Eyokuqala KwabaseTesalonika 3:1-13
3 Ngoko sithe sakubona ukuba akunyamezeleki, sabona ukuba masishiyeke eAthene,+
2 saza sathumela uTimoti,+ umzalwana wethu osebenzela uThixo* eshumayela iindaba ezilungileyo ezingoKristu, ukuba aniqinise aze anithuthuzele ukuze nibe nokholo oluqinileyo,
3 ukuze kungabikho mntu ogungqiswa yile ntshutshiso. Kuba nazi kakuhle ukuba asinakuziphepha ezo zinto.+
4 Kaloku naxa sasikunye nani sasidla ngokunixelela ukuba siza kujongana nobunzima, yaye njengokuba nisazi, kwenzeka kanye loo nto.+
5 Yiloo nto ndithe xa ndingasakwazi ukulinda de ndinibone, ndathumela uTimoti ukuze ndive ukuba nisathembekile na,+ kungathi kanti uMtyholi+ sele enifumene, uze umsebenzi wethu ube lilize.
6 Kodwa uTimoti ugqiba kufika+ yaye usixelele iindaba ezilungileyo zokuba nisathembekile kuThixo yaye nisenothando , nisoloko nisikhumbula, ningxamele ukusibona njengokuba kunjalo nakuthi.
7 Ngenxa yenu nokuthembeka kwenu sitsho sathuthuzeleka bazalwana, kubo bonke ubunzima neentlungu esijongene nazo.+
8 Kuba kuyasiphilisa ukuma kwenu niqinile ekulandeleni iNkosi.
9 Singambulela sithini na uThixo ngenxa yenu nangenxa yendlela enisivuyisa ngayo?
10 Sithandaza ubusuku nemini sicela ukuba side sinibone size sinincede ukuze ukholo lwenu lomelele.+
11 Kwanga uThixo onguTata wethu neNkosi yethu uYesu bangenza indlela yokuba size kuni.
12 Ngaphezu koko, kwanga iNkosi inganenza nithandane+ nakakhulu, nithande nabanye abantu njengokuba nathi sinithanda;
13 ukuze iintliziyo zenu zomelele, nibe msulwa nize nibe ngcwele phambi koThixo+ onguTata wethu ngexesha lobukho beNkosi yethu uYesu+ nabo bonke abo bangcwele bakhe.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye kusenokwenzeka, “osebenza kunye noThixo.”