Eyokuqala KaSamuweli 28:1-25

  • USawule uya egqirheni e-En-dore (1-25)

28  Ngaloo mihla, amaFilisti aqokelela imikhosi yawo ukuze alwe imfazwe noSirayeli.+ Ngoko uAkishe wathi kuDavide: “Ngokuqinisekileyo uyayazi ukuba wena namadoda akho niza kuphuma nam namhlanje siye edabini.”+  UDavide wamphendula uAkishe wathi: “Uyazi kakuhle into eza kwenziwa ngumkhonzi wakho.” UAkishe wathi kuDavide: “Yiloo nto kanye ndiza kukwenza uhlale ungunogada wam.”*+  USamuweli wayesele efile, yaye wonke uSirayeli wayemzilele waza wamngcwaba eRama, isixeko sakowabo.+ Yena uSawule wayewasusile elizweni onke amagqirha nabantu abachaza izinto kwangaphambili.+  AmaFilisti aqokelelana aza aya kumisa inkampu eShunem.+ Ngoko uSawule waqokelela wonke uSirayeli baza bamisa inkampu eGilbhowa.+  Akuyibona uSawule inkampu yamaFilisti woyika, lwangongoza uvalo.+  Nangona uSawule wayemane ebuza kuYehova,+ uYehova zange amphendule. Wayengamphenduli nokuba kungamaphupha, ngeUrim+ okanye ngabaprofeti.  Ekugqibeleni uSawule wathi kwizicaka zakhe: “Ndikhangeleleni umfazi oligqirha,+ ndize ndiyokubuza kuye.” Zaphendula izicaka zakhe zathi: “Jonga! Ukhona umfazi oligqirha e-En-dore.”+  Ngoko uSawule wazenza omnye umntu, watshintsha izambatho zakhe waza wahamba ngobusuku namadoda akhe amabini baya kuloo mfazi. Wathi: “Ndicela uvumise,+ uze undinyusele umntu endimkhethileyo.”  Kodwa lo mfazi wathi kuye: “Ndiqinisekile ukuba uyazi kakuhle into eyenziwa nguSawule. Uyayazi ukuba wawasusa elizweni amagqirha nabantu abachaza izinto kwangaphambili.+ Kutheni ke ngoku uzama ukundibambisa* ukuze undibulalise?”+ 10  Ngoko uSawule wamfungela egameni likaYehova, esithi: “Ephila nje uYehova, awuzukubekwa tyala ngale nto!” 11  Wathi ke lo mfazi: “Ufuna ndikunyusele bani?” Yena wathi: “Ndinyusele uSamuweli.” 12  Akubona “uSamuweli,”*+ lo mfazi wasitsho isikhalo, wathi kuSawule: “Undiqhathele ntoni? UnguSawule!” 13  Ukumkani wathi kuye: “Sukoyika, ndixelele, ubona ntoni?” Lo mfazi wathi: “Ndibona umntu ofana nothixo enyuka ephuma emhlabeni.” 14  Ngokukhawuleza wathi kuye: “Unjani?” Wathi: “Yindoda esele ilixhego le inyukayo, inxibe isambatho esingenamikhono.”+ Waqonda ke uSawule ukuba “nguSamuweli”* lowo, waza waqubuda, ejongise ubuso bakhe emhlabeni. 15  Emva koko “uSamuweli”* wathi kuSawule: “Undiphazamisele ntoni ngokuthi mandinyuswe?” USawule wathi: “Ndisengxakini enkulu. AmaFilisti alwa nam, ibe noThixo undishiyile yaye akasandiphenduli, nokuba kungabaprofeti okanye ngamaphupha.+ Yiloo nto ke ndibhenela kuwe ukuze undixelele into endimele ndiyenze.”+ 16  “USamuweli”* wathi: “Kutheni ke ngoku ubuza kum xa uYehova ekushiyile+ waba lutshaba lwakho? 17  UYehova uza kwenza laa nto wayeyithethe kum: UYehova uza kuboxutha ubukumkani kuwe aze abunike uDavide.+ 18  Awuzange ulithobele ilizwi likaYehova, awawatshabalalisa nama-Amaleki+ awayemcaphukisile, yiloo nto uYehova esenza le nto kuwe ngale mini. 19  Wena noSirayeli, uYehova uza kuninikela kumaFilisti.+ Wena+ noonyana bakho+ ngomso niza kuba kunye nam. Nomkhosi wamaSirayeli, uYehova uza kuwunikela kumaFilisti.”+ 20  Ngoko nangoko uSawule wawa bhaxa phantsi waza woyika kakhulu ngenxa yamazwi “kaSamuweli.”* Wayengenamandla, kuba wayengatyanga imini yonke nobusuku bonke. 21  Xa lo mfazi weza kuSawule waza wabona indlela awayephazamiseke kakhulu ngayo, wathi kuye: “Isicaka sakho sikuthobele, yaye ndiye ndabubeka engozini ubomi bam,*+ ndenza le nto ubusithi mandiyenze. 22  Ngoku ke ndiyakucela ukuba usimamele isicaka sakho. Ndivumele ndibeke phambi kwakho iqhekeza lesonka, uze ulitye ukuze ube namandla okuhamba.” 23  Kodwa wala waza wathi: “Andizukutya.” Izicaka zakhe kunye nomfazi lowo bamcenga. Ekugqibeleni wabamamela, waphakama waza wahlala ebhedini. 24  Lo mfazi wayenethole lenkomo elityebileyo kwakhe. Ngoko wakhawuleza walixhela,* wathatha umgubo, waxova intlama waza wayibhaka wenza isonka esingenagwele. 25  Wanika uSawule nabakhonzi bakhe, batya. Emva koko baphakama bemka ngobusuku.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “ube ngunogada wentloko yam yonke imihla.”
Okanye “ukubambisa umphefumlo wam.”
Lo ayingoSamuweli wokwenyani.
Lo ayingoSamuweli wokwenyani.
Lo ayingoSamuweli wokwenyani.
Lo ayingoSamuweli wokwenyani.
Lo ayingoSamuweli wokwenyani.
Okanye “ndawubeka esandleni sam umphefumlo wam.”
Okanye “wabingelela ngalo.”