Eyokuqala KaSamuweli 5:1-12

  • ITyeya ikumhlaba wamaFilisti (1-12)

    • UDagon uyahlaziswa (1-5)

    • AmaFilisti ayohlwaywa (6-12)

5  Emva kokuba amaFilisti ethimbe iTyeya+ kaThixo wokwenene, ayisusa e-Ebhenezere ayizisa eAshdode.  AmaFilisti ayithatha ayizisa endlini* kaDagon, ayimisa ecaleni kukaDagon.+  Xa avukayo ekuseni ama-Ashdode ngemini elandelayo, nanko uDagon ewe bhuma ngobuso phambi kweTyeya kaYehova.+ Ngoko amthatha uDagon ambuyisela endaweni yakhe.+  Akuvuka ekuseni ngemini elandelayo, nanko uDagon ewe bhuma ngobuso emhlabeni phambi kweTyeya kaYehova. Intloko kaDagon neentende zezandla zakhe zozibini zazinqumkile, ziwele emgubasini womnyango. Yindawo emile okwentlanzi kuphela* eyayingenzekanga nto.  Yiloo nto ababingeleli bakaDagon nabo bonke abantu abangena endlini kaDagon, bengawunyatheli umgubasi womnyango kaDagon eAshdode.  Isandla sikaYehova sasiqatha kuma-Ashdode, yaye abantu baseAshdode nabemimandla yayo wababetha ngamathumba ngaphakathi ezimpundu.+  Xa amadoda aseAshdode ayibonayo into eyayisenzeka, athi: “ITyeya kaThixo kaSirayeli mayingahlali apha phakathi kwethu, kuba isandla sakhe siye sagadalala kakhulu kuthi nakuthixo wethu, uDagon.”  Ngoko athumela, ebiza intlanganiso yazo zonke iinkosi zamaFilisti aza athi: “Senze ntoni ngale Tyeya kaThixo kaSirayeli?” Zona zathi: “Mayisiwe eGati+ le Tyeya kaThixo kaSirayeli.” Ngoko bayifudusela apho iTyeya kaThixo kaSirayeli.  Emva kokuba beyifudusele eGati, isandla sikaYehova saba phezu kweso sixeko, baphakuzela abantu. Wohlwaya wonke umntu kweso sixeko, ukususela ebantwaneni ukuya ebantwini abadala, baba namathumba ngaphakathi ezimpundu.+ 10  Ngoko bayisa e-Ekron+ iTyeya kaThixo wokwenene. Kodwa kuthe nje yakuba iTyeya kaThixo wokwenene ifikile e-Ekron, amaEkron alila esithi: “Bazise iTyeya kaThixo kaSirayeli ukuze thina nabantu bakowethu sibulawe!”+ 11  Ngoko athumela, ebiza intlanganiso yazo zonke iinkosi zamaFilisti aza athi: “Mayisuswe phakathi kwethu le Tyeya kaThixo kaSirayeli. Mayibuyiselwe endaweni yayo ukuze thina nabantu bakowethu singabulawa.” Kuba bonke abantu besixeko babengcangcazela besoyika ukufa. Isandla sikaThixo wokwenene sasigadalala kakhulu e-Ekron.+ 12  Abo bangazange bafe, babethwa ngamathumba ngaphakathi ezimpundu. Kwaza ukukhalela uncedo kwesixeko kwanyukela emazulwini.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “etempileni.”
Ngokoqobo, “nguDagon nje kuphela.”