Eyokuqala KwabaseTesalonika 5:1-28
5 Ngoku ke bazalwana, akukho mfuneko yokuba ndinibhalele ngamaxesha abekiweyo.
2 Kuba niyazi kakuhle into yokuba imini kaYehova*+ iza kufika kanye njengesela ebusuku.+
3 Xa besithi: “Siseluxolweni yaye sikhuselekile!” intshabalalo iza kubaqubula+ kanye njengenimba efikela umfazi okhulelweyo, yaye soze basinde.
4 Kodwa nina bazalwana, anikho bumnyameni, ukuba ingade loo mini iniqubule njengokuba ukukhanya kwemini kudla ngokuqubula amasela,
5 kuba nonke ningoonyana bokukhanya nabemini.+ Asingabo abasebusuku okanye ebumnyameni.+
6 Ngoko masingalali njengokuba abanye besenza,+ kodwa masihlale sithe qwa,+ sisezingqondweni.+
7 Kuba abo balalayo, balala ebusuku, nabo banxilayo, banxila ebusuku.+
8 Kodwa thina bangabasemini, masihlale sisezingqondweni, sinokholo nothando ngokungathi sinxibe into yokukhusela isifuba, sinethemba lokusindiswa elifana nomnqwazi wentsimbi,+
9 kuba uThixo akazange asikhethe ukuze asohlwaye, kodwa wasikhetha ukuze asisindise+ ngeNkosi yethu uYesu Kristu.
10 UYesu wasifela+ ukuze siphile naye, nokuba sithe qwa okanye silele.*+
11 Ngoko ke hlalani nikhuthazana* yaye nisakhana,+ kanye njengokuba nisenza kakade.
12 Ngoku ke bazalwana, siyanicela ukuba nibe nembeko kwabo basebenza nzima phakathi kwenu, abanikhokelayo kumsebenzi weNkosi nabanicebisayo;
13 nibahloniphe kakhulu yaye nibathande ngenxa yokusebenza kwabo nzima.+ Hlalisanani ngoxolo.+
14 Kwelinye icala, siyanicela bazalwana ukuba nibalumkise abangalawulekiyo,+ nibathuthuzele abakhathazekileyo, nibaxhase abatyhafileyo, nibe nomonde kubo bonke.+
15 Qinisekani ukuba akukho mntu uphindisayo xa enziwe into embi,+ kodwa hlalani nizimisele ukuphathana kakuhle nina, nize nibaphathe kakuhle nabanye abantu.+
16 Hlalani nivuya.+
17 Hlalani nithandaza.+
18 Hlalani nibulela ngayo yonke into.+ Kuba yiloo nto uThixo ayifunayo kuni njengabalandeli bakaKristu Yesu.
19 Sanukuwucima umoya kaThixo osebenza njengomlilo kuni.+
20 Sanukuzidelela iziprofeto.+
21 Qinisekisani zonke izinto,+ nize nibambelele kwezo zilungileyo.
22 Ziphepheni zonke iintlobo zobubi.+
23 Kwanga uThixo woxolo anganenza nibe ngcwele ngokupheleleyo. Kwanga anganenza nihlale nimsulwa kwindlela enicinga ngayo, kubomi benu nakumzimba wenu bazalwana, nize ningabi nabala ngexesha lobukho beNkosi yethu uYesu Kristu.+
24 Uthembekile lowo unibizayo, yaye uza kuyenza loo nto.
25 Bazalwana, qhubekani nisithandazela.+
26 Nisibulisele kubo bonke abazalwana ngokubaphuza.*
27 Ndiniyalela egameni leNkosi ukuba le leta ifundelwe bonke abazalwana.+
28 Kwanga iNkosi yethu uYesu Kristu inganenzela ububele.*
Umbhalo osemazantsi
^ Funda Isihlomelo A5.
^ Okanye “silele ekufeni.”
^ Okanye “nithuthuzelana.”
^ Ngokoqobo, “ngokubaphuza ngendlela engcwele.” Ukuphuza umKristu, mhlawumbi esidleleni, kwakuyindlela eqhelekileyo yokubulisa.
^ Okanye “ububele obunganifanelanga.”