Eyesibini YeziKronike 5:1-14
5 USolomon wawugqiba wonke umsebenzi ekwakufuneka awenze kwindlu kaYehova.+ Emva koko wazisa zonke izinto ezazenziwe ngcwele nguDavide utata wakhe,+ wabeka isilivere, igolide, nayo yonke impahla kwindawo yokugcina ubutyebi bendlu kaThixo wokwenene.+
2 Ngelo xesha uSolomon wabiza abadala bakwaSirayeli, zonke iintloko zezizwe neenkosi zezindlu zakwaSirayeli. Beza eYerusalem, ukuze bazise ityeya yesivumelwano* kaYehova kwisiXeko SikaDavide+ eZiyon.+
3 Onke amadoda akwaSirayeli adibana phambi kokumkani, ngexesha letheko* elibakho ngenyanga yesixhenxe.+
4 Beza bonke abadala bakwaSirayeli, nabaLevi bayithatha iTyeya.+
5 Bayinyusa iTyeya, intente yokuhlangana+ nazo zonke iimpahla ezingcwele ezazisententeni. Bazinyusa ke ababingeleli nabaLevi.*
6 UKumkani uSolomon nalo lonke ibandla lamaSirayeli elalibiziwe ngukumkani, babephambi kweTyeya. Iigusha neenkomo ezazibingelelwa+ zazininzi kangangokuba zazingenakubalwa.
7 Emva koko ababingeleli bazisa ityeya kaYehova yesivumelwano* endaweni yayo, kwelona gumbi lingaphakathi endlini, eYona Ngcwele, phantsi kwamaphiko eekherubhi.+
8 Ayethe naa amaphiko eekherubhi ada ogquma indawo eyayikuyo iTyeya neepali+ zayo.
9 Ezi pali zazinde kangangokuba iincam zazo zazibonakala xa ukwiNgcwele, ngaphambi kwelona gumbi lingaphakathi, kodwa zazingabonakali xa ungaphandle. Ziselapho nanamhlanje.
10 Kule Tyeya kwakukho kuphela amacwecwe amabini awayefakwe nguMoses eHorebhe,+ xa uYehova wenza isivumelwano+ namaSirayeli ekuphumeni kwawo eYiputa.+
11 Xa ababingeleli baphumayo kwindawo engcwele (kuba bonke ababingeleli ababekho babezicocile,+ kungakhathaliseki ukuba bakweliphi iqela),+
12 bonke abaLevi ababeziimvumi,+ abaphuma kuAsafu,+ kuHeman,+ kuYedutun+ nababephuma koonyana babo nakubantakwabo, babenxibe ilaphu lodidi, bephethe amacangci, imirhubhe neehadi. Bema ngasempuma kwesibingelelo kunye nababingeleli abayi-120 ababekhalisa amaxilongo.+
13 Kanye ngelo xesha, xa abavutheli-maxilongo neemvumi babedumisa yaye bebulela uYehova kunye, kukhala namaxilongo, amacangci nezinye izixhobo zomculo, njengoko babedumisa uYehova besithi, “kuba ulungile, uthando lwakhe olungagungqiyo luhlala lukho ngonaphakade,”+ indlu, indlu kaYehova yagcwala lilifu.+
14 Ababingeleli abazange bakwazi ukusebenza ngenxa yelo lifu, kuba indlu yoThixo wokwenene yayigcwele luzuko lukaYehova.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “yomnqophiso.”
^ Oko kukuthi, iTheko Leminquba.
^ Okanye “ababingeleli abangabaLevi.”
^ Okanye “yomnqophiso.”