutheni isicaka sakho sifanele sihlale nawe kwisixeko sasebukhosini?”  Ngoko uAkishe wamnika iTsikelage+ ngaloo mini. Yiyo loo nto iTsikelage iye yaba yeyookumkani bakwaYuda kude kube namhlanje.  Ixesha* uDavide awalihlala kwiindawo ezisemaphandleni zamaFilisti, yaba ngunyaka neenyanga ezine.+  UDavide wayemane enyuka namadoda akhe beyokuhlasela amaGeshure,+ amaGirzi nama-Amaleki,+ kuba ayehlala kwilizwe elalisusela kwaTelam liye kufikelela eShure+ naseYiputa.  Qho xa ehlasela ilizwe, uDavide wayengashiyi ndoda namfazi bephila,+ kodwa wayeyithatha yona imihlambi yeegusha, imihlambi yeenkomo, iidonki, iinkamela neempahla, aze abuyele kuAkishe. 10  UAkishe wayedla ngokumbuza uDavide athi: “Beniyokuhlasela phi namhlanje?” Wayephendula uDavide athi: “Kumazantsi elizwe lakwaYuda”*+ okanye “Kumazantsi elizwe lamaYerameli”+ okanye “Kumazantsi elizwe lamaKeni.”+ 11  UDavide wayebulala kwamntu, indoda nomfazi, ukuze bangaziswa eGati. Wayesithi: “Ukuze bangasixeli, bathi, ‘Nantsi into eyenziwe nguDavide.’” (Wayesenza ngolu hlobo ngalo lonke ixesha awayehleli ngalo kwiindawo ezisemaphandleni zamaFilisti.) 12  Ngoko uAkishe wamkholelwa uDavide, ezixelela le nto: ‘Ngokuqinisekileyo unevumba elibi kubantu bakowabo uSirayeli, ngoko uza kusoloko esisicaka sam.’

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “Inani leentsuku.”
Okanye “ENegebhi yakwaYuda.”