Eyokuqala KwabaseTesalonika 1:1-10

  • Imibuliso (1)

  • Kubulelwa ukholo lwamaTesalonika (2-10)

1  UPawulos, uSilvano*+ noTimoti+ babhalela ibandla laseTesalonika elimanyene noThixo uTata wethu neNkosi uYesu Kristu, besithi: Kwanga uThixo anganenzela ububele* nize nibe noxolo.  Sihlala simbulela uThixo xa sithetha ngani emithandazweni yethu,+  kuba sisoloko siyikhumbula phambi koThixo onguTata wethu indlela enisebenze ngayo ngokuthembeka niqhutywa luthando, nendlela eniye nanyamezela ngayo ngenxa yokuthembela+ kwenu kwiNkosi yethu uYesu Kristu.  Kaloku siyazi, bazalwana abathandwayo nguThixo, ukuba wanikhetha,  kuba xa sasishumayela iindaba ezilungileyo kuni, asizange sithethe kuphela, kodwa sashumayela nangamandla, sincedwa ngumoya oyingcwele yaye siqinisekile ngento esiyithethayo, kanye njengokuba nisazi ukuba saba ngabantu abanjani phambi kwenu ukuze kuncedakale nina.  Nani ke nasilinganisa,+ nalinganisa neNkosi,+ kuba nalamkela ilizwi ninyamezele ubunzima,+ kodwa nivuya ngenxa yomoya oyingcwele,  kangangokuba naba ngumzekelo kuwo onke amakholwa aseMakedoni naseAkhaya.  Inyaniso kukuba, ngenxa yenu abantu baseMakedoni naseAkhaya baye baliva ilizwi likaYehova,* yaye ukholo lwenu kuThixo luye lwaziwa kuzo zonke iindawo,+ kangangokuba khange kufuneke sithethe nto thina.  Kuba seyingabo ngoku abahamba bethetha ngokudibana kwethu nani okokuqala nangendlela enazilahla ngayo izithixo zenu,+ ukuze nibe ngamakhoboka oThixo ophilayo nowokwenene, 10  nize nilinde uNyana wakhe uYesu, ovela emazulwini,+ awamvusayo ekufeni, nosisindisayo kumsindo ozayo.+

Umbhalo osemazantsi

Okwabizwa ngokuba nguSilas.
Okanye “ububele obunganifanelanga.”