Eyokuqala KuTimoti 1:1-20
1 Mna Pawulos, ongumpostile kaKristu Yesu ngokomyalelo kaThixo uMsindisi wethu noKristu Yesu, olithemba lethu,+
2 ndibhalela uTimoti,*+ unyana wam wenene+ endikholwa naye:
Kwanga uThixo onguTata wethu neNkosi yethu uYesu Kristu, bangakwenzela ububele,* bakwenzele inceba, bakunike noxolo.
3 Njengokuba ndakucela ukuba uhlale e-Efese xa ndandiza kuya eMakedoni, nangoku ndisakucela ukuba uhlale, ukuze uyalele abanye apho ukuba bayeke ukuza nemfundiso eyahlukileyo,
4 bangamameli amabali obuxoki+ nokuphanda ngeminombo yokuzalwa. Ezi zinto azincedi nganto+ ibe zivusa nje iingxoxo ezingayi ndawo, nezingenanto yakwenza neemfundiso zikaThixo ezomeleza ukholo.
5 Esona sizathu sokuba ndikhuphe lo myalelo sesokuba kufuneka sithandane+ ngentliziyo emsulwa, ngesazela esilungileyo, sinokholo+ olungenaluhanahaniso.*
6 Abanye abantu khange bazihoye ezi zinto, baza baphela sebethetha izinto ezingancedi nganto.+
7 Bafuna ukuba ngabafundisi+ bomthetho, kodwa abaziqondi izinto abathetha ngazo okanye iimfundiso abazinyanzelisa ebantwini.
8 Kodwa thina siyazi ukuba umthetho ulungile xa usetyenziswa ngendlela efanelekileyo,
9 siyazi ukuba awenzelwanga abantu abangamalungisa, kodwa wenzelwe abantu abangenamthetho+ nabangathobeliyo, abenza izinto ezingafunwayo nguThixo nabangaboni, abangathembekanga nabadelela izinto ezingcwele, ababulala ootata noomama babo, nabo babulala abanye abantu,
10 abantu abaziphethe kakubi ngesondo,* amadoda alalanayo, abaqweqwedisi, amaxoki, abantu abafunga bexoka, nayo yonke enye into engavumelaniyo nemfundiso ephilileyo*+
11 engeendaba ezilungileyo nezizukileyo zoThixo owonwabileyo, endizithunyiweyo.+
12 Ndiyambulela uKristu Yesu iNkosi yethu, owandipha amandla, kuba wandithemba waza wandinika umsebenzi ongcwele,+
13 nangona ndandikade ndidelela uThixo, nditshutshisa abantu bakhe.+ Kodwa ke ndaye ndenzelwa inceba, kuba ndandisenza izinto ngokungazi, ibe ndingenalukholo.
14 Kodwa iNkosi yethu yandenzela ububele obungathethekiyo,* ndafumana ukholo nothando kuKristu Yesu.
15 UKristu Yesu weza ehlabathini ukuze asindise aboni.+ Le nto ndiyithethayo ithembekile, ibe abantu bamele bayamkele ngokupheleleyo. Mna ke ndingoyena moni ubodlula bonke.+
16 Kodwa ke, ndenzelwa inceba ukuze ndibe ngumzekelo wendlela uKristu Yesu anomonde ngayo, baze babone kum abo baza kukholwa kuye ukuze bafumane ubomi obungunaphakade.+
17 UKumkani kanaphakade,+ ongenakonakala,+ nongabonakaliyo,+ nonguThixo yedwa,+ makanikwe imbeko aze azukiswe ngonaphakade kanaphakade. Amen.
18 Timoti nyana wam, ndikunika lo myalelo ngokwamazwi awayethethwe ngabaprofeti ngawe, la mazwi aza kukunceda uqhubeke usilwa imfazwe yobulungisa,+
19 ubambelele elukholweni uze ube nesazela esihle+ abaye basilahla abanye, baza baphukelwa yinqanawa yokholo.
20 Abanye babo bantu nguHimenayo+ noAleksandire, ibe ndibanikele kuSathana,+ ukuze baqeqeshwe bayeke ukudelela uThixo.
Umbhalo osemazantsi
^ Othetha ukuthi “Lowo Uhlonipha UThixo.”
^ Okanye “ububele obungakufanelanga.”
^ Okuthetha ukuthi, umntu ozenza ngathi ulilungisa engelilo.
^ Okanye “eluncedo.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “ububele obungathethekiyo nobungandifanelanga.”