Eyokuqala KaSamuweli 29:1-11

  • AmaFilisti awamthembi uDavide (1-11)

29  AmaFilisti+ aqokelela yonke imikhosi yawo eAfeki, ngoxa amaSirayeli ayemise inkampu ngasemthonjeni owawuseYizereli.+  Iinkosi zamaFilisti zazidlula namakhulu namawaka azo. Yena uDavide namadoda akhe babematsha ngasemva kunye noAkishe.+  Kodwa ke iinkosana zamaFilisti zathi: “Afuna ntoni la maHebhere apha?” UAkishe wathi kwiinkosana zamaFilisti: “Lo nguDavide, isicaka sikaKumkani uSawule wakwaSirayeli. Ebekunye nam unyaka okanye ngaphezulu.+ Andifumananga kwanto embi kuye ukususela laa mini wabalekela ngayo kum kwada kwanamhlanje.”  Zaba nomsindo iinkosana zamaFilisti, zaza zathi kuye: “Yijikise le ndoda.+ Mayibuyele kulaa ndawo wawuthe mayihlale kuyo. Mayingayi nathi edabini, ukuze ingasijikeli edabini.+ Kuba kaloku yeyiphi indlela yokuzithandisa kwinkosi yayo eyogqitha ukuza neentloko zamadoda esinawo?  Ayinguye na lo Davide ababecula ngaye yaye bedanisa, besithi: ‘USawule uxabele amawaka akhe,Yena uDavide amashumi amawaka akhe’?”+  Ngoko uAkishe+ wambiza uDavide waza wathi kuye: “Ephila nje uYehova, wena ulungile ibe bendingathanda ukuba uhambe nomkhosi wam siye edabini.+ Mna andifumananga kwanto embi kuwe, ukususela laa mini weza ngayo kum kwada kwanamhlanje.+ Kodwa iinkosi zona azikuthembanga.+  Ngoko jika, hamba ngoxolo. Uze ungenzi kwanto eza kucaphukisa iinkosi zamaFilisti.”  Kodwa uDavide wathi kuAkishe: “Ngoba? Ndenze ntoni? Yintoni engalunganga oyibonileyo kwisicaka sakho, ukususela laa mini ndafika ngayo kuwe kude kube namhlanje? Kutheni ungafuni ndihambe nawe ndiyokulwa neentshaba zenkosi yam ukumkani?”  UAkishe wamphendula uDavide wathi: “Kwawam amehlo, ulunge okwengelosi kaThixo.+ Kodwa ke iinkosana zamaFilisti zithe, ‘Makangayi nathi edabini.’ 10  Ngoko vuka kwasekuseni nezicaka zenkosi yakho ezize nawe. Vukani nihambe kwakuthi qheke ukusa.” 11  Ngoko uDavide namadoda akhe, bavuka kwakusasa, ukuze babuyele kwilizwe lamaFilisti. AmaFilisti wona enyuka aya eYizereli.+

Umbhalo osemazantsi